Ndoyisiwe ngamakrwala anamhlanje!

Xa singena kwinyanga yeDwarha, inyanga ebalasele ngokuqaqamba kwezityalo neentyatyambo ezilitsho ilizwe libe lihle, lifaniswe nentombazana kumzi ontsundu, ndichukunyiswa zizehlo nezimbo kwanemikhwa ethe gqolo ukungcolisa isizwe sethu maXhos`amahle.

Kaloku igama lethu lelinye lamagama amahle kakhulu phakathi kwezizwe ngezizwe zomhlaba.

Inkcubeko namasiko ethu ziyabukwa, zihlonitshiwe kwaye zixatyiswe kakhulu ngabantu basemzini, ngabatyeleli nangamanye ama-Afrika, kuba kaloku saziwa singabantu abangadlaliyo ngesiko labo kwanesithethe sabo.

Phakathi kwezi zehlo, izimbo nemikhwa endikhala ngazo kule nyanga yokudubula nokuqhama kwezityalo neentyatyambo, kukungaziphathi kakuhle kwamanye kumakrwala angooqab`isisu kwindlu entsundu.

Ngexesha kusakhiwa inkwenkwe ukuze ibe kwixabiso lobudoda, amadoda anezilimela ezivisayo kwaneenkonde zokuhlala, baye bagxininise kwindima yendoda entlaweni, bagxile kwisidima esihambelana nobudoda kuko konke ekwenzayo, babethelele ngakumbi ekubeni ntloni kwendoda, ukuze nantoni na eyenzayo ibonakalise ukuzihlonipha yona buqu, ukuhlonipha isiko layo, ikhaya layo kwanesizwe sayo.

Ukuphukaneka nokunxaxha kwendoda kumendo wobudoda kukuhlaza isizwe sakowayo kwanokwenza khapukhaphu okanye buthathaka ixabiso lesiko lesizwe sayo.

Mawethu, ubudoda banamhlanje buqala ukonakala kwakwixabiso lobukrwala, kanye kweli xabiso kulindeleke ukuziphatha kakuhle kwendoda entsha ukuze ithathwe njengomzekelo omhle nangamakhwenkwe aseza kuya esuthwini.

Zidwesha zakwethu, ixabiso lobudoda liya lidodobala ngokudodobala, ngenxa yokutwezeka kwezimilo kubanye bethu singamadoda, ingakumbi koonyana abangamakrwala amatsha abanamathonto asaqhumayo. Ugeza, use, utwezeke uphambane njani kodwa indlu yakho isaqhuma?

Kwinyanga yeSilimela, mna nabafundi bam abangamaXhosa kwanabo basemzini, siye sakwiphulo lokutyelela kwiilali kwaneelokishi eziliqela kwiphondo leMpuma Kapa kwanelo leNtshona Kapa. Iinjongo zolu tyelelo bezintlandlu-mbini, kwelinye icala ikukunika abafundi basemzini ithuba lokuba yinxalenye yeziyunguma zemiguyo nemigidi, ukuze kwelinye icala aba bafundi bangamaXhosa nabasele bengamadoda, bazinike ithuba lokuya kufundisa banzi kubaninawa babo abaya esuthwini ngentsingiselo yokwaluka, intsingiselo yobudoda kwanokuziphatha kwabo esuthwini, ebukrwaleni nasebudodeni ngokubanzi.

Ngelishwa, sithe xa sibuyela kwezi lokishi nakwezi lali besimke kusiyiwa esuthwini kuzo kulaa nyanga yeSilimela, safumaisa ukuba iimfundiso neziyalo zethu, kuquka neemfundiso neziyalo zamakhankatha, amadoda, amaxhego kwanoomama bokuhlala, ziwele phantsi kuninzi laloo makrwala.

Uninzi lwawo sifike etshaya icuba kuquka nomya esidlangaleleni. Uninzi lwawo sifike engoyiki ukuthi qhiwu iinkonkxana kwaneebhotilana zotywala basemzini, kangangokuba inxenye yabo iyabule kwizitalato zokuhlala kugxadazelwa kunxiliwe benuka intyori neengqatha zegusha.

Andifuni nokuyikhankanya ke eyokukhohlakala kwala makrwala kangangokuba uwabone ehamba engamaqela etsho ngamehlo athwele inyala nobundlobongela, kuxhatshazwe amakhwenkwana namantombazanana angenabathetheleli.

Ubudoda banamhaje bonakala kwakwixabiso lobukrwala. Uninzi lwethu madoda kwanabanye kubaninawa bethu abasakhathalayo njengaba bafundi bam, siyidlala ngokwaneleyo indima yokuzama ukwakha amadoda anesidima, amadoda aya kusiphakamisela phezulu isizwe sikaXhosa, kodwa ngenxa yokuqaqadeka nokukrazuka kwezimilo koonyana bethu besekwixabiso lobukrwala, imizimo yethu iphela ililize, kodwa ke indoda egqibeleleyo ayizange inikezele, siza kuhlala sibathundeza oonyana ngethemba lokuba ngeny`imini, baya kubuyela ebuntwini, babe ngamadoda agqibeleleyo, kakade akuzange kubekho mgqomo wakulahlela mntu.

Ngaphezu kwazo zonke izinto ezisothusileyo zasimangalisa koku kuphambana koonyana bethu abangamakrwala, yileyo yokuba ngoku besibagqibele bekhutshwa esuthwini bevathe iimpahla zobukrwala, sifike sele bengasazinxibi kwa-ezo mpahla zobukrwala, kube kungekapheli neenyanga ezintathu bengamadoda amatsha.

Sifike amakrwala aphume esuthwini kwinyanga kaJuni, enxibe iibhulukhwe ezimfutshane, izikipa ezingenamikhono, iihempe ezinemikhono emifutshane, erhuqisa iimbadada, ethwele izankwane neekepusi ezinamagama asemzini afana nooNike; Puma; Adidas; njalo njalo.

Xa sibuza isizeka-bani seli hlazo, uninzi lwabo aloyikanga ukusixelela ukuba bazithengisile iimpahla zabo zobukrwala, besaleka ngelithi ziyababambezela. Baya kuthini ke ukungaphambani bethengisa impahla yokungena kwixabiso lobudoda?

Zimbini ke izinto bantwana basekhaya, aba bantwana bekumele basanxibe ibhulukhwe ezinde befake neebhatyi zobudoda, kunokwenzeka bazitshintshe phambi kwexesha bebangwa ukungeva nokuqaqadeka kwabo, ukugonyamela kwabo abazali, nokungakhathaleli kwabo isiko lobudoda, kungenjalo batshintshwe ngabazali babo abakhokelisa phambili ukufekethisa nokukhulisa abantwana babo ngesheyi eligqithisileyo.

Ukubhanga kwesiko nobuntu bethu kusezandleni zethu. Ukuphakama nokuzinza kwesiko nobuntu bethu, nako kusezandleni zethu maXhos`amahle.

Liya kuthi ukuze lihlonipheke isiko lokwakhiwa kobudoda, lixatyiswe lize lihlonithwe sithi kuqala, kunjalo nje siqiniseke ukuba ikrwala nendoda esileyo okanye ephambeneyo, iyahlanjwa kwintlalo yethu, iyekwe iye kuhlala nezilwanyana ehlathini nasemqolombeni.