Ngamani amaDlomo?

AmaDlomo ngabaThembu ngokobuzwe. Ibali lemvelaphi yabo lithi: uHala uzala uThembu; uThembu uzala uZima; uZima uzala uCedume; uCedume uzala uMgutu; uMgutu uzala uBhomoyi; uBhomoyi uzala uNxeko; uNxeko uzala uHlanga inkulu noDlomo inci.”

USangoni kaNtilase kaPhantshwa ixhego elalisisisele sembali yabaThembu ubalisa uthi ngembali yamaDlomo: “UHlanga noDlomo boluke kunye. Likho nebali elithi babengamawele. Kuthiwa kwakuxhelwe iinkomo ezimbini ekaHlanga nekaDlomo, waza uHlanga waqala wophula.

Inyama wayabela abantu abakhulu abanamawonga nabafazi babo. Emva koko wophula noDlomo wafuna ukuba kunikwe izi-alam namankazana.

Lakhuza ilizwi lathi Dlomo (omdangisa) oncede izi-alam zibulawa. Bathi abakaHlanga baphakama bafuna ukuhlaba ngemikhonto le mpi ibiphiwa inyama nguDlomo.

Ihlangene impi kwaliwa. Ngenxa yokuvimba uHlanga kwathiwa sisilo nguNxego. UNxego wathi yinina ukuba umntwana wam uDlomo abulawe sisilo esitsho kumaNdungane.

Kwangoko amaNdungane aye angenelela ethelela kuDlomo yaliwa impi. Kuqala kwakugxothwe amaDlomo kodwa kwagxothwa uHlanga kwakungena amaNdungane, waza uHlanga wawezwa uMbhashe waza kuma eNqabarha.”

UNgqangweni, S.K. kwincwadi ethi, ‘Emqwashini,’ ubhala uthi ngamaDlomo: “Inkulu kaNxego, uHlanga, lithi ibali wayenyabile, umninawa wakhe, uDlomo, ephaphile, ethandwa sisizwe sikayise, kuba wayekhaliphile. UNxego wayeyithanda inkulu yakhe. Uthe akubona ukuba uDlomo ubaginyile abaThembu wamthumela emathanga ukuba ayekwalusa iinkomo zakomkhulu. Iqela elikhulu labaThembu lamlandela, laya kuhlala naye apho emathanga. Ethubeni uNxego uthumele ukuba uDlomo abuye nazo iinkomo; waqhankqalaza uDlomo.

UNxego noHlanga bahlanganisa umkhosi wokuya kohlwaya uDlomo. Woyiswa umkhosi kaNxego noHlanga. Waba ke uyabuthabatha ubukhosi babaThembu uDlomo.”

UHammond-Tooke, W. (1883) waqokelela ndawonye umlibo weenkosi nowezizwe zikaNtu phantsi kwesihloko esithi, “Genealogy of Kafir Chiefs and Tribes.’ Lo mlibo wayewozobe ngokukrwela ngemigca ebonisa ukulandelelana kweenkosi ngokokuzalwa.

Umlibo wabaThembu utolikeka ngolu hlobo: “UZwide wazala uMbulali, uMbulali wazala uNjanya, uNjanya wazala uMalandela, uMalandela wazala uMguti, uMguti wazala uThembu, uThembu wazala Bhomoyi, uBhomoyi wazala uCedume, uCedume wazala uToyi, uToyi wazala uNxeko, uNxeko wazala uDunakazi, uDunakazi kwindlu enkulu noNdungwane ekunene, uDunakazi wazala uHala, uHala wazala uMadiba kwindlu enkulu, waze ekunene wazala uNtande, uMadiba wazala uTato, uTato wazala kwindlu enkulu uHlanga noDlomo ekunene, uDlomo uzala uZondwa, uZondwa uzala uNdaba, uNdaba uzele kwindlu enkulu uNgubengcuka (Vusani), waze ekunene wazala uJumba, uNgubengcuka uzala uMtirara, uMtirara uzala kwindlu enkulu uNgangelizwe, ekunene azale uMathanzima, kwiqadi lendlu enkulu azale uSiqungathi, kwiqadi lasekunene ibe nguMfanta.”

AmaDlomo ke kuthiwa: Amabandla kaDlomo, KaThembu, KaBhomoyi, KaDunakazi, KaCedume, KaToyi, KaNtande, KaMguti, KaNxego, Izinto zakuloHala, Amabandla kaSophitsho, KaNgqolomsila, KaYemyem, KaMthikrakra, KaMadiba, KaDlange, KaNdaba, Zondwa ziintshaba, Zingasokuze zimenze nto, Velabembhentsele, Mabhushuzela, Namhlanje abasambhentseli kuba boyika abeLungu, Mathand’into yomntwana enoboya, Abazukulwana besigcawu esinoboya sakwaNgubengcuka, Berhamb,elineendevu lakwaMthikrakra, Elabonwa ngabafazi bakwaMbanga bephangela, Ukhalakhulu liluml’abantwana, Umthunzi ongqongqo waseMbhashe, Oqhawuk’ubuy’uhlangane, Umahobe azizantanta ngenxa yokoyika ukhozi! Isiduko ke sibongwa ngokubongwa ngokobuciko beembongi, nobuciko beenkonde neenkulu zeso siduko xa kunqulwa emaxhantini okanye kwindlu enkulu xa kukho umcimbi.

Ukubonisa oku uDuka, M.M. yena amaDlomo uwabonga athi: UZondwa omdaka, Inxele likaBhomoyi noTiki, UNtsundu enomkhitha kaLukhanji, Uqephula-iziduli nezicithi, Uzanezakho masihlangane, Uxesha lixhatshwe yinja, Angahlehl’inyevane konakele ekhaya!

UMadib’omhle nozwane, UMadib’odibe iindonga, Iindonga ezinkulu zobuhlanga, Wanyathela phezu komthebelele, Wachul’ukunyathela exhag’umtshakazi! Kwiziduko ezininzi kukho ezibantu bazo badibene nomlambo ekufuneke ke bawuhloniphe umlambo, nokuba bayawela nasesizibeni baneziziba zabo ezaziwayo.

AmaDlomo isiziba sawo yiQethume eMbhashe. Umfazi wakwaDlomo akazinyusi iilokhwe okanye imibhaco xa ewela kwelo zibuko. Umfazi uyaziveka iilokhwe zirhuqe emanzini zibemanzi.

Umntu wakwaDlomo akanakho ukuwela ephethe inyama ivuza, kufuneka aqale angxengxeze anqule kuqala, athethe axele ukuba uphethe inyama ekrwada.

Kubantu abaninzi ababalulekileyo bakwaDlomo, kwaMadiba singabalula uKumkani Sabatha Dalindyebo, uKumkani Kaiser Daliwonga Matanzima, uNkosi Nelson Mandela nabanye.