Ndiyaqala ukunxiba impahla yesikolo entsha

“Ndiyaqala ukunxiba impahla entsha yesikolo epheleleyo, impahla endizinxibayo ubukhulu becala ndiyaziphiwa ngoba ekhaya asikwazi ukuthenga impahla entsha yesikolo” Oku kuthethwe nguAphelele Piet (11) ngethuba esamnkela impahla yakhe yesikolo entsha nabanye abafundi kwisikolo samabanga aphantsi, iZamukukhanya, eDonqaba, – apho bebesambeswa ngeyunifom yesikolo.

Olu sizana lo mntwana uAphelele Piet ebengavumi kukhulula impahla yakhe endala kuba ebefuna ukwazi ukuba kuzakwenzeka ntoni ngalo mpahla yakhe endala. Itishalakazi yakhe, uNomatshayina Molose, uyakungqina oku esithi le nkwenkwe isoloko isesikolweni nangona inxiba impahla edlakadlaka. “Undixelele ukuba nanamhlanje oku uze esikolweni engatyanga, kodwa kuba kukho ukutya abakufumanayo apha esikolweni, noko abalambi apha esikolweni,”utshilo uMolose.

U-Aphelele uxhamle nabafundi abangaphezulu kwekhulu besi sikolo sakhe ngethuba kuphiswa ngeeyunifom ngusekela Mphathiswa wesebe Logutyulo lelindle naManzi, uPam Tshwete.

Ethetha kulo msitho, uTshwete, uthe benze oku emva kokufumana isicelo esisuka kwinqununu yesi sikolo.

“Sizise ezi zinto apha silandela isicelo senqununu, ukusukela phaya ngenyanga kaMeyi kulo nyaka, oko sizama ithuba lokufika apha ukuze sincede aba bantwana,” utshilo uTshwete.

Uthi ziingxaki zabahlali ezibangela ukuba bathathe isigqibo sokuxhasa esi sicelo sale nqununu. “Sikhawulelene nemizi engakwazi kufikelela kuzo zonke izinto kuba eminye imizi abafikeleli kuzo zonke izinto ngale mali bayamkeliswa nguRhulumente,” utshilo uTshwete.

Uphuma kwikhaya elibantwana bathathu futhi elinomzali [mama] ongaphangeliyo u-Aphelele, lo nto yenza impilo yabo ixhomekeke kwizibonelelo zikaRhulumente.

“Impahla ebendizinxiba esikolweni bendikade ndiziphiwa ngumama kaDeon kuba zincinci kuDeon,” utshilo engcwengisa iinyembezi uAphelele.Izihlangu ebeziphiwa zizidala arhuqe aye esikolweni, itshilo ingxelo.