Ngamani amaMfene?

AmaMfene aphuma kwisizwe sabeSuthu ekuthiwa ngabaTshweneng. AbaTshweneng baphuma kuTsulo owazala uMotsuene; uMotsuene owazala uNtsime noNtsimana, uNtsimana wazala uMorure; uMorure wazala uLekokoto; uLekokoto wazala uKhiba; uKhiba wazala uPati; uPati wazala uAmose; uAmose wazala uJosias Khiba; uJosias Khiba wazala uKnight; uKnight wazala uNtsimana.

Uninzi lwabaTshweneng nalo eLusuthu, naseFreyistata, naseTransvaal. KwelabeSuthu abanye babo basuswa ziimfuduko zamandulo baza baya kuwa kwimihlaba emininzi yamaXhosa. EmaXhoseni ke kuthiwa ngamaMfene. Esi sizwe sabaTshweneng abanye abantu bathi siyindlu yasemaZizini eyabalekela kubeSuthu mandulo ngethuba leemfazwe neemfuduko zamandulo. Kuthiwa aba bantu bathi ngokutshatana nabeSuthu basele beziba ngabeSuthu.

Kukwakho nokuphikisana ngemvelaphi yawo, abanye bathi asuka eLusuthu; abanye bathi ngamaXhosa omthonyama; kanti abanye bathi ngabaThembu.

AmaMfene andidi-ntathu, ngolu hlobo, kukho la maMfene: AmaMfene akwaHlathi; amaZhaba kwaDlelanga (amaMfene); amaZhaba akwaMalukazi (amaMfene).

Aba ke xa benqulwa kuthiwa ngoo: amabandla asemaMfeneni, kwaHlathi, kwaSanzanza, kwaLisa, kwaNcagala, kwaCanzi, kwaBhulashe, kwaJambashe, kwaBhonga, kwaNonoba, Sandlala-ngca, Ngabantu basemaweni abo, NgooHlangomva eliweni, Oophala ngezandla, Qaqamba zinyo elimhlophe kude, Kube mhlophe nelokugqibela umhlathi, Ngabantu abahle abo, Abantu abamnandi, Ungabeva ekoyini kutsh’intombi. Umkhonto obukhali osika calanye njenge-nayifu, Idyongo likaMamvezelwa. Inkom’efuywe emaMfenen’iya kuzal’ithokazi!Mdaka onesiphongo,nWena wakhulel’emaweni, Haz’ub’ufuna ntoni ezikoyini!

Omnye wabantu oya kusoloko ukhunjulwa ngabo umzi wamaMfene, kwaLisa, kwaJambase, kwaMsuthu ngendima negalelo labo kuphuhliso nolwakhiwo lelizwe loMzantsi Afrika ngumsasazi wodumo ongasekhoyo uMnu. Given Eric Ntlebi womzi Umhlobo Wenene FM, nowayedume ngesiqhulo esithi, ‘Oom Givie’. UMnu. Given Ntlebi wazalwa ngomhla we-18 kwinyanga kaNovemba ngowe-1924 waze wasweleka ngomhla wama-25 kwinyanga kaOktobha ngowe-2011.

UMnu. Given Ntlebi waqala ukusasazela umzi wosasazo iRadio Bantu ngowe-1960 apho wayebalasele kakhulu kwinkqubo yezemidlalo, ephokele kakhulu ekusasazeni umdlalo wamanqindi. Wayesithi xa ewuzoba umfanekiso wendlela ekuliwa ngayo ngamadoda eqongeni, abatsho abaphulaphuli babenomfanekiso ocace gca womlo abangawuboniyo.

Ulahle ekusasazeni ngowe-1988 ngethuba eli ziko losasazo lifuduka eQonce lisiya kugxumeka iintente eBhayi.

Umzi wamaMfene uziqhayisa kaloku nangegorha lombhali wesiXhosa oselewalandulela eli uMnu. W.M. Mbovane owazalelwa kuCofimvaba kwilali yakuMbidlana. Emva kokuba egqibile imfundo yakhe yamabanga aphezulu waya kusebenza emigodini eGoli. Ukubuya kwakhe apho wasebenza kuCofimvaba njengomhlohli nalapho alahle sel’elisekela-nqununu. Ukushiya kwakhe inkonzo yobutitshala waqeshwa ngumzi wakwaShuter & Shooter eMthatha apho asebenze phantsi kwegqala letitshala uMnu. A.T. Sigcu umfo wasemaNcotsheni.

Lo mzi wasemaMfeneni ukwabaluleke ngokuzala igorha lenkokheli elaba ngumseki wePan South African Congress (PAC), ongasekhoyo uMnu. Robert Mangaliso Sobukhwe. UMnu. Robert Mangaliso Sobukwe uzalwa apha emaMfeneni, wazalelwa kwidolophu yaseRhafu ngomhla wesi-5 Disemba 1924. Kowabo wayengowokugqibela kubantwana abasixhenxe, amakhwenkwe amathandathu nentombi enye.

Uyise yayinguHubert enguMsuthu, unina yayingu-Angelina umXhosakazi. Uyise wayesebenza evenkileni yomLungu esenza umsebenzi wokuhlela uboya begusha, ebubhala ngaphandle ezingxoweni. Unina wayesebenza esibhedlele epheka. Wayesithi emva komsebenzi wasesibhedlele enze umsebenzi obizwa ngokuba yi ‘piece job’ apho wayesebenza ukuhlamba iimpahla zabeLungu.

Aba bazali bakaMnu. Robert Sobukwe babengafundanga konke. Uyise wayefunde nje ibakala lika-A waze waphela apho akadlulela phambili. Unina yena akazange awubone umnyango wesikolo. Nangona aba bazali babengamaqaba angafundanga babehlonitshiwe kakhulu luluntu. Nangona babengafundanga benjalo bathi bazimisela ukubafundisa abantwana babo.Unina wathi rhoqo wasoloko ebaphathela iincwadi ezindala kwimizi yabaqeshi bakhe. Kulapho uRobert Sobukhwe wazibalula khona ngokuthanda iimbali.

Amabanga aphantsi uwafunde khona apho eRhafu. Ngelo xesha lakhe apho eRhafu kwakungekho sikolo sabantu abaNtsundu, baze abantwana ababefunda abafana noRobert Sobukwe bafundiselwa kwisakhiwo secawe yaseWisile. Eso sikolo sasibathabatha abantwana kwibakala lika-A siye kubalahla kwibanga lesine. Ngelo xesha uninzi lwabantu abaMnyama lwalungenamali yokuxhasa imfundo yabantwana babo, nto leyo yayikhokhelela ekuthini abantwana abaninzi basiyeke isikolo ngenxa yokungabi nazileyiti neencwadi.

Uthe uRobert Sobukwe akuba eligqibile ibanga lesine kweso sikolo samaWisile wathunyelwa kwisikolo secawe yamaTshetshi ukuba aqhube nemfundo yakhe.

Usuke apho waya kufundela ubutitshala eNxukhwebe, eHealdtown. Egqibile apho waya kufunda isidanga seBA eFort Hare ngowe-1947, awasiphumelela ngowe-1949 kwizifundo zeNative Administration, indlela yokulawulwa kwabaNtsundu eMzantsi Afrika. KuseFort Hare, apho waba lilungu leANC Youth League.