‘Ndithunywe nguThixo’

Sele kuyiminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ikhaya likaNomthunzi Joyce Mali owaziwa ngelikaMangconde eZigodlo eQonce, lathi lajika layindawo yokubalekela kwabo bahlutshwa ziingxaki ezifuna uncedo lomoya.

Lo mama owaziwa kwiimbombo zone zoMzantsi Afrika uthi akwenzayo apha akazenzeli koko uthunywe nguThixo nabantu bakowabo.

“Ndiqale ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga kaTshazimpuzi ngo1981, emva kokugula, ndaxelelwa ngumhakhulu ukuba bandinyule ukuba ndincede abantu, yaqala ngalo mini yonke le ngxaki,” ucacise watsho uMangconde kwikhaya lakhe eZigodlo.

Inkonzo kaMangconde izakuba isenza isikhumbuzo seminyaka engamashumi amathathu anesihlanu iqhuba nomsebenzi wokunceda uluntu loMzantsi Afrika kwimpelaveki esijonge kuyo ekhayeni lakhe.

Iinkokeli zopolitiko eziquka uNelson Mandela, Steve Tshwete, Tito Mboweni kunye noJacob Zuma zikhe zadibana nalo mama.

“Andizixeli zonke iingxaki abantu abazizela kum, kodwa uninzi lwaba bezopolitiko beze kwizikhumbuzo ezahlukeneyo esithi sibe nazo apha,” uthethe watsho uMangconde

Ziinkonzo ezingaphezu kwamashumi amathathu athe wazakha ezinye ezivuselela, ezinye ezinceda ngezitulo zokuhlala.

“Uncedo endilikhupha ngaphandle lusuka kwizicelo zabantu ngelinye ixesha ndiphuphe, kwenye icawa ndaphupha umhakhulu wam esithi mandiyakhe ndiqale ekuqaleni loo cawa ndaza ndenza njalo,” utsho uMali.