Ngamani ooTolo?

USoga J.H. kwincwadi ethi, South-Eastern-Bantu ubalisa uthi ngemvelaphi yesizwe samaTolo: “UTolo lo kuthiwa liwele noZizi bobabini bazalwa nguKhuze, ibali lithi uDlamini ozalwa nguSidwaba; ozalwa nguLufelelwenja; ozalwa nguMhuhu yena uzele uKhuze noSibakhulu; aze yena uKhuze azale amawele uTolo noZizi. Imvelatanci nguTolo isizamva ibe nguZizi.”

Aba bantwana banguTolo noDlamini kuthiwa phaya ekukhuleni kwabo babethanda ukuxabana. UTolo kuthiwa liwele elalinamandla kakhulu elaliloyisa eli wele linguDlamini. Ngenxa yeso sizathu uDlamini wayetyiswa kwasemini, kuba omnye lo unguTolo wayesidla ngamandla. UTolo esi sibongo sithi, ‘Dlangamandla’ wasifumana ngenxa yokuba wayephangela uDlamini.

Loo nto yenza ukuba ngethuba uyise walamawele uKhuze xa wayesaba ilifa enze oku kungezantsi: “UKhuze xa wayeza kunikela ubukhulu kula mawele wenza ubuqhinga. UKhuze elona wele wayelithanda nguZizi, wathi xa beza kunikelwa ubukhulu, nto leyo yayisenziwa xa kuza kutyiwa ukwindla, wathi kuTolo makatye ingcambu yobulawu kunye nomsizi. NakuZizi kuthiwa wamnika kwalo myalelo, kodwa wongeza nelizwi elithi aze axhentse aqale ajonge eMpuma, agqibele ngaseNtshona. Lo mxhentso ke kuthiwa nguwo owawuza kugqiba ekuthini ngubani na inkulu. Ngenxa yaloo mxhentso waba ke uZizi uyabufumana ubukhulu. UTolo wasala engumntu ophantsi koDlamini.”

Ibali lokohlukana kukaTolo noZizi ingcali yebali lamaMfengu uKawa, R.T.kwincwadi yakhe uyibalisa ngolu hlobo: “NgamaTolo ndingathi zezona nkosi zinkulu kwisizwe samaZizi, kuba kaloku uNgubontse wazala kwindlu-nkulu amawele, uTolo noMzizana, waye uTolo elelikhulu.

Kweyasekunene indlu wazala uLimako. Ibali ke lithi bammangala ubukhosi uTolo ngokusuke abuke gqitha isisu sakhe, athande ukudla ngokwesidlakudla.

Kuthe nganyaka uthile, ngemini yokweshwama bambambisa, wade wagxekeka nakuyise owayemthanda kunene.

Sithe kanti isiphakathi esi siyambhunga, sifakana imilomo ngecebo lokuba angathiwani na ukuze angabi yiyo inkosi enkulu; waza ke umninawe wakhe uLimako, waveza icebo lokuba mabaze xa beselwa ukutya kokweshwama, angakudli uMzizana, aze athi, “uya kudla emini”.

Okwenene ke ngemini yokweshwama kuziswe ithanga kuqala walidla uTolo, walala uMzizana ngelithi, “uya kudla emini”. Kuphindiwe kwaziswa inyama waza wathi uMzizana “uya kuyidla inyama leyo emini emaqanda,” wasuka uTolo wayihlutha xa ibekwayo, waphosa emlonyeni, “wayidla ngamandla” ukuze kuthiwe nguDlangamandla aze uMzizana kuthiwe ngu “Dlamini” anikwe ubukhosi nguyise nasisizwe ngecebo likaLimako, owathiywa ngaloo mini igama lokuba nguShwama-Shweme. Kwaza ke ukususela ngaloo mini yathi inzala kaLimako, Shweme yaba ngababeki-zinkosi zasemaZizini.”

Imbali ihambisa ithi: uTolo wazala oonyana abathathu, kwindlu enkulu uzele uNgonyama; kwindlu yasekunene wazala uMadubela; waze kwindlu yesithathu yaseqadini wazala uNongwadla.

Xa silandela indlu kaNgonyama, uNgonyama uzele uThunzi; uThunzi wazala uNdlebe; uNdlebe wazala uMloko. UNgonyama usweleke esi sizwe samaTolo siseyimbumba enye, simi KwaZulu-Natala. Kuthe ngethuba esi sizwe samaTolo sibhaca sibaleka iimfazwe zikaTshaka, uThunzi ongunyana kaNgonyama wathi washiyeka KwaZulu-Natala akalishiya elo lizwe.

Umntu owathi wesaba nenye impi eninzi ngunyana kaThunzi ogama linguNdlebe. UNdlebe ubaleke wade waya kumisa emaMpondweni kumhlaba ophakathi komlambo iNcambedlana neNkawukazi, kufutshane nale ndawo inedolophu yaseMthatha.

La maTolo kaNdlebe umhlaba waseNcambedlana athe asuswa kuwo lidabi lokunukana ngokuthakathana. Bawushiye lo mhlaba sele eswelekile uNdlebe kunye nonyana wakhe uMloko. AmaTolo awushiye ngethuba uBikhwe wayebambele unyana kaMloko owayeselula kakhulu ukuba angathi athabathe isihlalo sikayise sokuphatha isizwe samaTolo.

Indlu yasekunene kaMadubela, ithe ngethuba ilawulwa ngunyana wakhe uDingindlela kwafika amaNgwane kaMatiwane ayihlasela. La maTolo athi abaleka aya kuzimanya nabantu beNtlangwini phantsi koNkosi uSidoyi nowayemise eMkhomazi KwaZulu-Natala.

Indlu yaseqadini kaNongwadla yandululwa eNatala ziiMfazwe zikaTshaka, yaze impi eninzi yala maTolo yaya kuwa kuHintsa kwelamaGcaleka emaXhoseni. Bathe abanye babo ngethuba uMfundisi * -Elefu wayesiya kufunela amaMfengu eNgqushwa umhlaba bawela naye. Basafumaneka aba bantu eNgqushwa.

Amanye amaTolo emi nganeno kweZambesi, ngakwiNtaba zeGolontsi. Ukubizwa kwalamaTolo kuthiwa ngamaNyika, inkosi nguSifombasuku.

AmaTolo abongwa athiwe: Tolo, Nongwadla, Mchenge, Bhanekazi, Ngwenyankomo, Dlangamandla, Zulu, Masali, Mfingo, Amajubantlantsi, Vumba lempongo liyanuka, Nozinja ziyakhonkotha, Kuba zithi : “Hawi! Hawu! Hawu! Xa zibon’umnt’ozayo, Nozinja ziyafulathelana, Kanti zenz’umntwana, Umlamb’ awuwelwa, Uwelwa ziinkonjane kuphela, Zona zimaphiko made, Nkomo zikaGaxaza! Oonkuni azothiwa, kuba zithezwe yinkosazana, Bona babasa amadaka eenkomo zabo, Izinto ezifuye inkomo zafuya negusha nehashe.