Ndlela ntle Tshawe!

Umsebenz’omhl’uwenzile, Kwaye thina bonomthina sifundile, Kuba kaloku wen’usifundisile, NgoMhlobo * ’usincedisile.

Qhubeka k’uye phambili, Ngokukhonz’isizwe siye phambili, Sibenab’abahlali ngaphambili, Kwenzek’inkqubela phambili.

Kunye nesininz’uye wazibandakanya. Nelam’igam’ukhe walikhankanya. Nditsho mna nto ka “Mafan’uyingwenya. Umnt’ongasoz’umbon’enolunya.

Uthethile yen’umntaka Mnci. Wabhodloz’amahlebo seva. Wawaxel’amanani sakholiseka. Ukub’inen’isizwe simelwe.

Uyingqwel’uyingquphula. Uyinkalakatha mfo kaMafani. UnguSigelekeqe mfo wasemzini. Uyingqagara Putco.

Thina nto ziqonday’asiboni lahleko. Thina bonokrawuzana sibon’utshintsho. Iingqondo zizaliswe ngal’uzinzo. Kungabi nakutshixiza kwamazinyo. Phambili BEE yoMhlobo phambili! Umbok’emlonyeni boobhutiza! Kuf’ayayo Skeem kuMhlobo, makuyiwe! UTHIXO AKAWALIBALI AMADINGA ETHU