‘Ngamasela ooTrollip’ – ANC

Umfanekiso ogciniweyo kasodolophu weNelson Mandela Bay, uAthol Trollip

Umbutho weAfrican National Congress (ANC), ongumbutho ophikisayo kwibhunga likamasipala waseNelson Mandela Bay, utyhole usodolophu walo masipala uAthol Trollip nesebe lengxowa-mali kamasipala ngobusela.

Lo mbutho uthi ingxelo enikezelwe ngusihlalo weli sebe uDean Biddulph kwintlanganiso yebhunga nebibanjwe eWoolboard Exchange ngoLwesine weveki ephelileyo icatshulwe kwincwadi yephupha leminyaka emihlanu kaDanny Jordaan owayesakuba ngusodolophu kule ndawo. 

Lo mbutho uthi uTrollip usebenzise looncwadi endaweni yokuba yena nombutho wakhe iDemocratic Alliance (DA) beze nocwangciso oluphuma kuwo lokukhokela nonikezelo lweenkonzo.

uRory Riordan weANC nobesaya kukhokela eli sebe phantsi komasipala obukhokelwa yiANC noJordaan uthe iDA ithathe loo mqulu yawusebenzisa unjengoko ubunjalo. Uthe amanye amanqaku amalungu neenkonzo ebezilungiselelwe abantu abahluphekileyo ezilokishini aguzuliwe kule ngxelo.

uRiordan uthe uJordaan wayenombono wokulungisa nokwakha amabala ezemidlalo namaziko ezobugcisa nenkcubeko kodwa uTrollip ukhethe ukuziguzula kwingxelo yakhe.

“Akukho nto ithethwayo nge KwaNobuhle Sports Centre, Red Location Museum neMotherwell Cultural Precinct! Bathathe umqulu kaJordaan bawusebenza besusa imiba yasezilokishini.”

uAthol Trollip uphendule ngelithi umqulu weANC weminyaka emihlanu wawububutyobo kwaye wenziwa kungxanyiwe kuba kwakuleqwa ukuya kuthembisa abantu ngethuba kukhankaselwa ulwanyulo lweyeThupha kulo nyaka uphelileyo. Uthi izinto ezininzi eziqulathwe kwingxelo yabo zizivumelwano nabahlali ngethuba lo rhulumente wawubambe iintlanganiso zeembizo.

“Lo mqulu uphilile kwaye uhambisana nezidingo zabantu abahluphekileyo, awufani nalowa wentloya ubusoloko ukakazwa abantu kwisithuba seminyaka engamashumi amabini anesithathu edlulileyo.”