Ngamani amaGiqwa?

Aba bantu ngamaChwama babebaninzi mandulo phakathi komlambo uMbhashe ukuya kuwelela phesheya kweNciba neNxuba de kuye kuma ngeKapa. Abanye baba bantu batshata nezizwe eziMhlophe, kwade kwaba kuvela uhlanga lwamaQheya okanye ke abantu beBala.

Aba bantu badume ngokukwazi ukukhanda amayeza esiNtu abawakha ehlathini naphaya ezindle. Amayeza afana nentelezi, ubulawu nophindamtshaye. Aba bantu banokufa okumhlophe, babona izinto bodwa.

Bakwadume ngokusila utywala bamandulo ekuthiwa yiqhilika obabusenziwa ngokusila ubusi beenyosi budityaniswe nesafikane nenxina kwanezinye iingcambu zemithi enqabileyo.

AmaGiqwa kuthiwa azalwa nguNgcakulana unyana kaHintsathi owayeyeyinkosi yamaLawu, nenkosikazi yakhe enguHoho. AmaGiqwa athi, ukhokho wawo onguNgcakulana ingcwaba lakhe likwiNtaba kaNdoda apho amaGiqwa amana ukuya khona esiya kwenza izingxengxezo. Kuthiwa uNgcakulana waswelekela apho ezingela ngokuthi atyiwe yinyoka.

Xa kusiyiwa khona kuthiwa abafazi bayahlonipha babhinqa izikhakha ezenziwe ngesikhumba senkomo okanye umbhaco owenziwe ngelaphu lefelane waza waditshwa ngembola emhlophe okanye ebomvu.

Abanye abafazi babhinqa ifelane, eyenziwa ngebhayi elimhlophe okanye elibomvu elingaditshwanga mboleni elirhaselwe ngemigca emnyama emazantsi.

Bonke abafazi bayathwala entloko iiqhiya ezimnyama zekhetshemiya ngohlobo lokunkontsha, ebusweni baqabe ichitywa nokrantsi ochokozwe ngengxwala emhlophe.

Umfo obesibalisela uthi ngonyaka wama-2004 amaGiqwa aphuma ngendlu yawo kwiinkalo ngeenkalo zonke zeli lizwe loMzantsi Afrika ahamba ayakunqula phezu kweli ngcwaba likaNgcakulana esiya kuzicelela impilo. Uthi lo mfo wasemaGiqweni zininzi izinto ezintle ezenzekayo bakuba abantu bebuyele emakhaya, uthi: “Abantu ababegula bexhuzula, baphila, bathi abafazi ebekukudala bezula kumaxhwele nabathandazeli bengathathi, bathatha, kwavela abantwana. Abantu bonwaba bazala abantwana. Amadoda ebengasebenzi afumana imisebenzi.

Bathi nababetshiphile bakhumbula amakhaya. Zathi neenkomo neegusha neebhokhwe zabantu zanda zazala amathole namatakane. Athi namadoda ashishinayo aqala abona amashishini exuma, kwagcwala ngabathengi, yangena imali. Abantu bathenga iimoto nelori. Bathi abantwana ezikolweni bapasa.”

Xa kuthethwa kubaliswa ngezithethe namasiko amaGiqwa kuthiwa: “Phaya emva kwaXhosa ngeemini ebezisakuqwalaselwa izinto ngenyameko, bekukho into ebisenziwa ekuthiwa yinqoma okanye ukunqoma.

Into yenqoma yayisakugcinwa ngononophelo olukhulu ngumzi oNtsundu, kuba yayiyindlela ekukuphela kwayo yokuphuthuma abantu abakumgagangatho ophantsi beze kophakamileyo.

Inqoma ibisakubalasela xa isenziwa ngabantu abangazalaniyo, kuba yabe ilibhongo neqhayiya kumzi wasemaGiqweni ukuba ugcinelwe imfuyo yawo ngowasemaYirheni.

Xa umgcinelwa-mfuyo anezinto azifunayo kumhlobo wakhe, ebesiya kuzibika, ukuze loo nto abeyifuna iziswe kuye ngembekokazi enkulu. Ebekwenza njalo oku kude kuphele ezakhe iimpawu, kusale iimpawu zomnqonywa zodwa; usale ke ngoku umzi wasemaYirheni unemfidi yimfuyo kamasilingane, inqoma.

Intlabazahlukane ihle mhla kwafika izizwe zabumini ezishumayela umoya wokuba umntu ophantsi ongenazinto wenziwa bubuvila bokwenqena ukusebenza.

Watsho waphela umoya wokunqomana phakathi komzi oNtsundu, baqala abaphantsi, bahlawulwa umvuzo oqingqiweyo, kwavela izicaka zanaphakade.”

Abongwa ngolu hlobo amaGiqwa: Giqwa, Jikijwa, Pelu, Wohle, Thotywayo, Ntoyosana, Ntsheco, Ngqila, Sijoko, Nkosana, Somabholwana, Solawukazi, Ngesaba, Jikijwa, Ndwesha, Ntshinga kaKhwaza, Khawuta, Gcaleka, Jinqi, Mondiswa, Mvaba,Ngabagweq’imvaba ngemilenze, Abanye bemhomh’iselwa ngemilomo, Gxalaba libanzi, Mathwalana nesizw’emqolo!

Amanye amaGiqwa kuba athi aginywa luhlanga lamaXhosa phantsi kweKumkani neenkosi zawo, athi xa enqula afakelele naloo magama ezo nkosi, athi: Iinkomo zikaKhawuta, Iinkomo zikaHintsa, Iinkomo zikaGcaleka, Iinkomo zikaRharhabe, Iinkomo zikaPhalo!