Ndlelantle mkhonzi kaThixo

Iimvaba ngeemvaba ebeziquka abamnyama, abebala nabamhlophe zingungelene kwinkonzo yaMarhabe eMonti ngeCawe besithi ndlela-ntle kwingqanga, nesangxa sendoda kaThixo uMfundisi Clifford Wally Leeuw.

Ubumbeje-mbeje obebulapho bebuchaza ngaphandle kwamathandabuzo ukuba lo ngunyana kaThixo ngenene. Emchaza ugxa wakhe enkosini umfundisi uLuzuko Qina uthi, le ndoda ibingowodwa kwimiphefumlo edalwe ngu- Thixo.

“Ebenothando olulodwa lokunceda abantu abahluphekayo, ngokukodwa abo badinga amakhaya. Ebesoloko ekunye nabo ebenzela ukutya ebanika nempahla yokunxiba,” ucacise watsho uQina.

Lo mfundisi uhlatywe kunxweme iLeaches Bay eMonti olunembali yokwenzakaliswa kwabantu ngokuhlatywa.

Ingxelo ithi, lo mfo wakwaThixo uhlatywe waza wazama ukuya emotweni yakhe sele ehlatyiwe wazama ukuqhuba umganyana kodwa woyisakala.

Umphathiswa wesebe lemidlalo nenkcubeko kweli phondo uPemmy Majodina ubekho njengengqina echaza ukuyazi kwakhe le ndoda yakwa- Thixo.

“Lusuku olubuhlungu kakhulu olu kuthi bantu beli phondo, isicaka sikaThixo esizinikeleyo emsebenzini waso, kumele ukuba sifundisane ukuhlonipha ubomi bomntu, yilahleko engenakuchazwa le yenzeke apha,”uhambise watsho uMajodina.

Abazili abaphuma kwiimvaba ngemvaba eziquka inkonzo yamaWesile bebebubungqina bokuba ngenene yindoda kaThixo le. UMfundisi uQina uqinisekise ukuba akakaziwa unobangela wokubhubha kwalo mfundisi.

“Le ndawo ahlatywe kuyo yenye yezi ndawo ebehlala enceda abantu kuyo yonke imihla, kwaye bekungekho nto ibinokumjika kusebenzi wakhe wokunceda abantu. Inkonzo yakhe ekwisitalato i-Oxford eMonti ibiliziko lokunceda abantu ngokubanika ukutya yonke imihla, kwaye ebebakho buqu xa kusenziwa lo msebenzi.

Le ndedeba ishiya ngasemva inkosikazi yayo * -Elsabe noonyana abathathu uClinton,Timothy kunye noNathan, kulindeleke ukuba angcwatywe ngoLwesithathu wale veki.

Umfundisi waseTshetshi Lulama Ntshingwa uthi, uneminyaka engamashumi amabini esebenza nalo mfundisi. “Ukumisa kwethu amasebe okuqala eSouth African Council of Churches sasikunye naye apha eMpuma Koloni, iyadanisa kakhulu indlela abhubhe ngayo uLeeuw,” uvale ngelitshoyo uNtshingwa.