Ngamani amaTshabangu?

AbakwaTshabangu ngamaNgwane. AmaNgwane ke avele ngaseSwazini eyimpi enkulu. Aba balisi bamaXhosa endihlangene nabo bathi: Imbali yamaNgwane isusela kude kudaladala mandulo kwilizwe ekuthiwa kuseMbo kufutshane namachibi amakhulu ekuthiwa zii-Great Lakes. Inkosi eliqala kuyo ibali lamaNgwane, amaMpondo, amaMpondomise, amaXesibe, amaBomvana, abakwaMkhize nesizwe sakwaMthethwa liqala kuGubela.

UGubela wazala uKhuboni; uKhuboni wazala uNgebelazana; uNgebelazana wazala uDlozela; uDlozela wazala uSibiside; uSibiside wazala oonyana abathathu, uMavovo ngunyana wokuqala, unyana wesibini nguNjanya, unyana wesithathu nguNomafu.

AmaNgwane ke wona aphuma kwindlu kaNomafu, uNomafu uzala uNgwane; uNgwane uzala uNgcukumane; uNgcukumane uzala uMnyaluza; uMnyaluza uzala uNgogo; uNgogo uzala uNgubane; uNgubane uzala uNophikane.

UNjanya uzala amawele uMpondo noMpondomise , kulandele imfusi uXesibe, emva koXesibe kuvele uNyambose ozala isizwe semiThethwa.

Aba ke ngoo: Tshabangu, Ngwane, Ngwadi, Sobhuza, Fulelo njengenkosi, USigejane sona sihluma ehlotyeni, Sihluma ebusika, Abakhab’ isiduli kuvel’ ititshala, Abamazinyo amhlophe, Kuba bengaseli siphungo, Besithi isiphungo liyeza, Abakwamfazi obele linye, Owanyisela ngaphesheya, KweMpofana noThukela, Izalakulandel’ amakhosi kuba zithi nazo zingamakhosi, Iinto zikaLuvuno noNgwane, Inkosi efungwa ngabedlulayo, Bathi: “Ngwane asisayi kubuya kuba kakade uyabulala!”

Omnye umntu osibongele amaNgwane akwaTshabangu ngesibongo esibonisa umfutho wokuba aba bantu bakhe baya kudibana nesizwe samaHlubi amaNgelengele, uwabonge wathi: Tshabangu, Ngwane, Ntuli, Mtshizana, Hlubi, Ngelengele!

Kubantwana abazalwa kulo mzi wakwaTshabangu sikhumbula uDorothy owayeyintombi yakwaMazibu kuQumbu ongomnye weetitshala zokuqala nezenza indima entle ekuxhobiseni umlisela nomthinjana ngemfundo.

AmaNgwane ibisisizwe esisoloko sidlala ngegazi. Akhe ovuyavuya kakhulu amaHlubi, ngelo xesha ke ayekhokhelwe yinkosi yawo uMatiwane unyana kaMasumpa.

UMpangazitha wamaHlubi nonyana wakhe uSidinana babulawa nguMatiwane ngexesha leMfecane. Imikhosi kaTshaka nayo ikhe yalwa nemikhosi kaMatiwane.

UMatiwane uthe akoyiswa yimikhosi yakwaZulu wagqiba kwelokuba ahlasele abaThembu. AbaThembu bacele amaXhosa namaNgesi ukuba abancede abahlangule kuMatiwane. Ngeli xesha ke emaXhoseni kwakulawula isirhorho soNobutho uHintsa.

UMqhayi, S.E.K uthi xa ebalisa ngedabi lamaNgwane nabaThembu: “Kuthe ngomnyaka we- 1827, abefundisi bahlaliswa kakubi okunye, kukuvakala kokuza kukaMatiwane, zaye iingxelo zisithi asimfo wenza ntsuku endleleni, xa selefunzele kwindawo ethile nokuba ikude.

Kubonakele ke ngoko ukuba umsebenzi omawenziwe, kukumbiwa kweendonga, nokwakhiwa iindonga zokuze ithi yakufika imfecane (kwakusitshiwo ukubizwa kwaloo mpi yamaNgwane) kusithelwe ngazoxa kuliwa nayo.

Okunene ke elo xhala lahle lashenxiswa, wachithwa kakubi uMatiwane emantloko oMthatha, kwindawo ekuthiwa kuseMbolompeni, echithwa yimikhosi yabaThembu, amaGcaleka namaNgesi, umphathi walo mfingqi inguCol Somerset lowo. Kuthiwa unina kaMatiwane wathi bebhaca bebuyela kwakwelakwaZulu wabe esithi “Ndanditshilo mntwanam ukuba sukuya ebuNguni.”

UGqoba,W.W. kwincwadi ethi, ‘Zemk’iinkomo Magwalandini’, ibali lamaNgwane lobugorha ulibalisa uthi: “AmaNgwane la aye esisizwe esikhulu ngaloo maxa e-1819, ebe simi malunga ngasentla kancinane, kwicala lasebuNguni, nganeno apha; inkosi yawo yaye inguMatiwane.

Echithiwe ke amaNgwane, ahlela ezantsi, ehamba echitha ezinye izizwe, ethimba, egqugqisa, ada aya kufika eNatala, ada eza kufika nasemaMpondweni eMbholompeni, asel’ebuya eLusuthu kwaMshweshwe.

Unyana kaMatiwane, uZikhali, ubesel’emi eLukhwahlambeni, waya kuzinikela kuTshaka. Wafika watyhatshazwa amehlo, wasel’ebulawa nguDingana, engasekho uTshaka.

Kuthe emveni kokugwintwa kukaTshaka nguDingana, wasikwa namhla uMatiwane, ngesizathu sokunqenwa kwakhe nguDingana; kuba ubeligcisa ekulweni, ebenqenekile kuzo zonke iinkosi zaseMbo. Uthe nonyana wakhe akuvela, zagxugxa zonke izizwe, kuba naye ubenamaci amatsha okulwa abengekho eMbo.”

Iphephandaba lesiXhosa, ‘Umthunywa’ ngowe1963 lakhupha inqaku elithi, ‘Ngobomi bukaD. Mhlambiso’ elalizoba indima ayidlalileyo emhlabeni: “Umfikazi Dorothy Mhlambiso MaTshabangu wazalelwa eTyeni kuTsolo ngoJuly 17, 1907.

Yintombi encinane kaMnu. noNksk Mazibu abathe bamfundisa eShawbury wade waphumelela uqoqo lobutitshala.

Ubengumfundisi-ntsapho kwezi ndawo: Cabavale; kuQumbu; Paradise eMatatiele; naseTyeni kowabo.

UMaTshabangu lo wayengumntu oxabise unqulo lobuKrestu kwasebuntwaneni. Wakhula enjalo akajikajika. Ubonwe lisoka xa atitsha kowabo eTyeni, nguMnu. H.W. Mhlambiso, umfo wasemaJwarheni, eShawubury, kuQumbu, ekwayititshala naye kwaseShawbury apho.

Utshatile ngoJanuary 2, 1934. Uzibalule kwangoko ngenkonzo yakhe kumzi omkhulu wasemaJwarheni nolikhaya leenkadama, wazenza zafumana ukuphumla, bebambisene ngomoya mnye noninazala intombi yakwaNgwanya kwaDali.

Ubengulo mntu kuthiwa likholwa. Ulandele uninazala kwezenkonzo, waza wanyulwa wanguNobhala kwiSebe lamanina.

Ngo1947 wanyuselwa wangumkhokelikazi; ngo1949 wenziwa uNondyebo nomthunywa kwikhonvenshini zesithili saseClarkebury. Uzibeke phantsi iintambo ngoDecember, 1962 ngenxa yempilo.

Umfikazi ubenesiphiwo esinqabileyo sokuthanda kanye iintshaba ezi zakhe, bade abaninzi bamkrokrele engqondweni.

Ubezolile, ezithobile, enembeko kuye wonke umntu, enonyamezelo, eyimela inyaniso engathengi buso bamntu, elihomba lendalo. Ikhaya lakhe lingumzekelo kumakhosikazi enengqeqesho nasebantwaneni bakhe.

Ubelilungu likaZenzele. Igadi yakhe yabasoloko iluhlaza yimifino ekwangumfuyi weendidi ngeendidi zeenkukhu.

Ubethandwa ngabantu bonke nabamelwane nabantwana bekhala ngo ‘Tshabangu’. Kuko konke ubemhlonele umyeni wakhe. Namhlanje isikhukukazi esimaphiko abanzi sikwelemimoya. Sibanqwenelela uxolo abo bebzimela phantsi kwaloo maphiko entombi kaMazibu.”