Ndothuke kakhulu xa ndifunda inqaku kweli phephandaba nalapho uSihlalo weBhodi yesikhululo sasekuhlaleni eziphendulela kwizityholo ebezenziwe ngakuye.
Okona kundothuse kakhulu zingxelo ezingachanekanga ezenziwe ngusihlalo weBhodi yesi sikhululo. Njengelungu lePalamente eliphantsi kombutho wezopolitiko, bekungamele ukuba ulilungu leBhodi yesi sitishi kuqala, ngokweICASA Act. Aziyonyani iingxelo zakhe zokuba ngumgaqosiseko wesitishi othatha isigqibo ngexesha elithathwa ngamalungu eBhodi.
Umgaqosiseko wesitishi usekelezelwe kumthetho weICASA, eyicacisa kakuhle ukuba emva kweminyaka emibini kumele ukuba atshintshe amalungu ebhodi. Ngoko ke ngumthetho onyanzela oko, ingengomgaqosiseko wesitishi. Ukusilela kwesitishi ukuvelisa imali asiloxanduva likaMphathisitishi yedwa, kodwa naye usihlalo weBhodi unoxanduva.
ICASA Act iyicacisa kakuhle into yokuba usihlalo weBhodi kumele ukuba eze ngaphambili nesicwangciso sokwenziwa kwemali, ahlupheze uMphathisitishi ukuba enze oko. Zintloni ukuva ilungu leBhodi liqhayisa ngokuba abantwana babantu abachitha ixesha labo esikhululweni besasazela uluntu bayayazi ukuba bangamavolontiya.
Kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini nangaphezulu sasingamavolontiya kweza zikhululo zasekuhlaleni, sasisenzela ukuba abantwana abalandela emva kwethu bangabi ngamavolontiya, koko bamkele.
Uninzi lwezitishi zasekuhlaleni zagqitha kwinqanaba lokusebenzisa abantwana babantu njengamavolontiya. Yahlukanani nokuqhatha abantu ngolwazi olugqwethekileyo, yahlukanani nezinto zabantu nibe nisamkela imali ezitshisiweyo, yekani abantu balawule izinto zabo ngokwabo.
Uluntu maluphume luye kufuna ulwazi, ukuze lungafunzwa ngexibhiya ngofunzeweni abathanda intando yabo neziqu zabo. Isikhululo sasekuhlaleni silawulwa ngabantu ngokuthi badibanise imibutho yabo rhoqo emva kweminyaka emibini, bonyule abantu abafanelekileyo ukuze zikhule ezi zitishi.
Maninzi kakhulu amadoda namankazana anikise ngempilo yawo esebenzela ukuphumelela kwezi khululo zasekuhlaleni.Abanye balima endleleni logama abanye sele balandulela eli. Egameni labo asinakubayeka abaqhimgqoshe bexokisa uluntu, bexhaphaza, bebulala italente yabantwana nekamva labo. Ndothuke ndoma nyani!
Ababezenza amapolisa baphanga usapho, baqhotsa batya inyama yabo!