Ngokabani na lo “As’phelelanga?”

INJINELI yeSABC eBhayi, eyashicilela igwijo elithi A’sphelelanga elisetyenziswa liqela lePSL iChippa United, ithi amalungelo eli gwijo akekho phantsi kweli qela lebhola ekhatywayo.

Kule veki iChippa United ivakalise ukuba iza kuthethana namagqwetha ayo kuba isithi ayonelisekanga kukusetyenziswa kwale ngoma yimvumi uVusi Nova.

Ethetha kwinkqubo yoMhlobo Wenene FM iBEE, uLukhanyo Mzinzi, umanejala weChippa United, uthe: “Isikhalazo sifakwe licandelo labalandeli bethu, besithi bafuna singenelele kule nyewe yale ngoma. Le ngoma sayishicilela ngoncedo loMhlobo Wenene, ze sayibhalisa ngo2014. Kubuhlungu kuthi kuba uVusi Nova ngumntwana walapha eMpuma Koloni, bekumele ukuba sithetha ngokuxhasana hayi ngale nto.”

Kodwa uNova uthi le yi ngoma kawonkewonke, ngoko ke akukho bani onebango kuyo.

“Le ngoma ligwijo lakudala, kwaye ndikhule ndiyicula. Nabanye abantu endibaziyo, kudala beyicula. Le nyewe bekufanele ukuba sithethe ngayo kakuhle phambi kokuba side size kwabeendaba nakumaqonga ezonxibelelwano.”

“Phambi kokuba sishicilele le ngoma, silwenzile uphando lwethu. Safumanisa ukuba le yingoma kawonkewonke, into ethetha ukuba ingasetyenziswa nokuba ngubani.

Le ngoma yekawonkewonke, ngoko ke akukho bani onebango kuyo kuba asingomqambi wayo,” utshilo uNova.

UMzinzi uthi kudala abantu befuna ukushicilela le ngoma, kodwa bengakwazi.

“Bafika sele kusithiwa siyibhalisile. Kukho nevenkile enkulu yePizza ebifuna ukusebenzisa le ngoma, kodwa ayizange ikwazi ukuyisebenzisa. Siza kuwuthabatha lo mba ngokwezomthetho, emva kokucelwa ngabalandeli bethu.”

Umsindleki weBEE, uPastor Nozewu, uxelele abaphulaphuli ukuba umntu owayeshicilela le ngoma kuMhlobo Wenene uthi amalungelo ale ngoma akekho phantsi kweChippa United.

“USiyabonga Hlekani uthi zange wawathengisa amalungelo engoma. Uthi emva kokuba eyishicilele, nguye owabhalisa ingoma,” utshilo uNozewu.