Ndlelantle Kumkani!

Usuku lwangoLwesine, umhla we14 kule nyanga yeNkanga, kulo mnyaka ka2019 alunakulibaleka kwimbali kaXhosa.

Ngalo mhla kaloku isizwe sothuswe sisithwakumbe sokubhubha kweKumkani yakwaXhosa, uKumkani uMpendulo Calvin Sigcawu. A-ah! Zwelonke!

UKumkani uZwelonke usweleka ngomhla we14, ibe ingumnyaka we14 kusweleke uyise, uKumkani uXolilizwe Mzikayise Sigcawu, nowasweleka kwinyanga kaTshazimpuzi kumnyaka ka2005.

Ukubhubha kukaZwelonke eze ngobuso elizweni, xa kanye sisabuka ukuzinikela kwakhe ekuphuculeni ubomi bomntu ontsundu nasekumanyeni ubukhosi bukaXhosa jikelele, kusothusile kwaye kusishiye sidandatheke emiphefumlweni.

Kazi ngubani na oya kuyithatha le bhanile ithwele okuhle ishiywe nguKumkani, aqhubekeke emilisela ukuphuhla kwendlu kaXhosa, ukuze kudede isibi, kugqube okuhle kodwa kumzi wakowethu uphela.

Lala ngoxolo Kumkani, phumla ngonaphakade Zwelonke, ukhonzele isizwe sakowenu kuyihlo okuzalayo uKumkani uXolilizwe, unyana kaZwelidumile, kaGweb’inkumbi, kaSarhili.

Ilizwi liphumile Komkhulu eNqadu lisithi uKumkani uya kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela, ecaleni kooyise nooyisemkhulu ngomhla wama29 kwakule nyanga yeNkanga. Kucacile ukusongwa konyaka kumele ukudala ixhala Komkhulu.

Njengokuba uyise weKumkani uMpendulo walandulela eli kwinyanga yoMnga, nanku unyana wakhe eshiya isizwe kwinyanga eyandulela le yokumka kukayise. Kazi zinamqondiso mni na zonke ezi zinto?

Ithemba lam lisekubeni xa ibekwa iKumkani yethu maXhos’amahle, kwanga kungenziwa ngokufanayo noko kwenziwa kwiikumkani neekumkanikazi zezinye izizwe nezamanye amazwe.

Ithemba lethu bathandi bobuXhosa lelokuba nale yethu iKumkani, umngcwabo wayo ugunyaziswe njengomngcwabo wesizwe.

Umngcwabo wekumkani yethu uvezwe kwaye usasazwe ngokubanzi nakwimijelo yosasazo.

Nomngcwabo wekumkani yethu kwanga akuyi kukrikrilizwa ekubeni uchongwe okanye uchazwe njengomngcwabo waseburhulumenteni.

Kakade ngokwemveli yethu, umntu, kuquka neziphathamandla zorhulumento ngenkqu, ukhonza abazali, akhonze iinkosi neekumkani, akhonze izihlwele ezilele ukuthula, aze akhonze uQamata, uThixo wookhokho bethu.

Kungoko ke kumele nomngcwabo kaKumkani unikwe iwonga eliwufaneleyo. Sithi ndlela-ntle Kumkani uZwelonke, nangani sisazi ukuba indlela omke ngayo ayintle ncam.

Ayikho ntle indlela omke ngayo, koko ibuhlungu kuba umke sisabuka imitsi yakho yokulawula isizwe ngendlela echubekileyo, indlela enesisa, indlela eyakhayo nemanyayo.

Ayikho ntle tu Kumkani indlela omke ngayo, ingakumbi ukuba zibubunyani iingxelo eziphuma kumama wesizwe, uKumkanikazi uSimanye Sigcawu,iingxelo zokuba kuthathe iiyure ezintandathu zonke phambi kokuba inqwelo yezigulane ifike Komkhulu, ize kukulanda ukuze uleqiswe esibhedlele, nalapho kwanyanzeleka loo nqwelo ihambe kangangeekhilomitha ezili120 phambi kokuba iye kukufikisa kwisibhedlele saseMthatha.

Amagosa ombuso angqinile ukuba umnxeba ochaza ngokubambeka kweKumkani uwenze kwangentsimbi yeshumi kusasa uKumkanikazi, ecela kuthunyelwe inqwelontaka ize kulanda uKumkani, kodwa ke ngelishwa lomhluzi wamanqina, ayikwazanga kuthunyelwa inqwelontaka, nenqwelo yezigulane yafika sele ikukhulele ngakumbi ingulo.

Masilothulele iminqwazi iSebe lezeMpilo ngokuthumela ugqirha nabongikazi abaye kufika Komkhulu ngeli lixa kusalindwe iambulensi, babe beyixilonga beyinika uncedo lokuqala iKumkani.

Ibe lilishwa nje ukuba imozulu ibe ngunobangela wokungakwazi kokuthunyelwa kwenqwelontaka ukuze imlande ukumkani aye kufika kwangethuba esibhedlele.

Ngaphezu kwako konke ke, okona kumele ukuqwalaselwa kwindlela amke ngayo uKumkani, ligalelo lokungabikho kweendlela ezisemgangathweni kwiindawo esihlala kuzo kwiphondo leMpuma Kapa.

Khawufane ucinge xa iKumkani iza kuthi ibambekile, ikhwele kwisithuthi esiza kuhamba kwindlela yesabhunge, ihambe inkaleka, ibetheka ngoku isezintlungwini, ihambe ngokucotha kuba ukubalekisa imoto kwindlela yesabhunge, kukuyibulala ngakumbi.

Ngenxa yeendlela ezimbi elidume ngazo iphondo leMpuma Kapa, iKumkani yethu iphele ingakwazi ukufikelela kwangethuba esibhedlele, yasandulela, ilandela abaninzi ababhubhe ngesizathu sokufikelela kade ezibhedlele, ngenxa yomgama neendlela ezimbi kwiindawo esihlala kuzo.

Umnqweno wam ngowokuba emva kokubhubha kwale Kumkani ibingumthandi wabantu, umthandi wolimo, umthandi womanyano kwisizwe sikaXhosa, kwanomkhuthazi wokuzimela kwabantu endaweni yokuxhomekeka, kulungiswe imeko yeendlela zaseMpuma Kapa ngokubanzi.

Wanga lowo uza kungena ezihlangwini zakho Kumkani uMpendulo, abe yimpendulo kwiingxaki ezambethe izwe lakowethu! Aah! Zwelonke!