Ngamani amaThuse?

Imbali zabantu ngabantu abaNtsundu zange zibhalwe zaphila, zagcinakala ngokubaliswa ngemilomo. Loo nto ke yenza ukuba bazibalise ngokuzibalisa.

Abanye ababalisi imbali yamaThuse bathi: “Kuthiwa amaMvulane kaNcilashe enye yezindlu zawo ngamaThuse, le ndlu ininzi kwelamaHlubi. AmaHlubi akhohlwa ligama elithi Ncilashe asuka wona athi Ncemase. Kuthiwa eli qela lalihamba lisenza uhlobo lwentsimbi ekuthiwa ngamaThuse uhlobo oluthile lwesihombo sentsimbi enxitywa emzimbeni. La maThuse babehamba bewathengisa, basebenikwa ngamaHlubi igama lokuba ngamaThuse akwaNcemase.”

Abanye ababalisi bathi: ‘Aba bantu bangamaThuse kuthiwa bavele ngaseLisuthu. Badume ngobuchule bokwenza iintsimbi ekuthiwa ngamaThuse. Esi sizwe sisuka kumaMvulane kodwa sathi saba nokuqhogana sitshatiselana nabaThwa bakwaMsimango, saze ke egazini laso sanobuThwa. Apha emaHlubini bafike noXaba. Aba bantu baninzi emaHlubini, emaMpondweni nakwizithili zamaMfengu eKoloni.’

Abanye ababalisi ngembali yesi sizwe bathi: “UNcanase (amaThuse ke ngoko) uzalwa nguNcilashe, umSuthu olivela ngqangi kuVundle, umSuthu wakwaMfukweni. Ukuyicacisa kancinane le ndawo kuya kunceda into.

Kaloku unyana wokuqala kaVundle nguNcilashe owathi kwakuvela uBhayi, oyena wayeza kuba yinkosi, wabelwa ekunene kuloJileka ukuba aye kuphatha imikhosi kwelo cala, kuba wayengoyena ulikhalipha, yayisisilo sikamhlola, wayefeketha ngabo nje ubukhalipha. Loo nto yenza ukuba icala lakuloBhayi lenze icebo lokumoyisa, into embi ukuvukelana kwabantwana bendlu enye.”

Abanye ababalisi bathi uThuse uzalwa nguMasoka.

UKS Bongela ongumbhali wesiXhosa uthetha ngolu hlobo ngembali yabantu basemaThuseni: “Ithi imbali abakwaThuse nabakwaMaduna babengabeSuthu ngaphambili abathi bachithakala emaHlubini, baza bakhongozelwa ziinkosi bangeniswa emzini ngamaphakathi.

Enye ingxelo ngaba bantu, abakwaMaduna nabakwaThuse ithi ngamaHlubi ngqo, bayinzala kaDlamini wangqangi owala ukuza esuthwini elalinoMthimkhulu. Wathi ufuna eyakhe indlu yesuthu. Kwathi kusakwaliwa komkhulu wasele esimka eqabela iiNtaba zoLundi waza walukela kwelo zwe esekuthiwa lelabeSuthu ngoku.

Wazeka apho waza emva kwexesha elithile wabuya wawasingisa amabombo kwelakubo eMzinyathi wafika selethukwa ngelithi; ‘Aba ngabeSuthu kuba bemka ekhayeni labo ngesuthu.’ “ Abanye ababalisi bathi uThuse uzalwa nguMasoka, uNzimande.

UThuse ubongwa ngolu hlobo: Thuse Nyembe, Ncemase, Nogadula, Nonxasiyakhathala, Ncancase, Ndlebenkomo,Umfazi omanxeba ngaphambili njengendoda Thusi liyabenya, Labenya kwaMzilikazi mhla amaHlubi ayehlelwe,Yatsho yamhlophe indlela, Labenya entla nengalo, Abasezimfeneni ke namhla, Ithusi alikhali lilinye,Angathi akhale ngahle ayashayana, Sikhova sakuloNomavila, Sikhova siyaguba, Sikhova siyakhwezela, Xa sindandazela bathi siyahuza!

Aba bantu basemaThuseni babenegalelo elikhulu kuphuhliso lelizwe loMzantsi Afrika. Omnye ke weembunguzulu ezashiya igama kulo mzi wamaThuse nguMnu. Michael Mabusela owaba ngumbhali weencwadi ezininzi zesiXhosa. Lo kaMabusela wayesakuba yintatheli yephephandaba “Imvo ZabaNtsundu” elaqalwa nguJili uMnu. DDT Jabavu.

Lo kaMabusela wazalelwa eCala ngomhla we-23 kwinyanga kaOktobha ngowe-1940, baze bafudukela eBhayi nonina uAdelaide Mabusela.

Intlantsi yokubhala yamqala xa wayefunda ibanga le-Matriki ngonyaka ka-1960 eNxukhwebe efundiswa yititshala eyayisithanda gqitha isiXhosa uMnu. Phukwana waseTsomo.

UMnu. Mabusela wabhala imibongo yamibini elapho eNxukhwebe engumfundi eyathi yashicilelwa ngulindixesha oyincwadana ekwakusithiwa yi “Inkqubela”. Olo shicilelo lwamkhuthaza kakhulu lwamenza waqhelana nosiba, enxanelwe ukubhala ngakumbi uncwadi lwesiXhosa.

Emva kwexesha selephangela eBhayi kwaye kwakhankanywa incwadana eza kubhalwa kwaNokholeji eFort Hare ekuthiwa ngu “Dimbaza”. Lantyontywa ilizwi ukuba nabani na makabhale. Nalapha wathumela imibongo eyathi yamkelwa.

Olu shicilelo lukaDimbaza labangelwa ukuba anxanele ngakumbi ukubhala iincwadi zesiXhosa. Esaxakiwe ethingaza enxanelwe ukubhala iincwadi, exakiwe ukuba iinzame zakhe angazibhekisa ngaphi wagangwa nguMnu. G. Soya Mama kunye noMfundisi JJR. Jolobe.

Bobabini aba yayingababhali ababevunyiwe nabanamava besiXhosa abaziwayo. Bamkhuthaza bemkhupha kuzo zonke iimpazamo. Ngenxa yabo namhlanje uyenzile imida ekubhaleni isiXhosa.

Umzi wakwaThuse siwukhumbula ngomzi wakwaNtsebeza ozale isikhwakhwa segqwetha uMnu. Dumisa Buhle Ntsebeza, igqwetha elazenzela igama ngokulwela amalungelo abantu. Lo kaNtsebenza waba lixhoba le mithetho engqwabalala yephandle laseTranskei.

Umzi wasemaThuseni kwaNtsebeza ukwabaluleke kakhulu kuba nguwona mzi wathi wakhulisa loo nkokheli yodumo lwabafundi baseYunivesithi yaseTranskei uBathandwa Ndondo owathi wagwintwa eCala ngomhla wama-24 kuSeptemba ngowe-1985 ngamapolisa aseTranskei etyholwa ngokuqhushumbisa umzi ogcina ipetroli eMthatha.

AmaThuse akhona nakweliya lizwe laseZimbabwe, baliqela lempi eninzi eyahamba noCecil John Rhodes kweli leMpuma Koloni ngexesha lokwakhiwa kwemigodi nokuguqulwa kwabantu abaMnyama ukuba babengamaKrestu ngowe-1890. Zabazininzi iziga nezizathu ngezizathu zoqhankqalazo zabantu abangamaXhosa ababesiwe nguCecil John Rhodes eZimbabwe. Kuthiwa naphaya ezicaweni babengahloniphekanga bephoxwa bethotywa isidima.

Abefundisi babeLungu abangamaNgesi xa beshumayela babebabiza ngokuba bazi “Colonial Boys and Colonial Girls,” into leyo eyayilumeza kuba loo mntu wayesithi bangamakhwenkwe namantombazana kwakufumaniseka ukuba mncinci kakhulu, ngumntwana bayamzala. Kangangokuba kuthiwa kweliya lakwaBulawayo eZimbabwe kwakukho ixhego lomXhosa ekwakusithiwa nguVamsinya Ntsebeza, eli xhego ladinwa yile nto yokuba kusoloko kusithiwa xa kushunyayelwa bangoo “Colonial Boys and Colonial Girls.” Kuthiwa ngomnye umhla laphakama ecaweni lathi, libhekisa kumfundisi womLungu owayeseqongeni eshumayela lathi: “Ngaba phaya kweliya lizwe lakowenu eBritane, akhona amakhwenkwe aneentshebe ezinde, nezimvi, neempandla njengathi aba? Ngaba phaya kowenu e ‘England’ akhona amantombazana anemibimbi nagobe imiqolo njengoonyoko aba?

Njengokuba ningamaNgesi nje, aninayo laa ntlonipho ithi, ‘Beka unyoko noyihlo’.”