‘Ngootsotsi ootitshala abanxiba iijini nezikipa’ – Makupula

UMPHATHISWA wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula ukhwele ezehlela kootitshala abanxiba iijini, izikipa neeteki esikolweni esithi “balihlazo” elingumfuziselo wobutsotsi.

Ethetha eMdantsane kule veki, uMakupula uthi utitshala oya esikolweni enxibe ijini, isikipa neeteki akangomzekelo kubantwana besikolo.

“Abantwana xa bebona utitshala onxibe ijini, isikipa neeteki zohlobo le-All Star bacinga ngokhuseleko lezipaji zabo, kuba ngutsotsi umntu onxiba kanjalo. Andizukukhupha umyalelo othi makunxitywe kanjani, kodwa ingase utitshala anxibe ngendlela endilisekileyo,” utshilo uMakupula.

UMakupula waqeqeshelwa ubutitshala wahlohla izifundo zezibalo nenzululwazi. Uthi ikhondo lobutitshala yinto esondele kakhulu kwintliziyo yakhe, ngoko ke uye angathandi xa ebona ootitshala benxibe ngendlela engafanelekanga.

Lo Mphathiswa uthi yatyumka intliziyo yakhe ngethuba egagana negosa lezemfundo eliyinkosikazi eBhayi. Uthi eli gosa lalinxibe ilokhwe eveze amadolo, namathanga ebonakala.

“Ndandicinga ukuba ngusisi ococa isikolo kanti ukwisikhundla esiphezulu esikolweni. Ndathi ndakujonga loo madolo ndabona ukuba uyile ntanga yam. Amadolo omntu okule ntanga yam noko sele ebutshaza. Ndathi ndakujonga nezithende ndathi ‘Thixo!’.

“Ndacela ukuba ndikhe ndidlane indlebe naye kukho inqununu yakhe. Ndamxelela into enye eyokuba ndicela anxibe ngokundilisekileyo. Wandibuza lo titshala ukuba kutheni ndithetha lo nto, ndathi andinamdla wokumxelela ukuba kutheni ndisitsho,” utshilo uMakupula.

Abantu abebekwiholo laseMdantsane City abakhange bakwazi ukuyibamba intsini ngethuba uMakupula ebonakala esemsindweni ngale nyewe. “Umfundisa njani umntwana uveze amadolo ashwabeneyo natsolo?” kubuza uMakupula.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za