Ngenduku zikabani?

Endulo ibilibhongo into yokubetha iintonga nokutshotsha nokudanisa. Ibiyinto ethi ubani, kuthi madoda ke, ukuba wenza impazamo ebonisa ubuqhithala kuthiwe “kwekhu, yintoni na mfondini ukubangathi akuzange utshotshe?”

Ezi zinto bezisayanyaniswa nokuba zikhokelela kubuchule nobungqondi athi umntu abenabo akuba ebalasele ngobugcisa kuzo. Kambe ke nyhani, ukuba sinoke siziphicothe kakuhle singabubonisa bucace obu bungqondi zazikhokelela kubo ezi zinto, koko andikho apho namhlanje.

Sisaqhulana ngolo hlobo ke nangoku thina bantu baxhamleyo kwezo nto xa ubani kuthi efikelwa bubugangxa, kuthiwe akuzange utshotshe okanye akuzange udanise okanye akuzange wogqunywe.

Enye into ebithiyiwe mandulo phaya kukudlalela ezandleni zotshaba; ube yinto olufeketha ngayo utshaba lwakho. Kwasezimfazweni inkosi bekungafuneki ukuba ibulawe lutshaba.

Bekusithi ukuba kuyabonakala ukuba ibutho lamafanankosi liyoyiswa kwaye akusekho nto lingayenzayo ukusindisa inkosi, ithi inkosi kumphathi wamafanankosi makayibulale ngokwakhe endaweni yokuba ibulawe lutshaba.

Ukanti ke wona umthetho webutho ubusithi “masifeni sisilwa madoda”! Bekusithi ke ukuba inkosi ikucinge sele ishiywe lixesha ukuzicelela ukubulawa ngumphathi-mkhosi, utshaba sele luphezu kwayo, ibilucela ukuba luyibulale ngomkhonto wayo endaweni wowotshaba.

Kwalapho ke phofu inkosi ibingabulawa libutho lotshaba ngokwalo, beluyithimba luyise enkosini yalo ukuze sithathwe yiyo isigqibo ngemakwenziwe.

Ezimfazweni, kubandakanya nakwimilo yamakhwenkwe, ibutho okanye ihlelo belingayi emlweni liphethe amafokofokwana eenduku nezinto ubani aza kugalela kubekanye zaphuke. Bekukhethwa imivuthwa nemiqoqwa kwezona zomeleleyo iinduku, kumakhawu kuthathwe awenziwe ngolona fele lomeleleyo, emikhontweni kuthathwe kwenemiphini eyomeleleyo. Nangona ekududulweni kotshaba zibakho iinduku zotshaba ezifumanekayo, enokuba kungokungxwelerhwa kwabaninizo okanye ziphuncuke xa kusatywa, kodwa akuthenjelwa kuzo, zise zicholwe kubuyelwe nazo ekhaya.

Ibingenziwa into yokuthembela kwiinduku zeengxwelerha ukoyisa ibutho lazo, bekuqiniswa ezebutho elihlaselayo ngokwalo, hayi ukuba kuthiwe kuza kucholwa ezeengxwelerha koyiswe ngazo.

Buyandixaka ke obu buqhitala bungaka kubantu banamhlanje ukanti zikho izinto zokuba baqamele kuzo ukubanceda bafeze iinjongo zabo. Andazi nokuba kukulibala nokuba kukungahoyi na.

Indoda yemihla yethu ayiyifaki isephu emehlweni kukho enye indoda endlwini, kuba ayiyazi ukuba icinga ntoni na, nekutheni isaphandlwa yisephu iqhanywe nodonga.

Amapalamente aphikisayo inokuba ziwaphose njani na wona ezi zinto? Inokuba akazange aziva nasezimbalini bethu? Kukuthini imibutho ephikisayo, ingakumbi ekhokelwa ngabantsundu nabamele kubazi obu buqili, ukuba ithembele kwiinduku zotshaba ukududula utshaba lwayo?

Ibingaba bubuyatha obungazange babonwa ndawo ukuthi ibutho lamafanankosi linikise ngenkosi yalo kutshaba! Bekuya kuba kubhalwa imbali entsha ebiya kutshintsha zonke ezi mbali sele ndizibalisile, ukuba zithi xa zibaliswa kubekho nale iya kuthi izichithe, kutsho kungabikho nto kuqanyelwa ngayo ke.

Liyinyani lona elokuba baninzi abangasakholisekiyo yinkosi le. Kodwa emakuqondwe kukuba inkosi yinkosi yabantu bayo abazibekele ngokwabo, nokusuka kwayo ke kukwakubo. Noko ibe bubuyatha ukuthemba ukuba ubisi luya kwenza umahluko omkhulu kunamanzi ukuvusa iphango. Zombini kaloku ubisi namanzi azinantswane.

Ibutho elimiyo lidala, liyawazi la maqhinga kwaye linamacebo azo ezi meko, ubani ke ngoko makangazichitheli ixesha ngokuziqhatha.

Kumele ze icace nakuthathatha ngoku ukuba ukuthembela kwiinduku zotshaba kukuzikhanda ngenyheke etyeni.

Mayixoze mphini wumbi imibutho ephikisayo kuba lo ibiwuphethe waphukile! Ukuma nokuwa kwenkosi kusebantwini bayo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.