Umsebenzi wababhali abangamanina kweli lizwe awukhange ulifumane ncam ithuba lokupapashwa okanye unikwe ingqwalasela eyifaneleyo.
Oku ungakubona xa ukhangela amaphephandaba, noonomathotholo bexoxa ngoncwadi, kodwa belivinjwa ithuba ababhali abangamanina.
UGcotyelwa Mwahleni ngumbhali okwangutitshalakazi oyinzalelwane yaseNgqamakhwe eMpuma Koloni.
Kule nyanga yamanina kumele ukuba siqinisekise ukwandisa inani lamanina asebenza kwimikhakha eyahlukeneyo yentlalo ngokubanika ingqwalasela.
UMwahleni ubhale incwadi ethi ‘Ngenelela Somandla’ eluhlobo lenoveli nesihloko sayo sibonakalisa ukuzithoba okucela umdali wezulu nomhlaba. Xa amagqobhoka ecenga ukungenelela kukaThixo kuzeke kukho ingxaki okanye imfuneko yokuba kucelwe okuthile.
Incwadi kaMwahleni ethi ‘Ngenelela Somandla’ ithetha banzi ngempilo kamama uNobandla wakwaNofotyo eNgqamakhwe eMpuma Koloni.
Eli bali liqhubeka phakathi kweelali zakwaNofotyo eNgqamakhwe ukuya kutsho kwizitalato zedolophu yaseKapa.
Lo mama unguNobandla wayephila ubomi obumnandi kakhulu ngethuba lokuphila komyeni wakhe uSigegeza, kodwa zajika izinto esakuphelelwa ngumsebenzi utata. Amanina abhala ngokulinganayo okanye ngokufanayo kunamadoda.
Uninzi lweencwadi ezinikwa ithuba lokufundwa kumaziko emfundo ephakamileyo nakwezinye iindawo zezamadoda. UMwahleni ungumzekelo omhle kakhulu wokuba angavumi kugqunyelelwa ziimeko, kodwa asibonakalise isiphiwo sakhe sokubhala.
Ulwimi ngalunye lukhuselwa ngababhali balo ngokuthi bathi gqolo ukukhupha iincwadi ezibhaliweyo ezithetha ngemicimbi eyahlukeneyo.
Ukubhentsiswa kweengxaki zamanina ngokusebenzisa uncwadi luxanduva lakhe wonke ubani, kodwa amanina amele ukuba adlale indima ephambili.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi