Ngqanga neentsiba zayo

Ngqanga nentsiba zayo, yintoni le ngqanga?

Amaxesha amaninzi abantu xa bethetha bayathanda ukuqala ngale ntetho ithi ngqanga nentsiba zayo. Kuqheleke kakhulu ukuva le ntetho kodwa kwelinye icala kuvuselela umdla wokufuna ukwazi ukuba yintoni ingqanga okanye ngubani ingqanga?

Ingaba yintaka okanye yinyamakazi, uhlobo abantu abathetha ngalo ngayo kubonisa ukuba kumele yintaka kuba yintaka eneentsiba.

Izazi neengcali zemicimbi yentlalo ziyavumelana ukuba eli gama lisoloko libhekiselele kubani onesidima nesithozela esithile entlalweni.Yiyo loo nto xa ubani eqala intetho ebhekisa kubani ophethe inkqubo athi Ngqanga neentsiba zayo.

Ayaziwa ncam nendawo efumaneka kuzo le ntaka, kodwa iyintaka yasehlathini. Yiva zithini izazi neengcali zentlalo.

Mlawu Tyatyeka

Ingqanga yintaka yohlobo oluthile engafane ibonwe okanye ifumaneke phakathi kwabantu, ihlala emahlathini ngokufihlakeleyo.

Le ntaka ikudidi lezintaka kuthwa ngooKhetshe, kodwa inobukhulu ngendlela eyakhiwe ngayo nangokuba inemiqondiso ehamba nayo.

Uva kusithwa xa ithe yabonwa ihamba phezu komkhosi wesizwe, esithi ixela ukuba elo qela maliqine liye phambili kuba liza kweyisa emfazweni ngenxa yobukho beNgqanga.

Inkolo yesiNtu ithi ukufumaneka kwesiba layo kuthetha ukuba ubani lowo ulandelwa lithamsanqa ngenxa yesiba leNgqanga, iintsiba zayo zinexabiso nethamsanqa.

Umntu ofaniswa nale ntaka iba yiKumkani okanye iNkosi, amaphakathi wayo afaniswa neentsiba zentaka kuba nabo banalo ixabiso abanalo.

Ubulongwe bale ntaka bukwanexabiso nabo, abantu bakholelwa ukuba buthe bawa phezu kwakho ubulongwe bayo ufumene ithamsanqa.

Nkosi Siqithi Maqoma

Ndimngaka nje andizange ndiyibone le ntaka, kodwa ndazi ukuba yintaka enexabiso eli lodwa ngenxa yendlela edalwe ngayo. Inkulu ingange xhalanga, intle, kodwa yona ihamba nethamsanqa ngokwendalo yayo le ntaka.

Yintaka enesidima, athi lowo ufaniswa nayo ibe ngumntu ohloniphekileyo entlalweni, onesidima, onamahlakani athile aphantsi kwakhe kulo msebenzi awenzayo.

Ngenxa yobukhulu ubunganga nesidima sayo le ntaka, wonke ubani usoloko efuna ukufaniswa nayo, yilo nto abantu bakuvuyelayo ukubizwa ngokuba bazingqanga neentsiba zayo.

Sam Kibi

Ingqanga ngulo umkhulu kunabanye, abanye aba bafaniswe ke neentsiba ezikuloo nkokheli, kuyacaca ukuba yintaka enkulu kunezinye le. Umzekelo kumntu ophethe iofisi, yena ufaniswa nengqanga abantu abaphantsi kwakhe bafaniswe neentsiba zakhe.

Amaxesha amaninzi, le ntetho isetyenziswa ukukhuthaza umntu othile kumsebenzi wakhe ukuze azibone nje ngomkhulu ngenene.

Kodwa kufuneka siphande nzulu ngale ntaka, size ngaphambili nolwazi oluchanekileyo ngayo ukuze sifundise isizwe ngokubanzi.