‘Ngama athalala amagosa esebe lezekhaya eMonti’

UMalinge Hoco onguyise webanjwa uMgcobo Hoco.UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ubuqhithala nobu athalala kumagosa esebe lezekhaya eMonti, kwenza nzima ubomi bendoda esentolongweni eFort Jackson uMgcobo Hoco kwizifundo zakhe.

UHoco udontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesihlanu kula ntolongo kodwa wathabatha isigqibo sokufunda. Ethetha neli phephandaba, uMgcobo uthi le mpazamo iyamlibazisa kwizifundo zakhe.

“Igama lam babhala uMagcobo, umhla wokuzalwa bathi ndizelwe ngeyoKwindla ngo1993, kodwa ndizelwe ngeyeThupha ngo1993, ngoku asiphumi isazisi kwaye andamkelwa esikolweni,” utshilo uHoco.

Le mpazamo ibangele ukuba zingaqhubeli phambili iinjongo zikaHoco zokuqhubela phambili izifundo zakhe. UMalinge Hoco ongutata kaMgcobo, uyavutha ngumsindo ngenxa yale meko yokulityaziswa konyana wakhe lisebe lezekhaya.

“Ndixhalabile kukulibaziseka komntwana wam kwizifundo zakhe ngenxa yamagosa karhulumente angakwazi ukwenza umsebenzi wawo, asilotyala likaMgcobo ukuthathwa kwezi nkcukacha gwenxa, mabawulungise lo monakalo,” evutha ngumsindo utshilo.

Urhulumente woMzantsi Afrika ukhuthaza ukuqhubela phambili kwizifundo kwabo baseluvalelweni ukuze bazixhobise.

Othethe egameni lesebe lentolongo yaseFort Jackson eMonti, uPrajen Sadanand, uthi kwelabo icala bakulungele ukukhawulelana noMgcobo ukuba afumane isazisi sakhe.

“Sisebenzisana nesebe lezekhaya kumalinge okwenza izazisi zamabanjwa alapha ngaphakathi entolongweni, sikulungele ukuncedisa uMgcobo kwingxaki yakhe ukuze afumane isazisi, asikwazi kumnceda kule yenkcukacha ezingachanekanga,” uthethe watsho uSadanand. Ingxelo yeli sebe ithi kukho isixa-mali samakhulu amabini namashumi amane eerandi athi akhutshwe ngulowo ufuna ukufumana isazisi.

Kwelakhe icala utata kaMgcobo uMalinge Hoco, uthi ngenxa yokulityaziswa komntwana wakhe akakulungelanga ukukhupha le mali. “Andisoze ndikhuphe mali mna, bona bazakubona ukuba benza ntoni ukuqinisekisa ukuba umntwana uyasifumana isazisi sakhe ngaphandle kwengxaki,” utshilo uMalinge.

Uyise webanjwa uthi kudala ethetha nesebe lezekhaya engafumani mpendulo kule ngxaki. “Apha eKomani kwisebe lezekhaya bandixelela ukuba makaqhubeke afunde, ingxaki izakulungiswa xa sele ephumelele ibanga leshumi, yandothusa lo nto,” uthethe watsho lo tata.

Uthi enye yeengxaki ezenziwe leli sebe kukuba abalifakanga igama lesibini lelibanjwa kwinkcukacha zakhe.

“Lo mntwana ndamnika igama lesibini, eli ligama lam elithi Paisley Junior, elo gama abazange balifake, ndiyalifuna eli gama,” utsho uHoco.

Iqhelekile eyokuthathwa kweenkcukacha zabantu ngendlela engeyiyo lisebe lezekhaya eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika.

UMgcobo wabanjwa wavalelwa ngonyaka ka2012 emva kokulahlwa sisityholo sokuhlaba umntu. UMayihlome Tshwete osisithethi sesebe lezekhaya eMzantsi Afrika akawuphendulanga umnxeba wakhe ukuze athethe egameni lesebe lezekhaya.