La ngamazwi athethwe nguSekela Mongameli, uPaul Mashatile ngethuba esenza intetho yakhe ephambili kwimibhiyozo yoSuku lweHlabathi lukaGawulayo kwibala lemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane, eMonti ngeCawe.
Ethetha nenginginya yabantu baseMdantsane, uMashatile uthe kubalulekile ukuba wonke umntu ophila nentsholongwane kagawulayo (HIV/AIDS) afumane unyango olugqwesileyo kunye neenkqubo zenkxaso.
UMashatile uthe zininzi iinkqubela phambili zenzululwazi kunyango eMzantsi Afrika, kodwa ilizwe loMzantsi Afrika liphakathi kwamazwe anezinga eliphezulu leHIV kunye namanani aphezulu esifo sephepha (TB).
“Baphantse babe zizigidi ezisibhozo (8 million) abantu abaphila neHIV, kwaye iTB ngowona nobangela wokubhubha kwabantu, ibulala malunga namashumi amahlanu anesithandathu amawaka (56 000) ngonyaka,” utshilo uMashatile.
Uthe xa kusetyenzwa noluntu, kufundwa ukuba yintoni ebumba inkcubeko, ulwazi, izimo zengqondo, neenkolelo zabo. Ukuqonda le miba kwenza kube lula ukuyila nokuphumeza ungenelelo olulungiselelweyo nolujoliswe kuluntu oluthile, olufana nolutsha.
I-HIV ixhaphake kubantu abatsha, ingakumbi iintwazana namagqiyazana aphakathi kweminyaka eyi15 kunye ne24, kwaye kukho ingxelo yeveki yabantu abayi1300 abosulelwa sesi sifo. Izinga losulelo kumakhwenkwe akwiminyaka efanayo liphantse libe ngaphantsi ngokuphindwe kathathu, nto leyo ethetha ukuba amantombazana asemngciphekweni wokosulelwa yiHIV,” utshilo.
Uqhube wathi, kukwakho imingeni ekulawuleni iHIV ebantwaneni kunye nokuqinisekisa ukuba basebenzisa amayeza, kungoko baye baphehlelela iphulo lokuphelisa iAIDS ebantwaneni ngo2030 (South African Chapter of the Global Alliance to End AIDS in Children by 2030) ngethuba lokubhiyozelwa koSuku lweHlabathi lukaGawulayo kunyaka uphelileyo.
Ukwabhengeze ukuba kukho abantu abaliqela abasebenza nabo, kuquka icandelo labucala kunye nee’arhente zophuhliso abaxhasa eli phulo besabelana ngobuchule babo kunye nezibonelelo eziyimfuneko.
“Intsebenziswano yabo yomeleza ukuzimisela kwethu ukuzalisekisa isithembiso sokuphelisa iHIV ebantwaneni nakulutsha ngokubanzi ngo2030. Sikunye, sakha ikamva elingenayo iHIV kumalungu angabona bantu basemngciphekweni kuluntu lwethu,” utshilo uMashatile.
Ubongoze onke amasebe karhulumente ukuba abandakanye iHIV/AIDS kunye neTB kwiinkqubo zabo zempilo emsebenzini. “Kwangalo moya mnye, sihlaba ikhwelo kwimibutho yezopolitiko, imibutho yabasebenzi, imibutho yabafundi, namanye amaqumrhu ukuba bakhuthaze amalungu nabaxhasi babo ukuba bazi ukuba banayo na iHIV, nabo bazaziyo ukuba banayo bayokufuna unyango kwaye bahlale kunyango,” utshilo uSekela Mongameli.
Amaphulo asasaza ulwazi ngesi sifo akhankanywe nguMashatile aquka, #ForeverWena, B-Wise App, Zikhala Kanjani kunye neBetter Man 4 Ngomso.
Umxholo wale mibhiyozo yalo nyaka uthi “Equal Rights, Equal Care,” othi makubekho ukufikelela ngokulinganayo, okunesidima, nokulinganayo kwezempilo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, kungajongwanga ubutyebi, isini, uhlanga, okanye indlela abazikhethe ngayo ngokwesondo. Umxholo ugxininisa isidima kunye nokuxabiseka komntu ngamnye ochatshazelwa yiHIV/AIDS.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!