Ndlela-Ntle Zola “The Tall Affair, Mfana Mfana” Majiza

Zola The Tall Affar, Mfana Mfana Majiza

Phakathi kwabantu endafikela kubo eRadio Ciskei ngo Disemba ka1987; kwakukho ixhwangusha lomfo owayethe ncothu, enomkhitha, emhle, enoncumo olubanzi namazinyo amhlophe qhwa.

Le ndedeba yayikwaliqhula nto leyo yayinganqabanga kubalingane bam phofu ke jikelele e-CKI ngoko.

Ndaphawula into yokuba * -Tall Affair Mfana Mfana Majiza wayekwa nguphopho kumculo weJazz phofu ke ekwalihasa ekudinjazwa kulo zonke iindidi zomculo kuba wayesebenza nje ngeMusic Compiler, umdidiyeli-mculo.

Sasisadlala ii-Records ngoko emoyeni zaza ii-CDs zalandela sele esiqhuba uTall Affair ngeeRecords zeendidi zonke zomculo.

Enye yezinto endazifunda kuTall Affair kukuthanda umsebenzi nokuxabisa impangelo, ngokuba wayengonqeni ukuthi nokuba iqegu alikho athi chuuu ngenyawo ukusuka endlwini yakhe eBisho ukuya e-Radio Ciskei, ngelo xesha elityile ilaphu, hayi kancinci, ngokuba wayeswenka kanobom lomfo wasemaZizini.

Xa ebukana amaZizi esithi “Dlamin’Omhle” sukuba kuthethwa ngeZizi elinguZola The Tall Affair MAJIZA. Sakuhlala simkhumbula ngeJazz yakhe yangeCawa nendlela awayewazi ngayo lo mculo, owalapha nowaphesheya kweelwandle.

*UZola “The Tall Affair, Mfana Mfana” Mazija ulishiye eli ngomhla we-26 kweyeDwarha emva kwengulo emfutshane.

Ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo umhla we-11 kule yeNkanga eRhini. Inkonzo iyakuqhutyelwa eholweni lasedolophini eRhini ukusukela ngentsimbi yesithoba.