Ngubani uMandisa Maya?

UMandisa Maya oza kuba yiJaji eyiNtloko entsha yaseMzantsi Afrika ukusuka ngomhla wokuqala kweyoMsintsi 2024.

UMandisa Maya utyunjwe ukuba abeyintloko yeeJaji zoMzantsi Afrika ukusukela ngomhla wokuqala wenyanga ezayo. Oku kusemva kokuba uJaji uRaymond Zondo ezokuhlala phantsi njengeJaji eyongameleyo.

UMaya usebenze njengeSekela likaJaji uZondo ngaphambi kokuba atyunjelwe kwesi sikhundla siphezulu kwezomthetho. Le yinzalelwane yeendawo ezimbini, uMthatha kwakunye nakuTsolo eMpuma Koloni.

Uncance imfundo yakhe kumaziko aziwayo wezemfundo aquka iSt John’s College yaseMthatha kwakunye neYunivesithi yaseTranskei. Ngenxa yobukrekrele bengqondo, ukwazile ukunabela kwiiYunivesithi zehlabathi eziquka iYunivesithi yaseDuke eMelika.

Wenze imbali ngokuba ngowasetyhini wokuqala kweli loMzantsi Afrika ukutyunjelwa kwesi sikhundla. Olu luphawu olubonisa ngenene ukuba ilizwe loMzantsi Afrika likwiinzame zokuqinisa iimpawu zokuba abantu bakhululekile.

UMaya uzalwa likhaya elalinotata nomama ababengabafundisi-ntsapho ngexesha loRhulumente waseTranskei.

Uqale ukuba ligqwetha elipheleleyo ngonyaka ka1994 nekuthe kamva wazinabisa mpela iimpiko zakhe kwezomthetho. Usebenze njengomhlohli kwiYunivesithi yaseTranskei ngelo xesha nesele isaziwa ngokuba yiYunivesithi yaseWalter Sisulu.

“Andizange ndicinge ukuba ndingabamba isikhundla esifana nesi, oku konke kwenzeke ngokuhamba kweminyaka nokukhula komdla wam kwezobulungisa,” kucacisa uMaya.

Ezobulungisa kweli zihleli kwizandla zabamhlophe ixesha elide kwaye zisetyenziswa njengesixhobo sokucinezela abantu abamnyama.

UMaya usebenze namagqwetha afana noNkosi Mwelo Nonkonyana wesizwe samaBhala emaMpondweni. Bonke abo asebenze nabo bamchaza njengegqwetha eliphume izandla kumsebenzi walo.

Ukunikwa kwakhe esi sikhundla kuyinkuthazo enganakuchazwa ngokukodwa kumanina asakhangela ikamva. Oku kuza kuba yinkuthazo kumanina amancinci asandula kungena kwezomthetho kweli nakwihlabathi.

IMpuma Koloni iyaziwa kweli ngokuvelisa amagqwetha angoompondozihlanjiwe, kodwa uMaya lelokuqala igqwetha elingowasetyhini ukuba lithathe isikhundla esiphezulu.