Ngubani ozakuphatha iMpuma Koloni?

Nomakhosazana Meth

Umba oshushu kwiANC eMpuma Koloni ngowesithandathu esizakukhokela lo mbutho emva kwenkomfa yokonyula iinkokeli zalo mbutho kweli phondo ekuhambeni konyaka.

Le nkomfa ibaluleke kakhulu kwisigqibo seli phondo ngenkokeli elizakuyixhasa ukuba ingene ezihlangwini zikamongameli weANC uJacob Zuma kwinkomfa yeANC kazwelonke kweyoMnga.

Iingxelo ezivakalayo kweli phephandaba zezokuba ingingqi yeOR Tambo, neyeyona ngingqi inkulu yeANC eMpuma Koloni ifuna uNobhala wephondo uOscar Mabuyane ukuba abe ngusihlalo wombutho, nto ekwathetha ukuba uyakuba yinkulumbuso elandelayo. .

Zozibini ezizikhundla zibanjwe nguPhumulo Masualle ongekacacisi ukuba uzakuphinda angenele unyulo lokukhokela eli phondo kusini na.

I-ANC eMpuma Koloni, neliphondo eligcwele amaphandle yohlukene kubini phakathi kwabo baxhasa inkokeli engqiyame ngakuZuma, kwakunye nabo bafuna usekela mongameli weANC, uCyril Ramaphosa, ukuba angene ezihlangwini zikaZuma.

Inkxaso kaRamaphosa icace ngakumbi ngethuba esothula intetho yomhla wesibhozo kweyoMqungu eMthatha ngempelaveki. Uluhlu lamagama eenkokeli zeANC kweli phondo abhabha emoyeni kumakhasi onxibelelwano, nachazwa njengawabo bagacele ukuba ngusihlalo, ami ngolu hlobo:

Ngaphandle kukaMabuyane, nguSekela Mphathiswa wezoNxibelelwano uStella Ndabeni, uMphathiswa wezoLimo noPhuhliso lamaPhandle kweli phondo uMlibo Qoboshiyane, owayesakuba nguSekela Mongameli wolutsha leANC uAndile Lungisa, nonguceba walo mbutho eNelson Mandela Bay, kwakunye negama likaSodolophu waseOR Tambo uNomakhosazana Meth.

Kwakolu luhlu kukwakho igama likaNcedo Kumbaca, owayesakuba yintatheli, nolilungu leKomiti kaSodolophu elijongene nezinto ezisisiseko, nobunjineli kuMasipala ombaxa iBuffalo City, uNobhala weANC eOR Tambo uLulama Ngcukayitobi, uNobhala weANC eAmathole uTeris Ntutu noSomlomo kuMasipala iAlfred Nzo uTsileng Sobuthongo.

Igama likaMasualle alikho kuluhlu lwala magama, nto leyo idala amathandabuzo ngengomso lakhe njengenkokeli yeANC kweli phondo. Ilungu leANC elinolwazi ngokuqhubekayo kulawulo lalo mbutho kweli phondo, nelicele ukuba silifihle igama lalo lithe, “Isigqeba esikhokele iMpuma Koloni sizakubamba intlanganiso ezakuxoxa ngekamva lakhe (uMasualle), usezakuba ngumthunywa weANC, kodwa akukabikho sigqibo sokuba sizakumthuma kuzwelonke okanye phi.”

Le nkokeli ikwathe impumelelo yalowo ukhokele eli phondo iyakuba ngumkhomba-ndlela wokuba iANC kweli phondo izakuxhasa uNkosazana Dlamini-Zuma okanye uRamaphosa.

UMabuyane uxelele eli phephandaba ukuba akukabikho sigqibo ngosuku lenkomfa yombutho wephondo, kodwa ilindeleke ekupheleni kweyeSilimela ukuya kweyeKhala.

Walile ukuthetha ngomba wamagama wabo bazakutyunjwa njengeenkokeli zombutho kweli phondo, ngelithi alikafiki ixesha lalo nto.

“Sifuna ukuba amandla wamalungu eANC abe sekuqinisekiseni ukuba amasebe ame kakuhle ngaphambi komhla weshumi elinesihlanu kweyoMdumba,” utshilo uMabuyane.

Ukwathe eyona nto bagxile kuyo kukuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kweli phondo.

– isibhalo@inl.co.za