Ngamani amaNgqosini

Aba bantu bangamaNgqosini, kuthiwa baphuma kwisizwe sabeSuthu abaFukweni. Xa silanda ezantsi ibali lesi sizwe sabaFokeng ekuthiwa amaNgqosini aphuma kuso, lithi: Aba bantu baphuma kubaTaung bazalwa ngumzukulwana kaMotebele esingalazanga igama lakhe.

Le ndlu ivele ngolu hlobo: uMorolong wazala uNoto waza uNoto wazala uMorara; uMorara kwindlu yakhe yokuqala wazala uMabi, waza kwindlu yesibini wazala uMasilo I. AbaTaung ke bazalwa kule ndlu yesibini kaMasilo I.

UMasilo wazala uMalope; uMalope ke yena wazala uMohurutse, kunye noKwena, noMkhatla. AbaTaung ke bona baphuma kule ndlu kaMohurutse unyana omkhulu kaMalope I.

UMohurutse wazala uMotebele ononyana esingalaziyo igama lakhe kunye nesizukulwana esinye naso esingalaziyo igama laso. Lo mzukulwana kaMotebele wazala uLezani, yena owazala uGitjie kwindlu yokuqala noTlopo kwindlu yesibini.

UGitje noTlopo bavelise izizukulwana ezibini ekuthiwa ngabaFokeng. Nantsi inzala kaGitje, wazala uSegungela; uSegungela wazala uMzale; uMzale wazala uJembe; uJembe wazala uGuanca; uGuanca wazala uBayi; uBhayi wazala uNgopheni; uNgopeni wazala uNgobozi; uNgobozi wazala uTjale; uTjale wazala uStockoe; uStockoe wazala uVova; uVova wazala uMama.

UTlopo yena nantsi inzala yakhe, wazala uMare; uMare wazala uNtsikoe; uNtsikoe wazala uSefiri; uSefiri wazala uKata; uKata wazala uMolise; uMolise wazala uNtahle; uNtahle wazala uSeephephe; uSeephephe wazala uMatete; uMatete wazala uSetha; uSetha wazala uBernard ophile kulaa minyaka yowe-1866.

Ingcali ngembali yemilibo neminombo yabantu uNgqangweni, S.K. kwincwadi yakhe ethi, ‘Emqwashini’, ubalisa uthi ngemvelaphi yamaNgqosini: “AmaNgqosini aphuma kwisizwe saBafokeng ayemi eMrhugwane (eCaledon River).

UNgqosini wayenoonyana ababini, uNdoko, inkulu, noGaba, umninawa wakhe. UNdoko wafa eselula, eshiya unyana wakhe, uNgqili, esengumntwana. Kwabamba uGaba ebukhosini bamaNgqosini. Naye uNgqili wafa eselula, washiya uMjobi, unyana wakhe eseyinkwenkwana.

Waqhuba ke uGaba ebambele, wada waziqhela iintambo zokulawula. Uthe uMjobi ezifuna, wala uGaba. Kwaliwa, woyiswa uGaba, wabhacela kwelamaXhosa kaPhalo emaMpondweni. Aba ngamaXhosa ngolo ke amaNgqosini kaGaba.

La maNgqosini kaGaba afuduka noPhalo ukuza kweli lizwe sithi kukwaGcaleka namhlanje. Emva kweminyaka alandela amaNgqosini kaMjobi aza kugaleleka kubaThembu bakaNdaba, acela indlela yokudlulela phambili; wala uNdaba nendlela.

Kungeli xesha amaNtshilibe nawo afudukayo kwelamaMpondo, nawo evalelwe indlela ngabaThembu. Adibaniselana amaNgqosini namaNtshilibe, ayivula indlela ngomdlanga. Yawela kwelo dabi inkosi yabaThembu uNdaba. Agqobhoza, edlula amaNgqosini kaMjobi, aya kungena namaBhanqo kwaGcaleka.

AmaNgqosini kaMjobi agaleleka edlula kwaGcaleka, aya kuma phezu kweNxuba, efikela kumaGwali, imiDange, amaMbalu, namaGqunukhwebe, namaNtinde. Aba ngamaXhosa ngolo hlobo ke amaNgqosini kaMjobi. UMjobi wabhubhela apho eNxuba echanwe ziintolo zabaThwa kubangiswana ngeenkomo neenyamakazi.”

AmaNgqosini adume ngesiziba sakwaCihoshe. UCihoshe sisiziba apho kwathwasela khona uNgqanga. UNgqanga wayengumNgqosini. Ukususela ngoko zange ohlukane neziziba amaNgqosini asoloko esenza izingxengxezo emilanjeni.

AmaNgqosini ke adume ngokuhlonipha izilo zasemlanjeni oononkala, amafudo, ooxam, amasele, izabonkolo, oogqamanzi, iintini (izilwanyana zomlambo ezibunjarha), amazilenzi, iingwenya, iimvubu, iimpalanga, oonojubalala, iinkwili, amadada, amanqatha.

AmaNgqosini xa enamasiko akha imizi eluhlaza ayithwale emlanjeni aye kuyandlala kuloo ndlu iza kuba nomcimbi, okanye bakhe inkxopho. Kweminye imizi yamaNgqosini xa benemicimbi bahamba ekuseni okanye ngongcwalazi bahambe baye kukha udaka lukanonkala kunye nobulembu bahambe baye kubugalela kuseluqhiza emthonyameni.

Ngale ndlela bamema abalele ukuthula basemzini omkhulu ukuba mabenze iindlela zibemhlophe kube chosi kube hele!

Kuthiwa xa kulungiselelwa umcimbi wamaNgqosini ukubonisa ukuba icamagu livumile kuye kwenzeke ezi zinto: amanzi aye abonakale emana ukuyaluzela ngokungathi kukho into eza kuvela xa abafazi besiya kukha amanzi okudidiyela utywala bomcimbi lowo; ooxam baye bamane ukubonakala bedada emanzini; amafudo kuthiwa athi gqi nawo egcakamele ilanga; okanye kubonwe izinja zasemlanjeni iintini zidada; iintaka zamanzi nezemvula amadada, amanqatha, namahlankomo athi abonakale endanda apha emlanjeni; oononkala namasele bathi thu xa kukhiwa amanzi okudidiyela utywala bomcimbi wamaNgqosini

Yonke ke le nto ibonisa ukuba icamagu livumile kubantwana bakwaMjobi, kwaNgqosini.

Abantu besi siduko samaNgqosini bathuthwa ngolu hlobo: Ngqosini, Cihoshe, Jwaqula, Mntuwomlambo, Thithiba, Nozinga, Msuthu, Mlanjana, Gaba, Mjobi, Mpondozephela, Thikoloshe ezingcongolweni, Mkhonto ubuthuntu, Mfakela, Ndoko, Ngxangana, Fulali, Ngqili, Ngqanga, Cihoshe, Isizib’esabimbiliz’ibhokuva neenkabi zayo, Kwaduk’umbhexeshi, Kwaduka nomkhokeli, Nanamhlanje bonke abakaziwa!