“Ndiyawonyanya amapolisa! Yhini ukuthatha umphefumlo katata engamoshanga mntu.”
Oku kuthethwe nguSilondoloze Fana (21), oyintombi kaThembekile Fana (62) odutyulwe wabhubha ngamapolisa ngethuba yena nenkungula yabahlali bakuQoboqobo bebebambe uqhankqalazo kule dolophu ngoMvulo weveki ephelileyo.
UFana, obengunoteksi ekwangusihlalo wombutho iSouth African National Civic Organisation (SANCO) phaya ekuhlaleni, ebeyenye yeenkokeli ebezikhokele iilali eziliqela zakuQoboqobo, ngelinyanzelisa umbuso ukuba uqwalasele imeko yeenkonzo kummandla wakuQoboqobo, ingakumbi iindlela.
Iingxelo zithi uThembekile udutyulwe ngeembumbulu ngamapolisa, izithonga ezithathu. Uthe akudutyulwa waphakamisa izandla, ebonakalisa ukuba akanabungozi. Uthe akuphakamisa izandla, amapolisa amdubula ngeembumbulu ezimbini, enye kwezombumbulu ifunyenwe entliziyweni ngethuba lokuqhaqhwa komzimba.
UThembekile udutyulelwe ehlathini ngamapolisa, emva kokuba la madoda ebaleka amapolisa.
USilondoloze uthi kunzima ukwamkela ukubhubha kukatata wakhe, ingakumbi ebulewe ngamapolisa.
“Sibuhlungu kuba besisandula ukulilisana namapolisa ngoku ebebulewe eNgcobo, sitshintsha imifanekiso yethu kooFacebook sifaka eyamapolisa ukubonakalisa ukuvelana nawo. Ngoku ndiyawonyanya amapolisa,” kutsho uSilondoloze.
“Utata uphume endlini enxibe iimbadada, ukubonakalisa ukuba ebengayolwa, koko ebefuna uphuhliso kurhulumente.
“Ngoku amapolisa abulele utata wethu, ebesele sishiyeke naye kuphela kuba umama wasweleka. Utata ebesithanda kakhulu, ethetha xa kukho into angayithandiyo. Ebeliqhawe lethu utata,” utshilo uSilondoloze.
Yena uXolani Mpangeva, obexelenga noThembekile kwaBorder Alliance, uxelele abazili kumngcwabo wale nkokeli izolo, ngendlela awayendlongondlongo ngayo amapolisa ngala mini.
“Amapolisa amane afika mna noThembekile namanye amadoda amabini sizimele emlanjeni ehlathini. Ukufika kwawo athi ‘masidubule ezinja’. Zatsho iimbumbulu, nam andifika. Kungekudalanga ndeva ngoThembekile esithi ‘andifikile apha entliziyweni’ wabe sele egroxoza.
“Emva kokuba emdubule, amapolisa asinyanzela ukuba simphefumlise kodwa sabe sele sibona ukuba kuphelile ngaye,” utshilo uMpangeva.
UThembekile ungcwatywe izolo, kwinkonzo ebinkulu izinyaswe nguMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi uFikile Xasa, uNobhala weANC uLulama Ngcukayitobi, iinkokeli zombutho weteksi iBorder Alliance kwaneenkokeli zeSANCO.
Ekuseni izolo, ikhaya livukele kwindawo yexhwayelo abhubhele kuyo layokumlanda ngokomoya phambi kokuba ayokungcwatywa.
Umntakwabo Thembekile, uMpumelelo Tali, uthe: “Umntakwethu ibiyindoda emamelayo, enoxolo nethanda ukuba umbandela uxoxwe phambi kokuba kufikwe kwisisombululo.”
Ngethuba I’solezwe belityelele iLower Gxulu ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, indlela eya kwaFana ibizindonga kunzima ukuhamba. Kodwa izolo, indlela ibibonakala njengaleyo isandula ukulungiswa.
UThembekile ushiya ngemva abantwana bakhe abane, kwanonkosikazi wakhe wesibini. Umba wokudutyulwa kwakhe uyaphandwa ngukhala wamapolisa i-Independent Police Investigative Directorate.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!