Ityala lowona nobangela owabulala abantwana abangamashumi amabini ananye (21) kwithaveni iEnyobeni eScenery Park ngo2021, kwanoyena unokubekwa uxanduva lokubhubha kwabo alihlelanga xesha lide ngoMvulo kule veki ngenxeni yokuba Inkundla isafuna ukuziqhelanisa namaxwebhu amangqina njengoko emaninzi.
Eli ityala beliqhuba kwiNkundla yeNgingqi yamaTyala eMdantsane okwesibini njengoko lisusiwe eMonti ngenxa yokoyikiselwa ingxinano.
Amangqina alindelekileyo angamshumi amathathu anesihlanu (35) ewonke ekulindeleke ukuba akhwele eqongeni anikezelele ngobungqina.
Eli tyala lizakubuyela ngomhla we26 kwinyanga ezayo uOkthobha eMdantsane kwakhona.
Kusenjalo ityala elikwajongene nesi sibini uSiyakhangela Ndevu kwakunye noVuyokazi Ndevu elimalunga nokuthengiselela abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi18 kwithaveni yabo lizakuqhuba eMonti lona iintsuku ezimbini kwinyanga ezayo nalo ngomhla we24 ukuya ku25, ooNdevu kwiNkundla bathe abanalo ityala.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?