Ndiza kuzibalela ngokwam imali, utsho ongaboniyo

Lufikelele esiphelweni uqeqesho labantu abangaboniyo oluthathe iinyanga ezintathu kummandla owawufudula usaziwa njengeTranskei.

Olu qeqesho beluqhutywa yinkampani yaseRhawutini ebizwa ukuba yiSouth African Mobility for the Blind kwaye luququzelelwe liqumrhu labantu abangaboniyo nabakhubazekileyo elizinze eKwezi eMthatha iAssociation for and of Persons with Disabilities.

Olu qeqesho belugxile kwiindlela zookuva ukwahlukana kwemali engamaphepha (money template), ukusebenzisa intonga yokuhamba kunye nokusebenzisa isixhobo sokuva ubungakanani bobushushu.

Okona kwenze olu qeqesho luphelele izolo lwabaluleka nangakumbi ngokutsho kwabantu abangaboniyo bebefundiswa ngokohlukana kweendawo abahlala kuzo.

Abantu abafumene uqeqesho basuka kwiindawo ezifana neNgqeleni, Mt Frere nezinye. Bebonke abaxhamleyo balishumi nesine(14), kweli nani ishumi elinanye ngamanina.

UNyanna Mokgale obeqhuba olu qeqesho uthi bebegxeleshe imiceli mngeni abantu abangaboniyo abadibana nayo umhla nezolo.

“Abantu abangaboniyo abakwazi kuhamba ngokukhululekileyo kwiindawo abahlala kuzo. Ukugqiba olu qeqesho kuthetha ukuba bazoyeka ukuxhomekeka ebantwini ukuze bahambe, bazokwazi nokuzibalela imali engamaphepha, bayeke ukuba ngamaxhoba okuqhathwa, ukanti sibanike izixhobo zokuva ubungakanani bamanzi xa umntu ezenzela iti yakhe emakhaya. Uqeqesho lubeyimpumelelo, kwaye sirhalela ukunyuka kwenani labantu abazimelayo” kutsho uMokgale.

UNobuntu Mtako (56) welali iMandlovini eNgqeleni nowahlaselwa kukugula wagqibela engaboni ngamehlo uthe: “Andizuphinda ndiqhathwe ngabantu, ndiza kuzibalela imali yam, ndiza kuzenzela iti, ukanti nokuhamba andizuphinde ndisokolise mntu ukususela namhlanje bazophumla abantu.”

Omnye obezimase olu qeqesho uMafolandile Tukuma (28) welali Shinta eMt Frere uthi uqeqesho lumncedidsile kakhulu ebomini bakhe.

UTukuma uthe: “Ndaphazamiseka kakhulu ebomini yile meko yokungaboni ndizoqapheleka esikolweni sele ndimdala. Kususela namhlanje ndizozihambela.”

Nangona imitsi isenziwa ukulungisa imeko yabantu abakhubazekileyo kodwa lo mbutho uthi urhulumente nabantu basekuhlaleni abenzi ngokwaneleyo ukulungisa le miceli mngeni.