‘Nditsho, ndinguThixo’

Qondile Polisana

UQondile Polisana waseQulunqa, eNgcobo ozinze eStrand eKapa, uthi unguThixo uze kukhulula ihlabathi kwizibi zalo ingakumbi izwekazi laseAfrika.

“Nditsho, nangoku ndinguThixo umdali weZulu nomhlaba, ndikhethe ukuba ndize eAfrika kuba ndifumanise ukuba yiyo esengxakini kumazwe ehlabathi, ndizelwe njengani ukuze nindamkele nindiqonde, ndizalwa ngumama uNomamoyintombi Polisana, intombi yamaMpondomise,” utsho uPolisana.

Lo kaPolisana uthi wazalwa ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga yeKhala ngo1982.

“Ndingumntu womoya kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba ndizalwe ngumntu ofana nani, nonke ningabantu bam, umhlaba nembombo zonke ngowam,” uthethe watsho uPolisana.

UThixo ngabula Polisana, waqala ngonyaka ka2010 ukuxelela ihlabathi ukuba ukhona emhlabeni ukuza kuthathela kuye ihlabathi.

“Ixesha ebendingekho ngalo enyameni ndifumanise ukuba abantu bam baphila kabuhlungu ngendlela ezininzi, ndiyakubuyela kwimilo kamoya xa ndigqibile ukukhulula ihlabathi kwingcinezelo yalo,” utsho uPolisana.

Uthi akatshatanga akanalo usapho, kodwa ulindele kwihlabathi ukuba limphe inkosikazi xa sele ewugqibile umsebenzi wakhe.

“Njengazo zonke iiNkosi ndijonge kuni bantu ukuba nindiphe inkosikazi xa sele ndiwenze ndawugqiba umsebenzi wam wokuthathela kum ihlabathi,” uthethe watsho. Le ndoda ingumphangeli wenkampani ebolekisa ngezixhobo zokusebenza eKapa.

Umbhali weencwadi, igqala nesifundiswa kwinkolo yesiNtu uMlawu Tyatyeka, uthi kuninzi ekumele ukuba kuqwalaselwe ngabantu kwezi ngxelo zale ndoda yakwaPolisana.

“Kunokwenzeka ukuba indlela aqonda ngayo uThixo, imenza ukuba azibone yena enguye uThixo ngenene, kukwakho nokuba kanti umntu lo akaphilanga, asikwazi kuthetha nto ipheleleyo,” utsho uTyatyeka.

Ababhali benye yeencwadi ezidumileyo kwihlabathi iBhayibhile bathi ixesha lesiphelo sehlabathi liyakubonwa ngezinto ezingaqhelekanga.

Le ndoda iqale ukuzichaza ukuba inguThixo kwijelo losasazo uMhlobo Wenene kwiCawa egqithileyo.

“Kudala ndimzama uMfundisi uFaleni, kodwa kwimini yokuqala ndizixela kuye wothuka waya kuwa, wabiza uMfundisi uMakhalima,” utsho uPolisana.

Ukanti uFaleni engathethi egameni loMhlobo Wenene neSABC, kodwa ethetha njengomntu ongumfundisi ofumene ithuba lokuthetha noThixo ubuso ngobuso, uthethe wathi.

“Inkolo yobuKrestu inezikroba ezininzi kakhulu, ngoko wonke ubani uyazenzela nokuba yintoni, kodwa ke kwelinye icala uYesu wayebuzwe le mibuzo siyibuza kuPolisana, nakuNowa abantu babuza imibuzo efana nale siyibuzayo,” uthethe watsho uFaleni. Lo kaFaleni uthi ubona indoda ephilileyo entloko, engenangxaki yangqondo kulo kaPolisana.

UPolisana uthi amadini anyuswa luluntu ngokwenza amasiko yenye yeendlela abantu abathetha naye ngayo. “Bahlala bebiza igama lam elithi Qamata xa bethetha phaya emaxhantini, lo nto ayindiniki ngxaki kwelam icala, ngabantu bam aba,” utsho uPolisana.

Uthi ujonge ukusebenzisa amajelo eendaba ngamandla ukuxelela abantu ngobukho bakhe emhlabeni, uthi uSathana uyabaleka apho yena asondele khona.

“Lowo uyabaleka ukuba ndikhe ndasondela kwindawo akuyo, uyalazi ityala lakhe, abantu bangaqhubeka bethetha nam ngolu hlobo bathetha ngalo,”utshilo uPolisana.

Uthi akanayo icawa akhonza kuyo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za