Ngena nomfazi evenkileni!

Le genge intsha iyakholiswa kukunxulana xa kusiyiwa ezivenkileni, umfazi nendodakhe. Iyabukeleka ke kambe loo nto kubantu abathanda isilungu, ukuba kuchulwe ngumfazi nendoda.

Kumathuba amaninzi ke wofika indoda ithiwe nqaku ngengalo ngathi iza kulahleka kweso siphithiphithi sasezivenkileni.

Alikubantu batsha kuphela ke eli siko, ndiyalibona nakwabo sele beqinile, ufike zisiwa ngamacala zimbi zishixiza iinto zikaThixo zinxuliwe.

Thina ke bengubo singafuni kunxulwa wofika silandela okanye silandelwa ngasemva, omnye phambili omnye ngasemva ngathi kusiwa isihewula ngamadikazi.

Nakuleyo ke andigxeki, ndithi kulungile ukuba kulandelelwane ngumfazi nendodakhe, apho omnye akhoyo nomnye abe kho. Ndinendawana endidina ngokungaphaya ke kule nto yasezivenkileni nabafazi.

Owam umfazi ufika sengasayazi eyona venkile nezinto ebesiphume sisiya kuzo ezivenkileni. Kuleyo singene kuyo ke ivenkile sakuyiyalula yonke, lo umfazi ehamba ecofa eyeka, ejonga nebesingezanga kuzo.

Singena siphuma ke kwezo venkile sendingasayazi neyona ikhangelwayo; sithi besele siphumile kwenye kufuneke ukuba masiphinde sibuyele kwakuyo. Madoda!

Akukhathaliseki ke nokuba siphume siphethe uluhlu lwezinto eziza kuthengwa na endlwini ukuya ezivenkileni, lo wam umfazi uyaphambuka kolo luhlu abone ezinye izinto athi ziyafuneka nazo.

Kambe ke inokwenzeka nakubanina into yokuba umntu kubekho aziphosayo xa esenza uluhlu. Kodwa zinkosi isingathi iba kukulibala okubaxiweyo apha kule yakuthi imazi.

Unenkcasalala nakwizinto ezithengwayo, afune eluhlobo oluthile nakwinto engenamsebenzi. Umntu ocalula nephepha eli lokuziphipha! Iimpundu ziqale zangubani zona ukuba zikhethe?

Ezam ziyazindatywa nangelitye nangenkanga nangesicithi xa ndiphaya endle! Zingakhalela ntoni ke kwiphepha khona sekusithiwa linjani? Suka! Ezithilini siwa ngaphantsi rhoqo kwimali esiyiphetheyo, kufuneke ukuba mayongezwe.

Uneqhinga lokuba sithi xa sisiya kulaa mantombazana emali abuye umva, azixakekise ukuze ndiyokufika ndodwa emtshinini.

Uyazi ukuba andikuthandi ukujika impahla sele iphambi komtshini, ndiyanyamezela ndizifake ezo nto nokuba zingaphaya na kwimali esesandleni, ndizipikice.

Kuleyo nto yokumana kusongezwa izinto ezingekho kuluhlu, nam ndazifumanela iqhinga lokumane ndizinyengeza endingaziboneli sizathu.

Njengokuba egqadaza egqiba ivenkile, mna ndisisipikipolo sakhe ndityhala inqwelo yeempahla, ndifumane ithuba elihle lokumana ndiphosa ngasemva, ezinye ndizinyengeze nakweza nqwelo zibane zijikiswa emtshinini.

Ndisenjenje nje ndidinwa kukuthetha, ukube ndinqandana nomfazi ezivenkileni!

Ndikwanomkhwa angawuthandiyo ke, wokuhlala enqweleni ndithi makangene yedwa ezivenkileni.

Oku kwenza ukuba athenge ngale mali besiyilungisile; ndingabikho ukugcwalisela iinto zakhe ezingekho luhlwini.

Akayithandi ke le nto, ukholwa ndibe sisipikipolo sakhe ecaleni kwakhe. Ndiyadinwa kukuphuma ndingena ezivenkileni.

Ndikholwa kukungena kwivenkile ibe nye, ndithenge ndigqibe kuyo apho, engekhoyo kuloo venkile ibe ndakubuya ngaphandle kwayo.

Ndiyadinwa nayimingcelele yasezivenkileni, kambe ke ndidinwa naluluphi na uhlobo lokulinda emgceni. Kananjalo andikholani nokuhamba ndibuka izinto endingathaneni nazo, ndibe ndiboniswa oonodoli abanxityisiweyo ngathi ndilungiselela ukuya kumnyhadala woonobuhle.

Mna ndiya kule venkile ndiphume ndisiya kuyo, kube kuphela! Ukungangeni ezivenkileni kokona kungcono kunokuba sibuye sesingathethisani nomfazi.

Ndithi ndakudinwa ndiqumbe. Abe ngathetha le ndithule ndithi tuu! Undithi tshuphu ke yena kanye ngoku aziyo ukuba iivenkile ziyasixabanisa, ufike ndiseso simuma nditsale ubuso ke emva kwakhe.

Mandishiywe xa kusiyiwa evenkileni ngumfazi, ahambe nabantwana bakhe kuba ke bona bayakholana neevenkile. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba