Lo ngomnye wemiba ebesematheni emaphepheni kule veki. Oku kulomelezile uluvo lwam lokuba konke okuyinkululeko yedemokhrasi kusoloko kunokumcinezelayo!
Amadoda amabini abelungu azibone efanelene kwaye kulilungelo lawo ledemokhrasi ukuba atshatane. Igama ‘ukutshata’ ke ndilisebenzisa ngokwemeko elisetyenziswa ngayo njengoko lithathelwe esilungwini, kuba ke thina siyendisa asitshatisi. Atshatene ke la madoda!
Akanelanga nje kukutshatana, afune ukuba nomntwana. Kuba ingena kwenzeka leyo nto ngokwendalo, acele bhinqa lithile ukuba liwathwalele isisu. Iqanda ekuthiwa ngabenzulu-lwazi umntu unalo linkinkqwe bhinqeni limbi, lafakwa kweli livume ukuthwala isisu.
Kwiqanda elo lifakwe kule nkazana kutyalwe imbewu yala madoda omabini; kuba ke anayo engemadoda nje. Konke oku kuvakala njengebali lobugqwirha, kodwa kwenzekile mfundi, kukholelwe.
Kulowo mlingo ke ndiwubalisayo, inkazana ebithwaliswe isisu izele iintsana ezintathu ngamininye.
Iintsana ezo zinikezelwe kula madoda kwangelo xesha ukuba ziwafukame, kusithiwa ke kwenzelwa ukuba alamaniswe nazo. Kubekho kuwo ekufuneka ithabathe ikhefu emsebenzini, ihlale nabantwana ekhaya ixesha elihlalwa ngumdlezana ofukamileyo ngokwemithetho yeli lizwe. Yafukam’ indoda!
Ndimangalisiwe ndinjalo ke yile nkqubo, kubekho indawana ethande ukundihlekisa ke noko. Nganye kula madoda ibange iimpawu zayo kuzo zontathu ezi ntsana, isithi enye ikhomba iinzwane ibe enye ikhomba impumlo kusana ngalunye, kanye oku komfazi nendoda emntwaneni abamzeleyo. Ibimele ukubakho ke loo ndida, kuba kaloku kutyalwe imbewu yawo omabini la madoda.
Akuzange waba ngoowamadoda amabini ke umntwana; mmo! Nakwezobuhule ibakho ebethwa ngemf’ iphindiwe. Iyaqaleka ke ngobu bugqi baba bantu, ukuba ikhona ke phofu.
Umbuzo ke kumaphepha-ndaba ibe ngowokuba makube ngubani ke ngenyani oyena yise wezi ntsana kula madaoda mabini? Kaloku kusetyenziswe imbewu yamadoda amabini. Wona aziphendulele ngelithi akafuni kuyazi loo nto, zezawo omabini ezo ntsana. Kukwanjalo nasekuchazeni oyena nina. Imazi ebamithiyo yabazala iqanda lelenkinkqa. Ndaza ndakuva zwindini!
Indawana endihluphayo kukuba aba bantwana baliphuciwe ilungelo lokuzikhethela kule nto. Kube yinkululeko yala madoda kuphela ukwenjenje. Wumbi wothi kuba njalo nakowuphi na umntwana.
Kodwa umahluko kule imeko kukuba oku yinto yangabomu kwaye ayiqhelekanga. Kude kwangqinwa ukuba iyaqaleka kweli ilizwe, kukwakrokreleka ukuba yeyokuqala ehlabathini liphela.
Noko ke ndiyibone ingenamfobe le demokhrasi ukwenjenje. Enokuba aba bantwana baza kufundiswa ukuyamkela imeko yabo, bakhule beyamkelisiwe ke de nabo mhlawumbi bayithethelele, kodwa oko akusayi kuba yinto abazikhethele yona njengoba la madoda enzile wona.
Aba bantwana baza kuphila impilo yokuhlala bezithethelela ukuzenza bamkeleke naphi na apho bahamba khona ubomi babo bonke.
Ingade ibe ikho imithetho yokubakhusela, kodwa abantu bosoloko beyithetha ngokuyithetha imeko yabo naphi na apho bababona khona kwaye akuyi kuhlala kakuhle oko kubo.
Umntu wemvelo ukholelwa ukuba izinto zimele kuhlala zinjengoko zadalwayo, zithi eziguqukayo ziziguqukele ngokwendalo. Makwaziwe ke ngoko ukuba bakho abo bantu kwaye kulilungelo labo ukwenjenjalo. Ndingemi ndleleni yedomkhrasi yamntu nje kodwa andinyali ke ukuzivakalisa izimvo ezinjalo.
Kubashumayeli-demokhrasi enje, oku kuthetha ukuba eli lizwe lihambela phambili ngedemokhrasi yalo. Mna ke ndiyahluka kwaye ndicela ukuhlala ndinjalo. Inene siseza kuyicel’ ivuthiwe ngulo Mgaqo-sisekondini! Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis