‘Ndiyanqanda maHlubi’

UNkosi Mwelo Nonkonyana

Usihlalo wendlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana, ubongoza iiNkosi zesizwe samaHlubi ukuba zisebenzisane norhulumente ukunyanzela umthetho wolwaluko iCustomery Male Initiation Practise Bill.

Oku kusemva kokuba kuvele iingxelo zokuba iiNkosi zesizwe samaHlubi azivumelani namasolotya athile kulo mthetho ngoku kodwa malunga neminyaka yokufakwa kwamakhwenkwe eSuthwini.

Ethetha ngale ngxaki umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli eMpuma Koloni, uFikile Xasa, wacacisa wathi ngalo mcimbi:

“Ingxaki yabo ithi bona bolusa umntwana oneminyaka elishumi elinesithandathu, logama umthetho wona unyanzelisa ukuba abantwana boluke ukusukela kwiminyaka elishumi elinesibhozo, ilele kulo ndawo ingxaki,” wacacisa watsho uXasa.

UNonkonyana kwelakhe icala uthi bazamile ukuthetha neeNkosi zesizwe samaHlubi malunga nalo mcimbi.

“Bendicele ukuba balinde ithuba lokuba bafake isihlomelo apha emthethweni ukuze kwenziwe ezo nguqu zinokwenza ukuba baneliseke nabo besisizwe samaHlubi, ikhona inyoba enjalo,” uthethe watsho uNonkonyana.

Lisiko lidala kumaHlubi ukuba abantwana bangene esuthwini beminyaka elishumi elinesithandathu, kwaye esi sizwe asinazo iingxaki ezingako zokubhubha kwabakhwetha.

“Kwingxoxo yabo bathi bolusa abantwana abaminyaka elishumi elinesithandathu kuba basalawuleka xa bekweli nqanaba, siyayihlonipha lo nto, kodwa makusetyenzwe ngokomthetho bafake isicelo sesihlomelo,” wathetha watsho uXasa.

Lo mthetho (Customery Male Initiation Practise Bill) ubonwa ngabaninzi njengecebo lokulwa iingxaki zokubhubha kwabakhwethwa eMpuma Koloni.

“Ngalo mthetho sizama ukuvala imbubhane yabakhwetha eMpuma Koloni, ngoko sicela ukuba uthotyelwe, ndiyanqanda maHlubi,” ubongoze watsho uNonkonyana.

UNonkonyana uthi uzakumemelela iindibano phakathi kweNkulumbuso uPhumullo Masualle, umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uFikile Xasa neeNkosi ezichaphazelekayo malunga nale ngxaki.

IMpuma Koloni isoloko ihamba phambili kumanani okubhubha kwabakhwetha esuthwini xa ithelekiswa namanye amaphondo.

Ingxelo yesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli kuquka nendlu yeeNkosi ziqinisekise ukuba lisaqhuba kakuhle isiko lokwaluka.