‘Ndiyasamkela isigwebo, kodwa asizukubuyisa umama’

ULuyanda Dukumbana, unyana kaLieutenant Colonel Nomalizo Dukumbana owadutyulwa wabhubha ngo2013, uthi noxa nje begwetyiwe abo babulala umama wakhe, kodwa oko akuzukubuyisa umphefumlo wakhe.

UDukumbana (53), owayengumasitishi kwisikhululo samapolisa eXhorha, wadutyulwa kweyoMnga ngo2013 kwiyelenqe elaliphekwe ngoogxa bakhe ababini besebenzisana noyena mntu owathulula iimbumbulu kule nkosikazi.

Ngokokutsho kweGunyaBantu lezoTshutshiso, uDukumbana wayengcatshwe ngoogxa bakhe uWarrant Officer Phumzile Ngqayimbana kwakunye noConstable Noxolo Matya kuba wayeqhuba inkqubo yoluleko ngakuNgqayimbana.

UNgqayimbana noMatya basebenzisana noSiyamcela Ntshintshi nowadubula wabulala uDukumbana.

ULuyanda uthe: “Kusebuhlungu kwaye kusenzima ukungabinaye umzali. Bekubuhlungu nokumane ndibona la madoda abulala umama xa evela enkundleni eMthatha. Ndiyavuya umthetho ubafumene benetyala yanga bangachitha ubomi babo bonke ejele nangona umama bengazukumbuyisa nje.”

UMatya walivuma kwangoko ityala, wagwetywa ubomi ejele. Emva kweminyaka bephika, inkundla ephakamileyo yaseMthatha ifumene uNgqayimbana noNtshintshi benetyala.

UNgqayimbana kuthwa wayekholelwa kwelokuba uyazondwa ngumphathi wakhe kuba engazange ahoye uphango olwalusenzeka kwivenkile yakwaSpar eXhorha elalichazwe esikhululweni ngoonogada bevenkile. UNgqayimbana wabandakanya uMatya kweli qhinga lakhe lokubulala uDukumbana ekubeni ajonge kwanyathelo alenzayo.

Isithethi sooKhetshe ephondweni uKapteni Anelisa Feni uthi, uNgqayimbana kwakunye noNtshintshi ngethuba bevela enkundleni bebesoloko bephika besithi ityala abanalo de inkundla yabafumana benetyala. Isigwebo sesi sibini sakuwiswa ngomso umhla wokuqala eMthatha.