Ngamani ooSikhosana?

Aba bantu bafike kumaHlubi bephuma kumaNdebele kaMzilikazi kaMashobana. Aba bantu bayinzala kaMsi ozalwa nguMhlanga ozala uSikhosana. Nabo bathi babaleka nezinye izizwe ezazibaleka uTshaka noMatiwane ngemfecane yabo. Abanye babo bada baya kuwela emaXhoseni, abanye benyuka ngasentla.

Kuthiwa xa bebongwa: NgabakwaMsi, BakwaMhlanga, BakwaVuyisa, BakwaMaphanga. Izihlobo zakuloHlathi, ZakuloNovaphi, ZikaNtuthwana, ZakuloMbuyisa, ZakuloDung’ihlazo, ZakuloNonqala. Abebuzi elikhulu, Elagedl’umhlanga, Abakwancwadi yaphuma, Phesheya kwamalwandle, Umfaz’obele linye, Owanyiselel’iintsana phesheya komlanjana, AbakwaMsi ophuma emhlangeni, Izizwe zonke zabikelana, Zath’ums’uphuma phi? Ums’uphum’ehlangeni, Abakwamfazi’odla’iqwarha amadoda engalidli!

Nazi iifani zabakwaSikhosana: NgooJosiah kuNtsaka eNgqeleni; NgooBuso abafumaneka kwisithili saseGcuwa phesheya kweNciba; NgooBekwayo; NgooCengimbo abafumaneka kwisithili sakuCentane phesheya kweNciba; NgooDumako abafumaneka eDutywa nakwilali yaseHlobo eNgqamakhwe NgooLangeni abafumaneka kwisithili sakuCentane nakwilali yaseMishini eGcuwa, abanye nabo kuTimane eDutywa, abanye nabo eXhorha; NgooGundwane; ngooMabuya; NgooMadayi eRhawutini naseMpumalanga; NgooMabhayi eRainy eNgqeleni nakuGatyane; NgooMahlangu eRhawutini naseLady Frere, eCacadu Phesheya kwaNciba, NgooMahambehlala eMt Fletcher; NgoMasombuka baseRhawutini naseMpumalanga; NgooMdingi bafumaneka kwisithili sakuCentane nakwezi lali eThaleni, eGwadane, naseNgcingwane eDutywa; NgooMhlanga bafumaneka kwilali yaseHlobo eDutywa; NgooMemka eMt Flecher naseMatatiyele ngooMonakali kwisithili saseGcuwa nakwisithili sakuCentane phesheya kweNciba; NgooMbambalala kwisithili sakuCentane phesheya kweNciba; NgooMsi eMt Fletcher naseMatatiyele; NgooMunyu eLusikisiki; NgooMvunyiswa eRhawutini naseMt Fletcher; NgooNcedana eNqadu kuGatyana; NgooNdlazi kwisithili saseGcuwa nakwisithili sakuGatyane phesheya kweNciba; NgooNyathela kwilali yaseMqonci kwisithili saseDutywa; NgooNoah eQokolweni eMqanduli; ngooSikhosana kwiphondo laseMpumalanga naseRhawutini naseMqonci kwisithili saseDutywa; NgooSihlali kwilali yakuMtebhele eNgqamakhwe; ngooThukela kwisithili saseLibode naseNgqeleni emaMpondweni, abanye nabo eNgqamakhwe naseDutywa; NgooSigwayi; NgooVolwana eMpindweni kwisithili saseMthatha naseBhojana eNgcobo, naseAll Saints eNgcobo; NgooYeyana kwilali yaseNgwane nakauMahasana kuGatyana.

Isibongo sabantu bakwaSikhosana esibhalwe ngolwimi lwabo isiNdebele sisifumana kwincwadi kaP.B. Sikhosana ethi ‘Lwarhwalala Nobani?’. USikhosana, P.B. aba bantu bakwaSikhosana ubabonga athi: “Helele ntomb’enkulu kaMgidi, Ikwekwezana esidudla sesiponono, Yekhethu kaMgidi kaMbonani, Zavukazan’azembelani, Eny’ingembel’enye iyaqumba, Mgidi, Dumako, Owaduma kwabe kwethuka noNzunza, Makhonz’akhonzele futhi, Kube abanye bakhonza bagoduke. Ngobana wena wakhonza kwesikaNzunza. Umathumb’ezimhlophe, Kube abanye bathumb’ezinzima. Bafazi khalimani uNomheme uyelelesa,Ngobana wabang’ibizo nomntwana!

Xa sithetha ngabakwaSikhosana sithi sikhumbule ingqangula yomfundisi nompolitiki weqela leANC uMfundisi Zaccheus Richard Mahabane owaba nguMongameli weANC izihlandlo ezibini. Wazalwa ngomhla we-15 kwinyanga kaAgasti ngowe-1881, eThaba Nchu eFreyistata, waze wasweleka ngenyanga kaSeptemba ngowe-1971 eKroonstad, eFreyistata.

Abazali bakhe yayingamaKrestu awayephila ngokufuya nokulima. Wafunda kwisithili sakowabo, waze emva koko waya kuqeqeshelwa ubutitshala eMorija Mission eLusuthu awathi wabuphumelela ngowe-1901. Ngowe-1908 wabuyeka ubutitshala waza wasebenza njengetoliki yenkundla.

Waphinda waya kuqeqeshelwa ubutitshala eLessyton Theological School eKomani, waze wathanjiswa njengomfundisi waseWisile ngowe-1914.

Emva koko waya kusebenza eBensonvale eHeshele. Watshintshwa apho wasiwa eKapa. Uthe elapho wazimanya nomzabalazo wezopolitiko wokulwela amalungelo omntu oNtsundu. Ngowe1919 wanyulwa njengoMongameli wesebe laseKoloni leSouth African National Congress. Ngowe-124 ukuya kowe 1927 wenziwa uMongameli-Jikelele weANC. Uphinde wenyulwa isihlandlo sesibini kwakulo mbutho ngowe1937 ukuya kowe-1940.

Wazeka uHarriet Mantoro, baze balizwa ngabantwana abangamantombazana abathathu noonyana ababini. Wapapasha incwadi ethi, “The Colour Bar in South Africa”.

Ngowe-1943 wawongwa ngokuba nguyena mntu ube ngumongameli ixesha elide lombutho weANC.

Ngenyanga kaOktobha ngowe-1938 omnye wababhaleli bephephandaba ‘Umthunywa” wabhala inqaku ebalisa ngokubonana kwakhe nomaneli lo. Wabalisa wathi: “ERosmead sidibene nendoda enkulu uRev. Z.R. Mahabane, omnye wezibane zokukhanyisa kwiAfrika yakowethu. Ndibe soloko ndithanda ukuthi nca kuye ndimana ukuqhawula amava kuye, kuba indoda le izele ngawo, nawe uyayazi mlesi, “Ngumde ngeentonga”, iponi e ‘round’ ephala iyokutsho kweleRhawuti naseKapa nakwele mbokoto neleswekile, ibe ngathi ibingayanga. Ngokuthetha naye ndaphawula ukuba ngesizalo akamSuthu koko liHlubi unguSkhosana. Le ndoda inobubele iyathanda ukuncokola ikhululekile kanye, ayizizami. Xana uthetha nayo iyaphawuleka into yokuba unengqondo. Kaloku le nto idla ngokuziveza ebantwini, xa umntu ethetha nabanye. “Ukuthetha kuveza lukhulu”.