Umhlaza sesinye sezifo eziphambili ezibangela ukubhubha kwabantu kwihlabathi jikelele. Kukho iindidi ngeendidi zomhlaza kwaye kuthiwa malunga namawaka amane abantu ababulawa ngumhlaza wegazi minyaka le eMzantsi Afrika.
INtloko yeSebe elijongene nophononongo lwegazi kunye noqhaqho-fakelo lweeseli zestem, iClinical Hematology and Stem Cell Transplant Unit, kwisibhedlele i-Inkosi Albert Luthuli Central kunye nelungu lebhodi yeDKMS Africa, uGqr Sharlene Parasnath, ukholelwa ukuba oku kungenxa yomgangatho wokhathalelo olunikezelwa kwizigulane ezixhomekeke kwinkqubo yezempilo karhulumente.
Ukhankanya iindleko njengenye yezinto ezichaphazela unyango lomhlaza wegazi. Uthi uMzantsi Afrika uxhomekeke kakhulu kunyango oluqhelekileyo olwaziwa njengechemotherapy ukunyanga izigulana ngokuchaseneyo nonyango olutsha olufana nonyango olujolisiweyo lwamajoni omzimba, itargeted immunotherapies ngelasemzini.
“Olu nyango lunokufikeleleka kwezinye izigulana ezikwicandelo labucala kunye nokhathalelo lwempilo kumazwe aphuhlileyo kodwa azifikeleli kukhathalelo lwempilo lukawonke-wonke ngenxa yokungafikeleleki kwazo ngokwezimali.
“Amazwe asebenzisa unyango olujolise ngakumbi aluphuculi nje kuphela ukusinda kwabantu abonomhlaza wegazi kodwa ikwanciphisa iziphumo ezingathandekiyo zonyango lomhlaza, utshilo uGqr Parasnath.
UGqr Parasnath uthi ukuba nabongikazi abambalwa kunye noqhaqho-fakelo olumbalwa kunefuthe kunyango lolu hlobo lomhlaza. Ukwachaza ukuba iingxaki zecandelo elijongene nengqesho (human resources), ngakumbi ukunqongophala koomongikazi abaziingcali, njengenye into ethintela ngakumbi uqhaqho-fakelo lweeseli zestem ukuba lwenziwe.
“Sithetha nje, akukho qeqesho lusesikweni lwabongikazi kuphononongo lwegazi eMzantsi Afrika. Ke, into edla ukwenzeka kukuba uninzi lwezigulane ezinomhlaza wegazi ziphela zikhathalelwa ngabongikazi abaziingcali ekusebenzeni nezigulane ezinomhlaza okanye abongikazi nje abanemfundo enqongopheleyo noqeqesho ngohlobo lokhathalelo oludingwa zezigulane,” utshilo.
Ukwagxininisa ukuba izixhobo ezinqongopheleyo kwicandelo elijongene nengqesho ngokwenkxaso yempilo yengqondo zikwayingozi kwizigulana ezinomhlaza wegazi.
“Ngelishwa, oku kuthanda ukuba njalo kumacandelo karhulumente kunye nabucala, njengoko umntu omnye kwabathathu kufunyaniswa ukuba unomhlaza uphela enengxaki yempilo yengqondo efana nombilini okanye uxinzelelo lomphefumlo, kodwa ngaphantsi kwe10% yezigulana zithunyelwa ukuba ziyokufuna uncedo,” utshilo.
Ukwabongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba banyuse iqela labanikezeli leeseli abakhoyo ngokuzibhalisa okanye ukuxhasa imibutho efana neDKMS Africa edibanisa izigulane nabaneeseli ezifana nezabo ukuze bafumane unyango, lo mbutho unika ukufikelelo kubhaliso lwehlabathi lwabanikezeli abangaphezu kwezigidi ezilishumi elinesibini (12 million).
“Ngeenzame ezigxilileyo, uMzantsi Afrika unokuba yinxalenye yamazwe ehlabathi anenani elandayo labantu abasindayo kumhlaza wegazi, nto leyo enika ikamva eliqaqambileyo kwizigulana neentsapho zazo,” uvale ngalo mazwi uGqr Parasnath.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike