‘Ndiyazidla ngokukhulela ezilalini’

Emva kokubona iingxaki ezijamelana nabantwana basezilalini, naye engunolali, uSiphokazi Nkele ongusomlomo kumasipala waseNgcobo, wagqiba kwelokusungula umbutho ozimeleyo obizwa ngokuba yiNolali Foundation.

Lo mbutho ujongene ngqo nokuphuhlisa abantwana abaphuma ezilalini.

Ethetha kumsitho weti yamanina obuququzelelwe yiShevolution eMthatha Dam, uNkele uthi ngumnqweno wakhe ukubona abantwana abaphuma ezilalini, ingakumbi eMboleni indawo ebizwa ukuba kuseMaqabeni apho aphuma khona, bephumelela befana naye.

Umnqweno kaNkele kukuba ngumzekelo kubanye abantwana ingakumbi abo banephupha lokufunda kuba befuna ukutshintsha iimeko zamakhaya wabo.

“Imfundo sesona sixhobo sempumelelo. Ndiyazidla ngokukhulela kwam ezilalini, akukho nto ndiyisolayo. Ubunzima ndigagene nabo ekukhuleni kwam kodwa ndanyamezela, kuko okuthe kwandibeka kule ndawo ndikuyo namhlanje,” utshilo uNkele.

INolali Foundation yakhe sele iqalile ukubona iziqhamo kuba sele bebabini abantwana abafundiswe nguye eyunivesithi, bathwala izidanga ebaqale kunyaka wokuqala.

Uthi akajongenanga kuphela nokufundisa abantwana eyunivesithi, uyakwazi nokubeka into esiwa phantsi kwempumlo kwikhaya angesiso nesihlobo kuso xa ethe wabona imeko imbi.

UNkele uthi iilali zaseMboleni eNgcobo, isezeziya abantwana abangamantombazana basengamaxhoba okuthwalwa ngamadoda abangawaziyo. Uthi eMboleni abantwana abangamantombazana bathi xa besexesheni baqhusheke amalaphu, kuba bedinga iiSanitary Towels.

UNkele ukwadlulise umyalezo ongqwabalala kubantwana abangamantombazana esithi mabohlukane nokuxhomekeka emadodeni kuba befuna ukuphumelela.

“Mabafunde ukuzimela bahlukane nokuxhomekeka babengamaxhoba okubulawa kwanokudlwengula kwangabo bathandana nabo kuba bazinikezele kubo, kwaye bafuna nokufikelela kwabanye,” utshilo.

Uvale ngelithi amanina mawaziqhelanise nokufunda iincwadi, ingakumbi ezo zijongene nokuziphuhlisa.