Ngqushwa FM: Umsasazi obumb’ingomso

USisonke Keke Mthathi owaziwa ngoMiss K kumaza omoya eNgqushwa FMUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

USISONKE Keke Mthathi unamaphupha neengcingane ezixandileyo ongenakuzithelekisa nesiqu sakhe, kodwa uthi wakusondela ecaleni kwakhe uqaphele ukuba amaphupha akhe alingana twatse nengqondo yakhe.

Usemncinane ngokweminyaka, kodwa ingqondo ixandile- icinga apha naphaya. Kuye ngaphakathi kuzele intshisakalo yokubumb’ ingomso, hayi elesiqu sakhe kuphela koko nabo bamngqongileyo okanye abafuthelana naye.

UKeke (22) ngumsasazi kwinkqubo ethi The Satisfaction kwisikhululo iNgqushwa FM, ukusuka ngentsimbi yesithoba ukuya kwicala emva kwentsimbi yeshumi elinanye kusasa ngeentsuku zeveki.

Kule nkqubo lo msasazi, owaziwa njengoMiss K okanye iBoss of the Airwaves, uqubisana nemingeni eliqela equka imiba yezempilo kwanokunikwa iqonga kwiimvumi ezisakhasayo. UKeke uthi unomathotholo sesona sixhobo sibalulekileyo ekutshintsheni impilo zoluntu.

“Akukho nto indikhuthaza njengokubona umzekelo ophilayo wabantu abancedwe yinkqubo yam. Eyona nto izakundikhulisa kunomathotholo kungokuba undipha indlela ekhethekileyo yokucinga,” utshilo uKeke.

UKeke uthi akazange acinge ukuba uyakuze abengumsasazi, nanjengoko engazange walifundela eli candelo.

“Mna ndiyimvumi kwiqela lomngqungqo laseQonce, iSounds of the River. Ndeza kuvavanyo-lizwi (auditions) apha, emva koko ndathathwa. Emva kokuba ndingene kunomathotholo, ndiqaphele ukuba ndenza into endiyithandayo,” kutsho uKeke.

UKeke uthi kwinkqubo yakhe sele bekhona abaphulaphuli abancedakale ngenxa yayo. “Ngenye imini ndandinesihloko esithetha ngokuphatheka kakubi kwabantu abangootata, ze ndatsalelwa umnxeba ngumphulaphuli oseBhayi esithi isihloko sam sikwazile ukumnceda kuba ebengathethi nomama womntwana wakhe,” utshilo uKeke.

UKeke ukwakhuthaze abanye abasasazi boonomathotholo basekuhlaleni, esithi mabakholelwe kwizakhono zabo bayeke ukulinganisa abasasazi boonomathotholo bakazwelonke.

“Sele ekhona uLulu [Haarmans], ngoko ke akukho sizathu sokuzenza yena. Ewe akukho ngxaki xa umthanda, kodwa ukumlinganisa yinto engamkelekanga,” utshilo uKeke, othi intandane athanda imisebenzi yayo nguBonang Matheba.

Kusenjalo, umanejala waseNgqushwa FM uLutho Mbeve, uthi bachulumancile yindlela abasabele ngayo abaphulaphuli kwesi sikhululo esiqale kumaza omoya ngenyanga kaCanzibe kulo nyaka.

“Iinkqubo zethu zisekelezelwe ekuphuhliseni uluntu, futhi siyazicwangcisa,” utshilo uMbeve.

INgqushwa FM ifumaneka ku-99.4 uyokuma ku-99.6 kwaye iphumela kwiindawo eziliqela eMpuma Koloni.