Ngamani amaKhwetshube?

Aba bantu bangamaKhwetshube basuka phezulu eSwazini babekunye nesizwe sabeSuthu sabaLobedu sikaKumkanikazi wemvula uMjaji. Aba bantu bafunda kwaba beSuthu ukunyanga imvula. Besukile apho baya kuma kwaZulu.

Aba bantu bayafumaneka kulo lonke elamaMpondo, kodwa imbali ithi phambi kokuba baye kuma kwimihlaba yamaMpondo, babekunye nabaThwa phantsi kwenkosi yemiThwana uNtuma kwindawo yaseNtumbankulu ephaya KwaZulu-Natal. Bathi babaleka apho kunye namaMpondo kaFaku besesaba uKumkani uShaka Zulu wamaZulu.

ImiThwana sesinye sezizwe zamaZotsho. AmaZotsho yinzala kaNtamonde ekuphuma kuyo amaNci, namaXolo, neZilangwe namaNtshangase namaNgutyana. AmaZotsho avele eLusuthu eyinzala kaNtamonde. Bahle ngentaba behlisa uMzimkhulu bema ngomlambo lowo.

Esinye isizwe esiphuma kwakulo mnombo ngamaChi. AmaChi namaXolo emi eHarding kumhlaba waseNatala, ezinye izizwe ziseMbizana, iZilangwe namaNgutyana namaNtshangase, zada izizwe zaya kuma ngolwandle. Zihle ngexesha lokuchithakala kwezizwe eNtla.

Ngethuba lembalela amaMpondo ayekholelwa ekuthini kufuneka ikumkani yesizwe samaMpondo iyalele ukuba kuyiwe kucelwa imvula kwingcwaba likaMhlanga elisesiPhaqeni kule ndawo namhlanje kuthiwa yi’Holy Cross.’

AmaKhwetshube ke aziwa ngokuba ngabakhongi bemvula, ngawo ethi ikumkani ithumele ilizwi kuwo lokuba azise esizweni usuku ekuya kuthi kukhongwe ngalo imvula. AmaKhwetshube athi azihlambe ngeyeza ekuthiwa sisihlambezo, xa eza kuya kukhonga imvula.

Kuthi ke ngaloo mhla utyunjiweyo baphume bonke abantu basemaMpondweni, nabaphi phi phi baze kukhonga. Ngeli xesha ke banxibe izivatho zabo zakudala.

Ingwevu endala yasemaKhwetshubeni ithi ithethe namathongo akwaMhlanga ngohlobo olumbombayo, kwakhona ikwayihlonipha imvula ecelwayo, ithi: “Size kucela umbethe, kukhululwe iintsapho zifile. Asazi ukuba senzeni na singanikwa nje umbethe, nifuna sife yindlala? Ukufa kwenu umbethe wawukhona, niwubambele ntoni ke ngoku, nifuna intsapho yenu ife itshabalale na?

Emva kokuba kwenziwe isiko lokukhonga imvula ngamaKhwetshube kuthiwa kwakusina imvula enkulu, eyayisina kugcwale imilambo, eyalilitsho ilizwe lihlambeke libe yintombazana.

Baqale abantu basemaMpondweni balime izilimo zesiNtu ezityiwa emaMpondweni.

Baqale balime umbona, balime izimba, balime iimbotyi ezizintlumayo, ezingqoqo, ezimdaka neendlubu, balime usenza, balime imfe, balime ithanga elimhlophe, balime usolontsi, balime umxoxozi, balime amadumbe, balime imfe, nezinye izinto ezixatyisiweyo emaMpondweni.

Xa bethuthwa bathiwa: Izibaya zikaKhwetshube, Khwetshube ndikhwetshe undive apho ndimnandi khona, Kuba nezinja ziyakhwetshana, Xhegweni, Xhanga ndixhalele, Thamsanqa, Mabhude, Nyandube, Hlezinkomo, Njenjane, Maphini, Ntombi yakuloHewukazi, Umth’olal’intakazana xa zingalalang’ekhaya, Azi ukuba ziyolala phi na iintakazana, Amadobo etshile nje?

Ngenxa yesizathu sokubaluleka kwemvula kwindalo yabantu, amaMpondo njengazo zonke izizwe zakwaNtu, ayihloniphe kakhulu indalo, izulu kunye nemilambo, ade aneentetho ezihloniphayo kuba esoyika ingqumbo kaMdali. AmaMpondo ayawahlonipha amahambanamvula athi ngamatye.

Xa kuwe amahambanamvula kuthiwa kuwe amatye. AmaMpondo ayasihlonipha isichotho okanye inkanyamba athi yile nto ikhasayo kuba kukho inkolelo yokuba ezo zinto zombini zithe zabizwa ngegama ngumntu kotshabalala izindlu nezilimo zabantu emasimini.

Izulu liyahlonitshwa kuthiwa yinkosi okanye umhlekazi. Izulu xa libethe umntu okanye into, kuthiwa inkosi idlalile, okanye inkosi yenze kakuhle, okanye inkosi ihambele.

Xa kududuma kufuneka zonke izinto ezimenyezelayo ezinjengezipili zigqunywe kuba zibiza umhlekazi, okanye ziyamphazamisa xa engxolisa indalo. Abantu xa liduduma kufuneka bahlale ngokuzola babeke umnqayi womnquma nezembe emnyango.

Xa kuwe amahambanamvula; okanye kuthe kwakho isichotho okanye inkanyamba, ngengomso akufuneki mntu uza kuphatha ikhuba negaba angene emasimini alime okanye aphethule isoyi nomhlaba.

mtakamakuliwe@webmail.co.za 083 542 9474