Ngubani ofuna imbasa yeCrown Gospel Awards?

ITHUBA lokutyunjwa kwiimbasa zesihlandlo sethoba zeSABC Crown Gospel ligalelekile. Eli lithuba lokuba nayo nayiphina imvumi yomculo wegospile isondele nganeno.

Le nyoba ivulwe kwiimvumi, abavelisi bomculo, abapapashi, ababhali, oomanejala, izikhululo zikanomathotholo njalo-njalo.

Amawonga weeCrowns azakube ebanjelwe eDurban ICC ngomhla we-27 kweyeNkanga 2016.

“Kulo nyaka siquke neemvumi zehlabathi kumculo wegospile, kongezwe nabo bangaziwayo banetalente, kwaye iindwendwe zakonwatyiswa zingoma ezaziwayo.

Kwakhona, kulo nyaka iiCrowns zizakuhlalelwa yiChristian Expo ngomhla we-25 ukuya kowe-27 kweyeNkanga, nalapho yonke into yobuKrestu izakube iboniswa khona.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe tsalela ku-031 303 3520, lowo nguMsunguli weeCrowns, uZanele Mbokazi.

Malunga nama-39 wamabakala kulo nyaka naxa kuthelekiswa nalawo angama-36 wonyaka ophelileyo. Amabakala awongezwe kulo nyaka, Best Traditional Gospel Album, Best Gospel ne Jazz Song.

Iifomu zabatyunjwa zifumaneka kulo mnatha umtsha: www.theafricangospel.com okanye uyokuzithathela kwii-ofisi zeThe World Gospel Powerhouse, okanye ubatsalele umnxeba ku 27 31 303 3520.

I-Crown Gospel Awards zixhaswa liphephandaba Isolezwe, Sowetan / Sunday World neSABC.