Ngubani okhathalela oomama, xa bona bekhathalele ootata?

Xa abafazi kusithiwa mabakhathalele amadoda abo, bona bazakukhathalelwa ngubani?

Lo ngumbuzo okhatshwe yingxoxo evele ngethuba iMasimanyane Women’s Support Centre ibambe indibano namanina eqela elibizwa ukuba yiBumb’ingomso ephantsi kweMasimanyane eDuncan Village eMonti kwiveki ephelileyo, apho ongumbhali wencwadi nokwalitsha-ntliziyo uMalebo Sephodi, ebesabelana nala manina ngeengcebiso zokunabisa intlalontle kumanina.

USephodi, ongumbhali wencwadi ethi Miss Behave, uthi undoqo kubantu abangamanina kukuba azikhathalele, azithande ngokunokwabo kuqala phambi kokuba bakhathalele amadoda abo.

“Ukuzikhathalela ayikokuba ubenemali okanye uzame imali eninzi. Kungohlobo oziphatha ngalo, uzimisele kulo nto uyenzayo ngalo elo xesha. Zininzi izinto onokuthi uzenze ngaphandle kwemali, ngokomzekelo, ukutyala igadi kokunye okuphilisayo nangaphakathi emphefumlweni kwingxaki ojamelene nazo.”

USephodi uthi amanina mawahlukane nokuzijongela phantsi. Uthi ngaphakathi kwincwadi yakhe ayibhalileyo uvelisa uhlobo acinezeleke ngalo amanina kuquka emisebenzini, ezinkonzweni kwanakwezopolitiko. Le ncwadi ikwangobomi bakhe.

USephodi uthi izinto ezenziwa ngoomama azithethwa kakhulu kusoloko kuqaqanjiswa ootata, tata abo bakhula kwiindawo abakuzo ngenxeni yenkxaso yamakhosikazi awo.

Uthi amanina akhula kukho into ethi indawo yawo isekhitshini mawapheke, akhathalele abantwana, akhathalele abayeni, kufane nokuba wena mama amaphupho la awunawo ngobom bakho. Uthi kwindawo okuyo qiniseka utshitsho luyenzeka kwindawo yakho yokuhlala. Uthi amanina mawafane nalawo ka1956 awenza imbali yokuvuka azilwele.

Umanejala weprojekthi iBumb’ ingomso eMasimanyane, uNomsa Mbovani, uthi kweli ityeli babone kubalulekile ekubeni uMalebo bamzise ebahlalini ingakumbi abo baneengxaki ezifana nezo zikhankanywe kwincwadi kaMalebo. IBumb’ingomso ijongene nokukhuthaza ukhuseleko kwisifo sikagawulayo kwanokukhathalela ukusetyenziswa kwekhondom.

UMbovani uthi bongezelele nenkqubo ejongene nabantu abatsha ukujonga kwanokuphuhlisa izakhono kwanokubakhuthaza balandelele amaphupho abo. Kukwalindeleke ukuba abafundise kwanangamalungelo abo abatsha nabadala.

Ukanti neenkqubo ezijongene nokukhulisa iingqondo zabantu abangootata ukuze isizwe sitshintshe zikhona eMasimanyane. UMthetho Tshemese ojongene neenkqubo zokwakha amadoda uthe: “Sifuna ukutshintsha izimilo zootata ngokuthi silwe ubundlobongela obugqubayo elizweni, sibuyele kundalashe apho indoda yayihlonipha kwaye ikhusela umntu ongumama. Konke oko kuxhomekeke kwakuthi madoda kuba ikwasithi abenzi bobubi kumanina.”