UKrancolo oyinzala-mzi yale ndlu kuthiwa ngamaKrancolo ungumzukulwana kaCirha wendlu yeshweshwekazi loMthwakazi, indlu leyo yaphela sele isenziwa iqadi likaDosini.
Imbali yalo mlibo kaKrancolo ithi amaMpondomise ngaphambili phaya ayemi kwilizwe elibizwa ngokuba yiDedesi apho kukholeleka ukuba zonke izizwe eziNtsundu ziphuma khona. Umlibo wamaMpondomise ulandwa ngolu hlobo: Kuthiwa nguGubela ozala uKhuboni; uKhuboni azale uNgebelazana; uNgebelazana azale uDlozela; uDlozela azale uSibiside; uSibiside azale uMpondomise noMpondo; uMpondomise azale uSikhomo; uSikhomo azale uMalangana; uMalangana azale uNjanya; uNjanya azale uNtose; uNtose azale uNgcwini.
UCirha unyana woMthwakazi ubuse eLothana apho walakha khona ikomkhulu lamaMpondomise. UCirha wazala unyana onguSabe inkulu; wazala amawele uKrancolo noGqubusha; wazala imfusi uMhaga.
Kwathi kwaduma into yokuba uMhaga liwele likaSabe kuba kwakusithi ezisuseni zesizwe samaMpondomise kwakuqala kufike uMhaga elandelwa nguSabe, baze ke baqhulwa kwathiwa uMhaga noSabe amawele ukwezana, kwaye nasezisuseni uMhaga noSabe babexhentsa kunye.
Amawele la anguKrancolo noGqubusha ayengabantu abasoloko bezikhethile behamba bodwa bengawathandi amehlo abantu. Kuthe ke kuba uSabe noMhaga bengamaqhakraqhakra asoloko ehamba omabini phakathi kwabantu kwathiwa bamgqwethile uKrancolo noGqubusha.
Undlunkulu wamaKrancolo nguFodo eCaba apho onke amaKrancolo asuka khona ngokwezindlu zawo. UKrancolo noyinzala-mzi yaba bantu kuthiwa wayeyinjoli yakomkhulu kwangaphambi kokuphatha kukaMhlontlo. Unyana omkhulu kaKrancolo uFodo nguye owayeyinduna nomphathi mikhosi kaMhlontlo ngethuba wayesilwa nabeLungu khon’ukuze inzala yakhe ithi saa, de iye kuma ngelizwe laseLusuthu.
Imbali ithi aba bantu bangamaKrancolo babeme kuQumbu kwindawo yaseCaba, ngelo xesha kusaphethe uNkosi Mhlontlo.
U-Arosi owayengumphathi weentonga zikaMhlontlo, waza ke ngenxa yeso sizathu wanikwa umhlaba wamaKrancolo eCaba nguMhlontlo kodwa wala wathi loo mhlaba mawunikwe umkhuluwa wakhe uFodo. Wathi akanakuphatha ekho umntakwabo uFodo. UFodo ke nanamhlanje nguye intlabi yamaKrancolo onke.
AmaKrancolo amaninzi awubaleke umhlaba waseCaba ngeMfazwe kaMhlontlo ngethuba ebulala uHophu aze ke athi saa kuloo lonke ilizwe.
AmaKrancolo ke athe ohlulwahlulwa ngokujolwa kwezithebe: kwathi kwakho amaKrancolo akwaPhakathi; kwakho amaKrancolo akwaHlathi; kwakho amaKrancolo akwaJali.
Xa kulandwa amaKrancolo akwaHlathi kuthiwa: amaHlathi akwaMfene angenile engengawo amaKrancolo ncakasana. Angene besekumhlaba waseCaba. Apho kuthe khona acac’ukuba amaKrancolo la xa kusabiwa izithebe amaKrancolo la amaninzi.
AmaKrancolo athi azahlulahlula ngokwawo kwakho anikwa igama lokuba ngawasehlathini, ekuthe ke ngoku xa se injoli yamaMpondomise ijola kwimizi ngemizi yayijika ngoku yona le nto yathi amaKrancolo akwaHlathi engekho ncam uHlathi wasemaMfeneni apha koKrancolo. Ungene kanjalo ke uHlathi wasemaMfeneni koKrancolo.
Kwicala likaJali ibali lithi kwakukho intombi yasemaKrancolweni eyayizalwa sisikhulu sakwaKrancolo esihloniphekileyo eyayiza kwendela kwesinye isizwe samaMpondomise esinobukhosi kodwa loo mtshato awuzange uphumelele nangona umyeni wayesele elobole ngekhulu lonke leenkomo.
Mandulo phambili phaya intombi yayiqalwe ihlolwe ukuba ayikaphondli na phambi kokuba yende.
Yayiqalwa iqwalaselwe ubunjani bayo apha kusisi, ihlolwe ukuba isavalekile na, ihlolwe ukuba iyintombi nto.
Amadoda akwaKrancolo ayalela abafazi ngebhongo elikhulu ukuba bakhe bayihlole baqondisise ukuba amaKrancolo xa ekhupha uduli lwale ntombi akhupha intombi nto na.
Abafazi bathi bakuyihlola bafumanisa ukuba le ntombi sele iluvule ngaphantsi uthango lukayise ayiseyiyo intombi, ikhe yagonana izonwabisa ngesondo nendoda, kwaye futhi sele ithwele nosapho oluzayo kulo mhlaba ungezantsi.
Ezi ndaba zeli hlazo lingaka lale ntombi ingumafungwashe ozalwa sisigwili sesityebi zawudanisa wonke umzi wamaKrancolo watsho awawuvala umlomo. AmaKrancolo aphuma edanile ethethela phantsi esithi, “UNozithilengeshe kaNantsi usijalisile sonke thina maKrancolo kuba besicinga ukwendisa sikhuphe uduli olusa intombi yethu emzini.”
Yavela ngolo hlobo ke into yendlu engamaJali kumaKrancolo.
Obu buJali bamaKrancolo abudibenanga nobuJali bamaMpemvu ebaThenjini.
AmaKrancolo akwaPhakathi elawo igama livele ngokuba kuthiwe wona ami phakathi kwamaKrancolo akwaJali nawakwaHlathi.
Aba ke ngoo: Krancolo, Ngema, Mbutyeni, Mtose, Ncolo, Imbiza eyathetha eziko, Yathi ndithathe undibeke entla, Naba abantu besiza, Ndigqume inyama ayilandulwa, Kuba kuthiwa ayinafusi, Izinto zikaNgcwini, Oononqag’unina, Sisila simanangananga, Mfazi obele linye linyiselela phesheya komlanjana, Ngomalamba balamba bade badl’amanz’oMthatha, Manz’eThina anobulawu bokuhlamb’iinkosi zamaMpondomise, Owele kulo akabi saliwel’iTsitsa engadlulanga komkhulu!
Abantu abaziwayo bakwaKrancolo yimvumi uSimphiwe Dana edume ngumculo wesiNtu nomngqungqo we-jazz.
Omnye umntu yimbaleki yakudala uMnu. Peter Madasa owayedume ngokusasaza ezemidlalo kwisikhululo iRadio Transkei apho wayedume ngamazwi athi, “Qakatha, qakatha, qelele! Wayiqhawula intambo kwedini! Nyamezela mdlali, uyeza umvuzo ngenye imini!”
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates