Isiduko samaCirha sisiduko sabantu bomlibo wamaXhosa omthonyama. UXhosa kuthiwa uzele uMalangana, ozele uNkosiyamntu, ozele inkulu uCirha, alekelwe nguJwarha ekunene, aze yena uJwarha alekelwe nguTshawe eqadini lendlu enkulu, kwiqadi lasekunene kuvele uQwambi.
Ubukhulu nobukhosi bukaCirha bathi bohluthwa kuye ngumninawe wakhe uTshawe mhla ngedabi lokwabelana ngephuthi.
NgokukaSoga, J. H. kwincwadi ethi, ‘South-Eastern Bantu’ inzala kaCirha uthi ihamba ngolu hlobo: “UCirha kwindlu enkulu uzele uBonga, ozala uNginza, ozala uButsolobentonga, ozala uMpukumpa, ozala uDabane, ozala uMabe, ozala uNtiyane, ozala uGwentshe. Indlu kaBonga yathi yagxothwa emaCirheni kuba yakhwemta yala ukumncedisa uyise uCirha ngethuba wayesilwa nomninawe wakhe uTshawe. Le ndlu kuthiwa yasuka yangakuTshawe, kwaze ke kwathiwa ikhwemtile, ukutsho oko ngamaKhwemte. Ekunene uCirha uzele uMalandela ozala uNyembezi, ozala uQhankqolo.”
Lilonke indlu elwela ukubuyiselwa kobukhosi kumaCirha yile ndlu yasekunene, kaNyembezi, kaQhankqolo. USoga T.B. kwincwadi, ‘Intlalo kaXhosa’ uthi, xa etyatyadula ebalisa ngokuhluthwa kobukhosi kuCirha nguTshawe: “Kwenjenje mhla uCirha bamlahlekela ubukhosi. “Ngamabandla kaHlomla lidala” kuphunywe iphulo nguCirha noTshawe kunye nezimpi zabo.
Akho ke amaRhudulu la athi ukususela loo mini aselethiwa ncatshe ngegama lobuNgwevu, yabe ke ilihlazo elikhulu ongabulalanga. Alibulalanga ke eli cala likaCirha. Ithe kwabanye le nkosi kwelinye icala eliya “ Ndihlomleleni” yatsho lilinye iphuthi elibuleweyo kwaTshawe. “Ndihlomeleni ndize nam ndinqand’intlantsi ngenyama yenyamakazi”
UTshawe,”Hayi mkhuluwa ayizange ihlonyulwe inyamakazi engaka yinkosi engangawe kangaka” Omnye, “Ndihlomlele wena indala ayinarhola ineempondo zomelele indala.Unge akatshongo akaligqiba. Kwathi xa kulapho kwahluthwana ngayo; ehla ke! Yahlulelana yagagana zanqoza. AmaRhudulu la ke agalele ngakuTshawe obethandwa kakhulu oko sisiNtu. Zatyakatyana ke ezi nkosi zombini, achithwa amaCirha yekaTshawe, isiganeko sokuze bube bubhangile ubukhosi kwicala likaCirha owayeyeyona nkosi kwaXhosa.
Kumhla amaRhudulu afumana neli gama lobu “Ngwevu” elinikwa yimpi kaCirha ngokunukunezwa kuba oyisiwe awecala elikhulu yekaTshawe.
Kwathiwa kuTshawe kusalathwa kumadoda aselekhulile asemaRhudulwini’ “Wenziwe zezi ngwevana” . Kanti ke yoseliba ngamaNgwevu kude kube namhla. AmaRhudulu la ikwangumnombo wawo amaMpondomise la, ukuze amaCirha angenwe ligama lesiqhulo lokuba “Ngamabandla kaHlomla lidala, kaQhanqolo, kaNyembezana.”
Kumhla amaNgwevu la azuzana negama nobuphakathi obuphambili emaTshaweni, ancedisa inkosi mhla koyiswa inkulu uCirha. Ukuqalela ngoko ke aba ziikumkani amaTshawe.”
Xa ebongwa amaCirha athiwa: Cirha, Nojaholo, Khawuta, Malangana, Nkosiyamntu, Mhlantla-ndlovu, Hasa-dala, Qhanqolo, Nyembezana, Ncibane, Zontswentswe, Hlomla lidala iphuthi lineempondo, Amabandla aseGqorha kuloNtsikana, KuloHelushe, KuloNgqeza emQathweni wendlovu, Ilunga lamaphakathi, Nokhonongo, imazi egush’ibele, Kanti ezinye zibukula amathole, Butsolo bentonga!
Aba bantu kuthiwa ngoMhlantla-ndlovu, loo nto isusela kwisithethe samandulo sakudala apho inkosi enkulu yesizwe yayihonjiswa ngesithsaba sobukhosi semixhaka eyayisinxiba emqaleni esenziwe ngamazinyo endlovu.
UCirha wayenxiba esi sithsaba eseyinkosi enkulu yamaXhosa. AmaCirha adume kulo lonke elasemaXhoseni ngenkcubeko nemfobe. Maninzi amadoda neentokazi zasemaCirheni ezithe zazibalula.
UNojaholo ngunyana kaHali esinye sezikhulu zasemaCirheni esasisakuba ngumphakathi kaNgqika. UNojaholo ke wayesakuba kwikomkhulu likaNkosi Oba, “A! Ngonyama” into yasekunene kaTyhali Ngqika. UNojaholo lo wayedume ngokuba ngumqondisi mthetho. Kwasekusithiwa ke ngaye, akusekho mntu kwaHali naxa kufuneka kulungiswe kwabethelelwa indawo ethile ngokwasemthethweni.
UNtsikana umprofethi wokuqala wamaXhosa ngowalo mlibo, washiya ecebise isizwe samaXhosa wathi siya kuphalala njengamanzi, ilizwe lozaliswa ziindlela zoololiwe, kuya kutshaya de kutshaye nabantwana, isizwe size silumkele iqhosha elingenantunja. UWalter Benson Rubusana ingcungela yesifundiswa eyade yathiwa jize ngesidanga sembeko seDoctor of Philosophy yiDyunivesithi yaseMelika ekuthiwa yiMckinley, ngowalo mlibo wamaCirha. Ubhale nencwadi yodumo ethi : ‘Zemk’ iinkomo magwalandini.’
Ngowe-1976 uB.A.B. Gasa waseZone 4 KwaZwelitsha wakhupha inqaku kwiphephandaba Imvo ZabaNtsundu ebhalela uMhleli welo phephandaba ememelela ukuba elo gama lithi Mdantsane malitshintshwe libizwe ngomfundisi uW.B. Rubusana, kodwa engazibeki izizathu zokuba elo lithi ‘Mdantsane’ lingafaneleki emehlweni abantu: “Mhleli: Ndiyivile, ndayilandela intetho yeCeba LezeKhaya uCeba Msuthwana ethi: Maliguqulwe igama elithi MDANTSANE, kwidolophu entsha yabaNtsundu. Mna ndiphakamisa ukuba kuthiwe yi “Walter Benson Rubusana. Ngezi zizathu zilandelayo:
1. Ngomzekelo esiwufumane kubantu abaMhlophe abeza kukhanyisa kuthi maAfrika, wokuba, akuba ezibalule umntu ebomini bakhe, angalityalwa.
2. UMfu. Rubusana wazibalula ngeMfundo abe nayo wayisebenzisa ngendlela yengqondo athe ngaloo ngqondo wamkelwa ukuba abe lilungu leProvincial Council.
3. Wabhala incwadi ukuvusa amawabo ethi, “Zemk’iinkomo Magwalandini”.4. Wabonakalisa ukukhalipha ukumela abantu bakowabo kwiziganeko ngeziganeko.
5. Ube engumbhali omdala, elokishini yaseMonti uTsolo, lo ngoku ufuduselwe eMdantsane. Wamkela ubizo lobufundisi inyathelo elo, abe neziganeko kulo. Ndiyekela ke iingcaphephe zomzi wakuthi ezimazi kakuhle uGqirha Rubusana. Ndiyaphela apho. B.A.B. Gasa, Zone 4. Zwelitsha, King William’s Town.”
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung