Ukuhlohla abantwana abancinci kunayo imiceli-mngeni kodwa xa ubaxhobela futhi uzilungiselela kwaye usenza amacebo, kuye kubelula ukungqalana nabo, oku kudizwe ngootitshala ababini abahlohla izifundo zezibalo, iMathematics ngamanye, kumabanga aphantsi nabathe bafumana iimbasa zokuba ngootitshala abagqwesileyo ekuhlohleni izibalo.
Amawonga bawafumene eICC, eMonti, ngethuba isebe lezeMfundo eMpuma Koloni libambe umsitho wokuwonga ootitshala abagqwesileyo kwiphondo.
UMzikayise Bophumelela Ngxale (36), waseNew Town, kuQoboqobo, nohlohla iMathematics eDouglass Ross Primary eAmathole West nofumene imbasa (Excellence in Teaching Mathematics GET), uthi uva kamnandi ethe wafumana le mbasa kuba uthi kunqabile ukuqapheleka ngemizamo athi umntu ayenze.
“Nangona nje ndingenzeli kuqapheleka xa ndizimisela kumsebenzi wam endiwenzayo, okubalulekileyo kukuba kuphucuke imfundo yabantwana kwaye ndikwasusa nalanto sikhule kusithiwa iMaths inzima kwaye yeyabantu abathile. Bonke kweyam iklasi bayayazi iMaths abantwana ayinamntu utheni.”
UNgxale uthi kwasebuncinaneni bakhe ukhule eyazi iMaths kwaye eyithanda futhi ephila yona esekwiminyaka elula kakhulu kwaye ukubangutitshala weMaths oku akumothusi. Lo unyaka ngowesixhenxe ehlohla iMaths kwaye bonke abaphuma kuye basaqhuba kakuhle kwiMaths.
Encokola neli phephandaba uqhube wathi, unendlela yakhe kwanemfihlo enza ngayo ukuze abantwana bakwazi ukuyithanda kwaye bayithakazelele iMaths. UNgxale ufunde eFort Hare, eWSU kwakunye naseKapa, kwaye uzenzile nezifundo zobuGcisa iFine ART nangona eye waphela elandelela iMathamatics.
Utitshalakazi waseKomani, eChris Hani West, ofumene indawo yesibini ukuba ngutitshala ogqwesileyo kwizibalo (Excellence in Teaching Mathematics FET), uZethu Vuntu (29), nowathwesa isidanga sakhe eCPUT, uthi naye uziva echulumancile ngeli wonga. Uthi ewe ukuhlohla oonomgqushwana akukho lula ingakumbi iMaths kodwa xa into uyithanda kwaye ufuna nabo bayibone ngale ndlela uyibona ngayo oko kuye kwenze kubelula ukuba bayithande.
UNtombozuko Mkizwana, wesikolo iMandela SST kwiOR Tambo Inland, ufumene iwonga lokuba ngutitshala wonyaka (National Best Teacher Award). EBuffalo City Metro, nguZandisiwe Ngayo nohlohla iPhysical Science eMzomhle Secondary School.
Iikhathagori zezi mbasa bezilishumi elinesihlanu (15) zizonke.
UGqirha Nkosi, ophuma kwiDBE, uthe zonke iititshala zenza umsebenzi omhle kwaye omkhulu. Uthi iMpuma Koloni liphondo elikhulu kodwa kunjalo liyatyhudisa lizenzela igama.
“Nonke niphumelele, kuyabonakala enikwenzayo nokuba awufumananga mbasa namhlanje. Siyabulela Mphathiswa ngokwenzayo, siyazidla ngeetitshala zakho,” utshilo uGqirha Nkosi.
Ophuma kwaSADTU, uNkululeko Mphangalala, uthe iititshala azikhuselekanga ezikolweni. “Izaphuli-mthetho zenza unothanda wazo ezikolweni, ootsithsala bethu babulawa besemisebenzini.”
UMphangalala ukwathe bayakuvuyela nokufakwa kukaGrade R kuba ngaphambili kwakukade kujongwe uGrade 12 kuphela.
UMphathiswa wezeMfundo wePhondo, uFundile Gade, uthi akukho nto ibuhlungu kuye njengokugxekwa kweMpuma Koloni kumakhasi onxibelelwano, uthi okumhlupha nangakumbi kukuba igxekwa nangabaphuma kuyo. Naye ukhuthaze ootitshala encoma nangomsebenzi abawenzayo ukuphucula imfundo.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi