Mandithathe eli thuba ndibule kumaqhawe angamatsha-ntliziyo nemibutho yawo ngokuqinisekisa ukuba xa kunamhlanje, thina bemi boMzantsi Afrika sixhamla ubomi benkululeko kweli lizwe lookhokho bethu.
Kaloku la maqhawe ngalawo asaphilayo kwanalawo alele ukuthula aphuma kwimibutho yezopolitiko efana neANC; iPAC; iAZAPO; iBCM; iUDF; iSACP; iCosatu neminye. Ngenxa yaloo maqhawe nemibutho yawo xa kunamhlanje nomntu ontsundu unalo ilungelo lokuvota; ilungelo lokufunda asebenze naphi na; ilungelo lokulingana nohlanga lwasemzini ngokomthetho, iinkonzo zikawonke-wonke, nkqu nakumathuba engqesho nemisebenzi.
Ngenxa yaloo maqhawe, amaqhawekazi nemibutho yawo, xa kunamhlanje umntu ontsundu ubuyelwa yimihlaba eyahluthwayo, umntu ontsundu akasahambi ethe qhiwu incwadi yedompasi eyayimenyelisa ixhaphaze nesidima sakhe.
Xa kunamhlanje wonke umntu, kungakhethe bala, angathenga nakuyiphi ivenkile, akhwele nasiphi isithuthi sikawonke-wonke, kwaye ahlale nandawoni na apho athanda khona kweso sithuthi, angahlala nakweyiphi indawo okanye ihotele azikhethele yona.
Ngenxa yenkululeko alisekho ihlazo lokusetyenziswa kwezindlu zangasese ezahlukileyo phakathi komntu ontsundu nomhlophe, kwaye umntu angazeka kungenjalo kwendiselwane nakuluphi na uhlanga athande kulo. Nangona amanani engekancumisi kuya phi kwezemidlalo, kodwa ngenxa yedabi lenkululeko umlisela nomthinjana ontsundu ukwazile ukungena nokugqama kumaqela esizwe ombhoxo, iqakamba neminye. Inene, mna ndixhamla inkululeko, andazi wena!
Umhla nezolo xa ndisiya enkomeni, ndidlula kuzo zonke izitalato kumi umlisela ontsundu ezikoneni nangakwiirobhothi. Abemanga apho ngakuthanda, bemi ngeenjongo zokubizwa nangubani na ogqithayo, abanike nokuba ngumsebenzi wosuku, ukuze ngolo suku kulale kutyiwe ziintsapho zabo.
Kuyakuthi kwakumisa isithuthi sifuna nokuba mnye okanye babini kwelo hlokondiba lilapho lingenamsebenzi usisigxina, ufikelwe lusizi xa ubona ootata bemizi, amadoda, nabafana bomzi ontsundu begxalathelana kugilwana, unge ubona ooxam bephaxulana ukuya kweso sithuthi, ingulowo efuna kuthathwe yena ukuze asebenze afumane imali yokugxotha indlala. Inene mna ndixhamla inkululeko, andazi wena!
Ngokophando lwakutsha nje lweIDASA malunga nomakulingwane kwiindawo zemisebenzi, kuvele iziphumo ezithi kuninzi lwezikhundla zolawulo kwimisebenzi emininzi kweli lizwe loMzantsi Afrika, kwisigqeba solawulo, abaphathi, iintloko kwaneebhodi zabalawuli, abona bantu baninzi ngabantu basemzini.
Kuninzi lwemisebenzi esisebenza kuyo nabantu basemzini kusetyenziswa ubukhulu becala iilwimi zabo zasemzini ezifana nesiNgesi nesiAfrikansi. Oku kubangela ukuba kwiingxoxo ezibalulekileyo ezingomsebenzi, umntu ontsundu ongazichani kakuhle iilwimi zasemzini ashiyeke ngasemva. Ngokusetyenziswa kwezi lwimi zasemzini emisebenzini nakumaziko athile emfundo, umntu nomntwana ontsundu bavinjwa amathuba okugqama nokukhula kwezo zikolo nakuloo misebenzi.
Xa unethuba uzukhe uncede uye kwizikolo ezilawulwa ngabantu basemzini, nekufunda kuzo abantwana abaninzi basemzini negcuntswana elintsundu, ujonge izixhobo zokufundisa, oovimba bokufundisa, izakhiwo, amabala okudlalela, uthelekise nezikolo ekufunda kuzo abantwana abantsundu, inene uya- kundingqinela xa ndisithi, mna ndixhamla inkululeko, andazi wena!
Yiya kuninzi lweendawo ezihlala abantu basemzini, ujongisise indlela abahlala ngayo, ucoceko olukwezo ndawo, ukuphola komoya weendawo abahlala kuzo, ukuphangalala kwemihlaba yabo nezitalato zabo ezibanzi, ingakumbi kwiindawo ezifana neMidrand, iCenturion neWaterkloof (eGauteng) kunye neendawo ezifana neKnysna; Wilderness; Sedgefield; Mosselbay neConstantia eNtshona Kapa, uze uzithelekise neendawo zabantu abantsundu ezimelene nazo.
Ndiyakuthembisa ungathi wakuzijonga ezi ndawo uzithelekise, uqale ngokubona ukuba ubutyebi, ubomi bobuncwane, ukuhlala ngoxolo nangokukhululekileyo okanye ngokukhuseleka okuqinisekisiweyo, zonke ezi zinto zikwiindawo ezihlala abantu basemzini.
Umntwana ontsundu uhlala kwiindawo eziqhuma uthuli, izindlu ezixineneyo, kwiindawo ezingenankonzo zizinzileyo zokhuseleko, kwanezokunikezwa kwamanzi nokucocwa kwelindle. Mntakwethu, dadethu, ndiyaphinda, mna ndixhamla inkululeko andazi wena!
Kweli nqaku mawethu ndicazulula le nkululeko sasithenjiswe ngayo, sisilwa side sincame iminyango yemfundo, kuvalelwe abantakwethu noodadewethu baxhatshazwe ezintolongweni, kubulawe kalusizi, kuvalelwe kuze kutshutshiswe amaqhawe akowethu ayesilwela thina ukuze sikhululeke.
Phila ngonaphakade moya kaBra Steve Biko; Cde Chris Hani; Albertina Sisulu; Oliver Tambo; Nelson Mandela; Robert Sobukhwe; Solomon Mahlangu; Lilian Ngoyi; Edgar Ngoyi; Fort Calata; Matthew Goniwe; Ruth Mompati; Qaqawuli Godolozi; Toni Mgweje; nabanye, umoya wenu mawuphile ngonaphakade, sisajonge enkalweni maqhawe nani maqhawekazi akowethu! Wakhalim`umam`uLetta Mbulu: “Not yet uhuru!” Walek`uToivo ya Toivo: “Aluta Continua!”
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike