Akukho nto ithandwa nethakazelelwa yinja ukogqitha ukukhukuza ithambo. Lithi nangoku ithambo sele lingenanyama, limhlophe qhwa, inja ingaliyeki, uyibone ilele ngecala, ilingqavula ililenca ngomdla ogqithisileyo, kangangokuba ide ivuzise nezincwe.
Xa ujonge lo mbono, awunakuze ulibale ukuba elo thambo lisaphethe inyama. Nokuba ke umntu akanakuze asazi isizathu sokunambitha kwenja ithambo nangona selimpuluswa, endiqiniseke ngako kukuba inja ingathi ukuze ilincame ithambo, sukube izame kangangoko inako ukulifumana ide iphelelwe ngamandla.
Oku kuncanywa kwethambo yinja ilithanda, ndikufanisa nabo phakathi kwethu bangamathandazwe bahlala bezama ukucenga isizwe ukuba sibe sesimanyeneyo, esixhasanayo nesiphakamisanayo, nto nje ngenxa yokungasatyelwa kweenzame zabo, nabo baphele benikezela, bencama nangona isizwe besasithanda. Kutheni ndisenza olu zalwano lolwalamano nje?
Inja ilixabisile ithambo ngenxa yencasa yalo nokugcina kwalo loo nja ixakeke koko ikuthandayo.
Kwelinye icala, amathandazwe angabakhi besizwe akholose ngokubona inkqubela-phambili esizweni, kuba kaloku ukuphuhla nokuphakama kwesizwe, kuwavisa kamnandi kwaye kuyawonwabisa.
Ngenxa yokungaziphumezi iinjongo zokusimanya isizwe, iinjongo zokusiphuhlisa nokusiphakamisa isizwe, loo mathandazwe aphela encama esoyisakala, anikezele engasakhathali nokuba isizwe sele sisiya kwantshabalala, enikezela exela inja incama ithambo ilithanda.
Ingaba bethu zinto zini ezityhafisa abo bakholose ngokwakha isizwe ekubeni bethe amandla ekuqhubekekeni besakha isizwe? Phakathi kwezo zinto ndingakhankanya ubundlobongela, ubugwinta, ubudlwengu, ukudodobala kweenqobo zamasiko ethu, ukuphela kokuxabisana phakathi kwabantu, ukuphela kobuntu, ukuba ziintsalu kwabantu, kwanokuxheshela iilwimi, ubomi namasiko ezinye izizwe ngaphezu kwezo sazishiyelwa ngookhokho bethu.
Ngaphezu kwawo onke la mabakala abulala isizwe ndiwakhankanya ngentla apha, ngokunokwam ukucinga okanye ukubona, akukho nto igqiba isizwe sikaXhosa ukogqitha umona. Andithethi mona uyikofu zidwesha zakuthi, ndithetha umona othwele intsingiselo yokungamboneli nto intle omnye umntu.
Ndithetha umona wokumnqwenela okubi omnye umntu, umona ozalwa kukukhuphisana endaweni yokuphathisana, umona oqulethe iinjongo zokwenza nantoni na ukuze omnye umntu angaphuhli okanye angaphumeli ngaphezu kwakho wena mntu ungumonashe.
Bambi kuthi bajonga izizathu nemingeni esuka ngaphandle engenelela kwisizwe sethu njengezinto ezingumbulala-zwe, kanti xa unokuhlala phantsi uzikise ukucinga, akukho mbulala-nkqubela esizweni unokodlula umona nokumonelana.
Kungentsuku zatywala, imizi ngemizi elahlekileyo iza kukhuphisana ngokuhonjiswa kuvetwe iindonga ngemibala ngemibala embeje-mbeje kulungiselelwa ikrisimesi, nangona imizi yabona bantu beza nolu luvo lokubhiyozelwa kwekrisimesi bengayinanze ndawo into yokuchitha imali kuvetwa kuhonjiswa imizi.
Ngena kwiilokishi nakwiilali zethu maXhosa, ufika kukhutshiswana ngamawethu ngokuba ngowuphi umzi osebenzise eyona kalika okanye ipeyinti edulu nexabisayo ukogqitha eminye.
Wofika kubukwa abantwana bethu abanxibe iimpahla zikanokutsho zekrisimesi kuxoxwa ngabona banxibe iimpahla ezidulu ezinamagama amakhulu, babe abantwana basemzini bengenayo kwaloo mfeketho yokunxiba iimpahla ezithengelwe ikrisimesi.
Oku kukhuphisana kwethu ngezinto, kuquka ukukhuphisana ngenkangeleko yemizi, izindlu, iimoto, imfundo yabazali nabantwana, imfuyo, izinxibo, njalo njalo, kuzala ukumonelana. Umona uzala ntoni?
Umona uzala ukunyembana, umona uzala ulunya phakathi kwabamelwane, phakathi kweentsapho, phakathi kwezalamane, phakathi kwezihlobo, naphakathi komntu nalowo azalwa naye. Konke ke oku kukhokelela kweyona nto ibuhlungu, ukuthakathana nokubulalana.
Umbone umntu obefundile ephumelele sele eligeza elitya emigqomeni. Uve kusithiwa umzi wasemathileni obesele wakhiwa walipomakazi uneempahla zikanokutsho uthunyelwe uvutha watsha kwalilahle.
Oonyana neentombi zethu babulawa ngeengozi zeemoto kuba kumonelwa oko kuqhuba kwabo iimoto abazisebenzele nzima. Imitshato iyaphela, iintsapho ziyaxhelana, emisebenzini nasezityalikeni kumonelwana kubulawane ngezikhundla.
Zeziphi izizwe ezithakatha zide ziphambanise abantu ngokubafaka izinto ezibizwa ngamafufunyane ingesithi?
Zeziphi izizwe ezithi umntu akuzizamela aqalise ishishini nokuba leleeteksi, iishibhini, izirhoxo, iivenkile zokutya neempahla baze abanye abamelene naye okanye abazalana naye bangamlinganisi ingesithi?
Endaweni yokuba sisebenzise obu bugqindini bokuthakatha siziphuhlise sibe sisizwe esityebileyo njengezinye izizwe, sibusebenzisa ngokubulalana nokuchithana sodwa kuba iingqondo neentliziyo zethu zizele ngumona. Siya kuthi ukuze sime okanye siphumelele isizwe sikaXhosa umona siwunyhashe siwungcwabe siwutshabalalise kwiintsapho zethu, kwintlalo yethu, nakwisizwe sethu ngokubanzi.
Ukuba asinakwenza njalo, kuphelile ngathi, kwaye ndakunincama ukungaqiqi ndixel`inj`incam`ithambo!
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party