Ngamani amaBamba?

Umlibo wamaBamba ukusuka kuXhosa ulandwa uthiwe: UXhosa uzala uMalangana, ozala uNkosiyamntu, ozala uNgcwangu, ozala uTshawe; ozala uSikhomo, ozala uTogu, ozala uNgconde, ozala uTshiwo, ozala uPhalo. Aba bantu bayinzala kaTogu, ngethuba lokuyeka kukaNgconde ukuphatha babanjiswa ubukumkani nobukhosi bamaXhosa, ukuze kuthiwe ‘Mbamba’. Emva kwamaBamba kwathi kwaphatha uTshiwo.

AmaBamba abizwa ngokuba ngamaNdluntsha. Uthi uSoga, T.B.(1936) xa ecacisa ngento yobuNdluntsha: “…uTshiwo lo wayeneqela labafazi belingana nemizi yabo. Ibe iyindlu enkulu neyasekunene zombini zinamaqadi azo; kwada kwakho neyekhohlo. Uzeke umfazi onguNoqazo ekugqibeleni, indlu entsha engathiywanga gama limbi lithethiweyo ngaphandle kokuthiwa kukwaNdluntsha. Unoqazo lo ke akazalanga nkwenkwe, ekuthe kunjalo akafakelwa mntana wasebuhlanti ngokwesiko, koko wabekwa njengenkosi ngokwayo.

Suka ke izizwe eziphaleleyo nezichithwe zezinye zaseziyowela kuye kuvela ubukhosi babantu ekuthiwa “ ngamaNdluntsha “ isibizo. Izizwe eziphambili kumaNdluntsha la ngamaCirha, amaBamba, amaNkabane nezinye. Kuthe emva kokufa kukaNoqazo ezi zizwe zayigcina inkundla yobukhosi bazo bobuNdluntsha. Nako kubizwa imbizo ligosa elithile lekomkhulu elisesikhundleni senkosi engumfikazi.Kwaza ke kwanyulwa intsika endlwini ibhinqiswe amanqashela eqhiya, nencebeta zibe lapha nesikhaka sokubhinqa ngokwenkosikazi kakade; athathe umntu aqavise esithi, “Inkosi le inibizile, inibizele ukuthi nokuthi.”

Nanamhla oku eli siko lisaqhutywa emva kwekhulu leminyaka. AmaNdluntsha aqhekezene aziqendu zibini. Esinye isiqendu siphethwe nguBhoza wasemaBambeni. Esinye naso kwaBomvana phantsi koMsasa kaMpangashe umNkabane eMgazana.”

UJabavu, D.D.T kwincwadi yakhe ethi, ‘Imbumba yamanyama’ uthi:”UJames Mafuma, umBamba, uthi amaBamba la alizuza igama lawo ngexesha likaNgconde, ngokuthi ubukhosi bamaXhosa, okuya inkosi yayisakwayiwe, bubanjiswe umphakathi onyulwa kumaNgutyana asemaMpondweni kaNkosi uThangana owayemi ngaseLusikisiki, nonzala yakhe iselapho nanamhla. Nango amanye eDutyini naseBizana.”

UNgqangweni. uS.K. uthi ngendlu yamaNdluntsha : “UNoqazo wayengazalanga, kodwa waye wahlulelwa isizwe azakusilawula; wanyulelwa namaphakathi. Wanikwa abantu bezizwe ezibhujelwe ziinkosana zazo, kwadalwa indlu entsha kaTshiwo, yabizwa ngokuba ngamaNdluntsha. Amasalela ale ndlu ngamaNkabane kwaBomvana, namaBamba kuGatyana.”

USebe, L.L. kwincwadi yakhe ethi, ‘Ucamngco’ uthi bekusithi xa kwaluswayo amakhwenkwe akomkhulu apha emaXhoseni umdlanga uqale kwinkwenkwe yasemaBambeni. Uthi: “Uyakuyiva indoda yomXhosa isithi, “Mna ndaluka ngobani” esitsho ke exela igama laloo nkosana, loo mntwana aluka naye, ngolo hlobo ubuxelile ubuntanga bakhe. Nantsi ke into, iminyaka yobuntu bakho ayithathelwa kulaa mhla wokuzalwa kwakho: emadodeni kususelwa kulaa mhla waluka, kanti kwababhinqileyo uyakuva bethetha ngamasu.

Xa siphanda ke kumadoda amadala, sifumanisa ukuba bekuzanywa ukuba kubekho inkwenkwe yasemaBambeni kweli butho laluswayo. Andizukwazi ke mawethu ukuba unobangela yintoni na, kodwa kuthiwa le nkwenkwe yasemaBambeni umdlanga ubuqala kuyo phambi kokuba koluswe inkosana. Uyabona ke thina singabantu abaneenkolelo zethu. Hleze kuthi kanti lo mdlanga ubukhe wahlangana namagqwirha wathanjiswa izinto ngezinto ukuze inkosana le yohlanga, ukuba kuqalwe ngayo ukwaluswa, ibe sesichengeni sabenzi bobubi sishiyeke isizwe singenankosana. Kwakuchekrwa amaBamba ke kuloo ndawo.”

Aba bantu bangamaNkabane babongwa bathiwa: “Ngabantwana bakaKrila abo, amaBamba, Kub’abambel’umzi kaXhosa ubukhosi asiyontsomi leyo, Ziinkomo zakwaThangana ezo, KwaRhasi, KwaTakashe, KwaMbombo. KwaBhodlinja, KwaHayeni, KwaFithi, KwaMcefane, AmaBandla akuloYono, KwaKhonkotha ntloko yenja, Ndiza kuphothulela ngokuhlwa, Ngamabandla akwaKhawuta komkhulu lawo, AkwaNgconde, AkwaBolose.

NgamaNdluntsha ke lawo, Inzala kaNoqazo, KaGuntu Nqeno, Iinkomo zikaPhalo, ZikaNgqika, ZikaRharhabe, ZikaGcaleka, ZikaSarhili, Nkomo zibomvu, Nkomo zimdaka zasemlanjeni, Nkomo zimdaka zaselwandle, Mangaphi amaqhinga mBamba? Mahlanu nangaphezulu! Nkomo zikaJukuty’um….. omde engawusingisi mntwini, Oobhabha phezulu njengenkonjane ehlotyeni nasebusika, OoDizadala kade bemkhwahlaza, Bathi bakugqiba bampakaza, Ukuze balibona bodwa ilizwe, Izinto ezidla ngendeb’endala, OoGuga sithebe kudal’usophulela, OoMakad’enethwa ziimvula engenadyasi, Makad’etyiwa zizinj’engenantonga, Thambodala kade bemqongqotha, Ugaga oludal’oluman’ukuqongqothwa, Inkab’amalang’idyongwe efolosi, Goduka Nonqane wafa yingqele, Kukud’ezulwin’asiyi kufika, Kuya kufik’abaneempondo!”

Ngokwengxelo esayifumana kuSizani umphulaphuli woMhlobo Wenene, amaThangana la sele ahlukene kukho enye indlu ethi yona asingabo ooBhodlinja, ingayifungi nenkosi yamaXhosa enguMbalu, bona bafunga uNqeno. Bona xa bezibonga bathi: Mbamba, Krila, Thangana, Sizani, Mnwe, Mgovu, Gobongwana, Malitshe, Vithi! Sicinga ukuba le yantlukwano yadalwa lisiko lokuchithwa kobuhlobo, kuthi xa kuzekene abantu abazalanayo buchithwe ubuhlobo. Le yindlela ezidaleke ngayo zonke iziduko.