‘Ndiyayitshintsha ikhabhinethi’

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle ethetha noonondaba eBhisho Umfanekiso: BHEKI RADEBE

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uqinisekisile izolo eBhisho ukuba uza kwenza utshintsho kwikhabhinethi yakhe kungekudala, ukuvula umtyhi kwisankxwe seANC ephondweni ebimtyhola ngokutyeshela imiyalelo yokuba atshintshe abaphathiswa bakhe.

Umbutho iANC unike uMasualle le veki kuphela ukuba enze utshintsho kwikhabhinethi yakhe.

“Ndingaqinisekisa ukuba ndizibambile iingxoxo neANC malunga notshintsho lwekhabhinethi yephondo, kwaye oko kuza kwenzeka kungekudala. Siza kuzikhupha izimemo koonondaba kungekudala, ukuze sibhengeze ngokusesikweni izigqibo zethu,” utshilo uMasualle.

Noxa nje uMasualle engavumanga kuxela abona baphathiswa baza kuchaphazeleka kolu tshintsho, I’solezwe likholelwa ukuba phantse isiqingatha sekhabhinethi kaMasualle singachaphazeleka kolu tshintsho.

Aba baphathiswa baquka uSakhumzi Somyo (wophuhliso loqoqosho kwakunye nezezimali), uMlibo Qoboshiyane (uphuhliso lwamaphandle), Thandiswa Marawu (ezendlela nemisebenzi yoluntu) kwanoNancy Sihlwayi (uphuhliso loluntu).

UMasualle uxelele oonondaba izolo, ukuba iqela lakhe labaphathiswa abalishumi “lisebenze ngendlela engummangaliso” ukusukela ngonyaka ka2014.

“Nditshilo ngaphambili, ndisatsho nangoku, okokuba sibeneqela labaphathiswa bephondo abasebenze kakuhle kakhulu ukutshintsha impilo zoluntu kweli phondo. Ewe, zikhona ezo ndawo, apho iANC ibona ukuba zifuna utshintsho,” utshilo uMasualle.

Kwiveki ephelileyo, oonobhala bephondo kunxantathu weANC bakhuphe imbalelwano betyhola lo kaMasualle nabanye babaphathiswa ngokujongela phantsi iinkqubo zombutho, besithi “uyadelela”.

Kwingxelo yangaphambili, uNobhala weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukayitobi waxelela I’solezwe ukuba utshintsho lwekhabhinethi yephondo balenza ngenxa yokungabikho kwentsebenziswano phakathi kweANC kwakunye neNkulumbuso kuquka neqela labaphathiswa abathile.

“Urhulumente waseMpuma Koloni ukhokelwa yiANC, ngoko ke ukusebenza kwabaphathiswa bephondo kufanele kube phantsi kohlolo lweANC ephondweni. Ukuqhubeka kwendelelo eyenziwa yiNkulumbuso kwakunye nabanye babaphathiswa sokuze kunyamezeleke,” utshilo uNgcukayitobi.

Ephendula kwizityholo zokuba “uyadelela”, uMasualle uthe: “Ndingayihleka kuphela lo nto, kuba akukhange kubekho into enjalo.”

“Lisiko leANC lokuba iphengulule abathunywa bayo, ukuze ibone ukuba ingatshintsha phi. Ndiqinisekile ukuba izixelile ezona zizathu zibangela utshintsho lwekhabhinethi,” kutsho uMasualle.

UNgcukayitobi waxelela I’solezwe, kwakhona, ukuba: “Ngokokubona kwethu, izindululo esiphume nazo kwinkomfa yephondo yombutho wethu nyakenye, asiqondi ukuba ziza kumiliselwa ngulo rhulumente wephondo.”