Ndlelantle Gqirha Gqubule!

Walila umzi kwazilwa akwatyiwa ngethuba iphondo leMpuma Koloni lisithi ndlelantle komnye wonyana nezicaka zeli phondo uGqirha Simon Gqubule eTinarha izolo.

Zindandele ezantsi iiflegi kwizakhiwo zikarhulumente ngelinika imbeko kulo mfundisi, isifundiswa nenkokheli yabantu.

Izangxa zabefundisi neebhishophu zenkonzo yamaWisile oMzantsi Afrika basebenze nzima ukukhangela amagama okuchaza uGqirha Simon Gqubule.

Omnye wonyana bakhe kwezakwalizwi uBhishophu Mthobeli Matyumza umchaze enemvakalelo eyodwa lo mthanjiswa wenkosi.

“Ngenxa yokubhubha kwabefundisi belandelelana kwisekethe yaseMount Coke, babesoyika abanye ukuya kulas ekethe besoyika le nto ibulala abefundisi, kodwa utata uGqubule wazicelela ukuya phaya emva kokuba kungasekho umfundisi unokucelwa ukuba akhokele ibandla laseMount Coke,” ucacise watsho uMatyumza.

Oku konke kuvele ngethuba kuqhutywa inkonzo yomngcwabo wale ngqanga kwiholo yoluntu yaseTinarha.

Iinkokeli eziquka uArchbishop Emeritus Desmond Tutu, Mvume Dandala, Stanley Mokgoba noDon Dabula bebefudumeze le nkonzo yokuthi ndlelantle kuGqubule. Ngonyaka ka1983 ukuya ku 1987 uGqubule ubengumongameli wombutho wenkululeko United Democratic Front eNatal Midlands.

Eli lelinye lamaxesha ayenzima kakhulu kwimbali yomzabalazo kwaba babekhokele. Ngenxa yefuthe lakhe lokuchasa inkqubo yengcinezelo uGqubule ugxothwe kwiindawo ezahlukeneyo ebesebenza kuzo eziquka eAlice, Mthatha nase- Petermaritzburg.

Unjingalwazi uLiso Jafta uthi ubuvile naye ubushushu bale ngqanga yasebaThenjini.

“Baninzi kweli holo abantu abakwazileyo ukufunda kumazwe ehlabathi ngenxa yoncedo lakhe, ubufundisi mna ndibufundiswe nguye wade ngomnye unyaka wandipha iblukhwe yakhe eyayincinci kuye, baqala ngalo mini ubuhlobo obuthathe iminyaka,”utshilo uJafta.

UBhishophu Andile Mbete uthi le ndoda kaThixo ibihlala ibabongoza ukuba kuqanjwe amaculo amatsha ala maxesha.

Unyana wakhe uDuma Gqubule uthi ubushushu bukayise bubangele ukuba bakhulele kwizandla ezahlukileyo.

“Abantu abaninzi endibabona apha ngabantu abebesithutha besisa esikolweni, abanye besinceda ngemali ngethuba utata nomama bebephuma ngaphandle koMzantsi Afrika, sizakumkhumbula ngeengxoxo ezakhayo ekhayeni,”uvale ngelo uGqubule.

UGqubule uncance izifundo zakhe kumfundisi wokuqala omnyama ukukhokhela inkonzo yamaWisile oMzantsi Afrika umfundisi Seth Mokitimi ngonyaka ka1943.

Ufundise ukusukela ngonyaka 1961 ukuya kunyaka 1991 emva kokuhamba kumazwe ehlabathi afana neGeneva, London naseEdinburgh.

Ukwayindoda yokuqala emnyama ukuphumelela isidanga sobugqirha kwiyunivesithi yaseRhodes.Izithethi ezahlukeneyo zithi ebesoloko enqwenela ukuba alishiye eli phakade engevanga zintlungu engagulanga.

Ushiya ngasemva abantwana bakhe uThandeka, Duma no- Pumla nabazukulwa abasibhozo.

Evala ngentshumayelo uBhishophu Ziphozihle Siwa uthi bekumele ukuba agqithe emhlabeni uGqubule kuba ubafundisile ukukhokela inkonzo.