Ngabasileyo abonyelisa izikhakhamela!

NDIQABUKA nentetha yobuciko engxolisa ingcwakaha kwimiba efunisa ukuba bathethe, baphendule, baphicothe oko kubekwe phambi kwabo nokuthande ukuba yinkohla.

Kubakho imicimbi apho abantu ekulindelwe ukuba bathethe basuke badle imu, kube yingcwakaha! Kuthi kwakubanjalo ke bangxoliswe, kuthiwe mabaphendule, mayingabi ngathi kusuze ixhego kodwa kuyathethwa.

Mhlawumbi ukuba lixhego ngokwalo elifuna iimpendulo lisuke lingxole lithi “nathula, andinyi ndiyathetha, phendulani!”

Oku kuthathelwa ekubeni umntu omkhulu esizweni, phakathi koluntu nokuhlala, ngumntu ekungekho ungaphezu kwakhe ngokubaluleka entlalweni yoluntu.

Kuthi zakuxaka izinto kusingiswe kuye kulindelwe ukuba asombulule, enokuba akasombululi na ngokunokwakhe kodwa anike umkhombandlela osingisa ekusombululeni.

Abanye baba bantu ke ababi bakhulu ngeminyaka, koko ngezenzo nangengqiqo ngokubabalwa kwabo nguSombawo. Abantu abanjalo ke bathi sele bebhanxa bangathathwa ngokuba bayabhanxa, kuba kuyaziwa ukuba asibantu babhanxayo ngokwendalo yabo. Kuthi ke apho baqapheleke khona ukuba bashiyiwe ngumcimbi, abantu basuke bajongane, bangake batsho ukubaxelela ukuba bawuphosile umhlola ngaloo mini.

Aba bantu kaloku ngabantu abangayinikeliyo ekubhanxeni ingqondo yabo nangaliphi na ixesha, bangenjenjalo sukube isimo ‘simntu wakwangqika’ nyhani.

Umntu okulo meko ke akakhalinywa, kusuke kuthulwe abantu bayane ngamehlo kungekho wenza lizwi, suke oqiqayo aguqule intetha ukususa abanye kweso senzo singafanelekanga senziwa ngumntu omkhulu.

Umzekelo olula ke ngulo wokusuza kwexhego phakathi kwabantu; alenziwa kukugeza ke koko lixakwe yimeko yokuba ingqondo yalo nesimo sempilo yalo ingasazinikelanga kwizinto zokuminca phakathi kwabantu, koko selizinikele kwizinto ezingundoqo kunezo.

Kuyo yonke intlalo yomntu, kwiinkalo ezahlukeneyo nakwimicimbi ngemicimbi, bakho abantu abanjengaba. Izikhakhamela ingqiqo yazo aziyinikeli ekubhanxeni nangaliphi na ixesha.

Oku kunjalo nangona sele kude kwakho intetha ethi akukho nzwana ingenasiphako, into ethetha ukuba akukho nto intle ide igqibe, nentle yobanalo ichaphaza nokuba lincinci kangakanani na. Ngako oko ke akukho mntu unokuthathelwa ukuba akanakuba nampazamo.

Okona kubekwa phambili lixabiso leengqondi esizweni, njengabantu abanokuthi nokuba bayalungiswa balungiswe ngembeko engaphaya kokuqonda. Ukuba emcimbini kuthe bekulindelwe ukuba ingqondi iza kuphakama yenze edume ngazo, ze isuke ifikelwa bubuhiba, abantu abayikhalimi.

Basuka bayidukudelise loo nto ngendlela engayihlazisiyo ingqondi, bekwanika nokuba hleze kuthi kanti kukho eqamele ngako okanye apho isingise khona njengokuba bona beba iphuma ecaleni nje.

Kaloku ingqondi ayisoloko ithetha oko kulindelweyo ngabantu, othetha obekulindelwe akayongqondi kwaye nokuba akanothetha kuba akukho nto intsha aza nayo.

Iyakwazi ke ngoko ingqondi ithi nina mgwenye benicinga ukuba ithetha apha kanti ithethe kude lee, kwindawo eningayikhumbuleleyo nakancinci.

Ndingulo sozilwimi ndinguye ke, kunemisebenzi yobungcali eyenziwa ngabangaphambi kwam neyaba ngumhlahla-ndlela omhle nobalulekileyo kwinkalo endiyifundeleyo.

Nangona kunjalo, zikho iimbambo endizibonayo nezikhewu ezifuna ukuvalwa kule misebenzi yobugorha. Kodwa andibhudi nakancinci ukuthi ndiyonyelise loo misebenzi, nabageziswa sisiselo esigezisayo abanakuthi cakatha bayonyelise loo misebenzi ngaphandle kokuba sebephunguleke ingqondo uqobo lwayo.

Endaweni yokonyelisa nokugxeka imisebenzi yezikhakhamela zangaphambili, ndisuka ndakhele phezu kwayo loo misebenzi yeengcali ezingaphambi kwam.

Kaloku ngamavula-ndlela am lawo ukuba imisebenzi yawo ibe sisiseko endakhela phezu kwaso.

Kukangako ke abantu bekubetha ngoyaba ukuphazama kwengqondi, ze ubuyekezwe kwabasileyo ke ubuhiba bokonyelisa izikhakhamela.

Goba msenge iibhokhwe zikutye! Owenu kwisiXhosa, Nxuba.