Ngubani ofundisa abantwana ngepolitiki?

Iiholide zesikolo zisaqhuba kwaye kuhle ukubona abazali abaninzi bethatha ikhefu emisebenzini yabo behoye abantwana phakathi evekini. Lixesha elibalulekileyo eli ngoba kaloku unyaka lo wonke abantwana bahlala esikolweni ixesha elininzi, bambone ngokuhlwa umzali qha.

Uyakufumanisa ukuba akho mfundiso ingako umzali anokuyihlohla kumntwana wakhe ngelo xeshana. Kusasa kuvukwa kuleqwe esikolweni. Le nto umntwana aye abeyiyo sekubonakala ngathi ibunjwa sisikolo esi afunda kuso.

Kwabo bakwaziyo abantwana babo baye babathumele kwizikolo zasedolophini, ezazifudula zisaziwa njengeeModel C mandulo. Uyakufumanisa ukuba kwezo zikolo kusekho inguqu ngokohlanga kootitshala ayikenzeki; ewe ubakhona utishalakazi ofundisa isiXhosa, mhlawumbi noqeqesha kwezemidlalo. Iphelele apho.

Ingaba siyabazi ukuba bafundiswa ntoni abantwana bethu kwezi zikolo?

Lo mbuzo ndiwubuziswa yinto yokuba ulonyulo loomasipala lugalelekile. Kushiyeke nje iiveki ezintathu, sibe siyavota.

Andazi nokuba bakhona na abazali abababuzayo abantwana babo ngemiba yepolitiki. Nokuba umntwana usemncinci, akazokuvota, kubalulekile ukuva ukuba wazi ntoni ngezi zinto.

Ndikhe ndabuza iqela labantwana ebebezidlalela esitalatweni ukuba bacinga ntoni ngomongameli weli. Impendulo ize itshisa ukuba urhwaphiliza imali kwaye akanaxesha labantu abakhokelayo. Ayiphelelanga apho, bangene nakwinkokeli yeEFF, uMalema, besithi uzakulisa kwantshabalalo izwe lethu. Emva kokundicacisela zonke ezi zinto bajike bandibuza ukuba ndizakuvotela bani. Bona bathi soze bavote. Uzibuze ukuba umntwana omncinci uzithatha phi ezi zinto. Uyakufumanisa ukuba zizinto abaziva esikolweni. Yimizekelo abayenzelwayo phaya.

Ewe, bayaziva ezindabeni kodwa kufuneka siqaphele ukuba abantwana bethu bafundiswa ntoni ngepolitiki besebancinci. Sesizama ukukhuthaza ulutsha lwangoku ukuba maluvote kungenxa yokuba zange sibafundise ngezi zinto besebancinci.